IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/06 iphe. 30
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Mxabise Umama Wakho”
  • Ulutsha Ludidekile Ngemilinganiselo Yokuziphatha
  • Ukuba Sengozini Yokwasulelwa Yintsholongwane Iprion
  • Ukufuna Ukuhlisa Umzimba
  • Unyango Ngokutofela Igazi Ngaba Luya Kuqhubeka Lusetyenziswa?
    Vukani!—2006
  • Ngaba Kuyimfuneko Ngokwenene Ukwenza Umthambo?
    Vukani!—2005
  • Utofelo-gazi—Lukhuseleke Kangakanani?
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
Vukani!—2006
g 2/06 iphe. 30

Okwenzeka Ehlabathini

◼ Ngokusekelwe kumntu ngamnye ohlawula irhafu, urhulumente waseSpeyin unikela nge-0,5 ekhulwini yemali yerhafu kumaziko angathabathi ntweni okanye kwimibutho yamaKatolika. Nakuba ingabantu abangama-80 ekhulwini abathi bangamaKatolika, ngamashumi-20 ekhulwini kuphela abeka imicondo ecaweni.—EL PAÍS, SPAIN.

◼ Isicangca sokuphila kwabantu esipapashwe liziko eliyi-Institute of Actuaries sithi: “Indoda eneminyaka engama-30 ubudala etshaya icuba icutha ubomi bayo ngeminyaka emihlanu enesiqingatha, yaye ukuba libhinqa elitshayayo libucutha obalo ngeminyaka engaphezu kwemithandathu enesiqingatha.” Noko ke, ukuyeka ukutshaya xa uneminyaka engama-30 kunciphisa amathuba okufa ngenxa yezifo ezinokuthanani necuba.—THE TIMES, yaseNGILANI

◼ Ebudeni bowama-2004, imiphanda yeoli esetyenziswayo suku ngalunye yande ngesi-3,4 ekhulwini ukusa kwizigidi ezingama-82,4. Phantse isiqingatha solu lwando sibangelwe yiUnited States kunye neTshayina. IUnited States isebenzisa imiphanda yeoli ezizigidi ezingama-20,5 suku ngalunye ngoxa yona iTshayina isebenzisa izigidi ezisisi-6,6.—VITAL SIGNS 2005 WORLDWATCH INSTITUTE

“Mxabise Umama Wakho”

Abahlalutyi ngezinto ezinokuthanani nemisebenzi yabantu baqikelela ukuba, ukuba umama waseKhanada onabantwana ababini abahamba isikolo ebehlawulwa ngomsebenzi wakhe, umvuzo wakhe ngonyaka, oquka amaxesha awongezelelekileyo, ubuya kuba ziidola zaseKhanada ezingama-163 852 (R883 162). IVancouver Sun ithi le mali ibalwe ngokusuka kumvuzo wezi mini xa umntu esebenze “iiyure ezili-100 ngeveki, okuthetha ukuthi iiyure ezili-15 suku ngalunye kangangeentsuku ezintandathu neeyure ezili-10 usuku olunye.” Phakathi kwezinye iimbopheleleko zikamama, kukugcin’ abantwana, ukufundisa, ukuqhuba imoto, ukucoca indlu, ukupheka, ukuba ngumongikazi nokulungisa izinto ezithile ezisendlwini. Eli phephandaba linikela eli cebiso: “Mxabise umama wakho: Kusenokwenzeka ukuba akahlawulwa ngokwaneleyo.”

Ulutsha Ludidekile Ngemilinganiselo Yokuziphatha

Ingxelo ephuma kwiYunivesithi yaseJyväskylä, eFinland, ithe abemi balapho abaselula “bazimisela eyabo imilinganiselo yokuziphatha.” Le ngxelo ichaza ukuba ngokuqhelekileyo, namhlanje “abantu bayakukhetha oko bafuna ukukukholelwa, ngokungathi ngabantu apha abathengayo.” Kuba abantu abaselula bengayiqondi imigaqo esisiseko yokuphila, ngamany’ amaxesha iingcamango zabo ziyangqubana. Ngokomzekelo, bakholelwa kwelokuba kubalulekile ukwahlulelana ngokulinganayo ngobutyebi; kodwa kwangaxesh’ anye, “bakholelwa kwelokuba kumele kube nguwashiywa nowashiywa kwezoshishino.”

Ukuba Sengozini Yokwasulelwa Yintsholongwane Iprion

Kwingqungquthela yoonondaba yamvanje, i-French Health and Safety Agency for Medical Products iye yathi kukho amathuba angakumbi okwasulelwa yintsholongwane iprion xa ubani etofelwa igazi kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Iiprions ziimolekyuli zeproteni ekukholelwa ukuba zizo ezingunobangela wesifo iCreutzfeldt-Jakob (i-vCJD) ebantwini. Esi sifo sidodobalisa ingqondo yaye asinyangeki, saziwa ngokuqhelekileyo njengesifo sokuphambana kweenkomo. Eli ziko lafikelela kwesi sigqibo emva kokuba eBritani kufunyaniswe kangangezihlandlo ezibini ukuba i-vCJD inokudluliselwa ngotofelo-gazi. Ayikho enye indlela esinokufunyaniswa ngayo esi sifo ngaphambi kokubona iimpawu zaso.

Ukufuna Ukuhlisa Umzimba

Ngokutsho kweThe Sydney Morning Herald, abaphengululi bafumanise ukuba “oonomngqushwana abaneminyaka enokuba mihlanu ubudala abanelisekanga yimizimba yabo yaye banokuvuya ukuba banokuba bancinane ngomzimba. Le ngxelo icaphula uhlolisiso olwenziwe kumantombazana aseOstreliya aphakathi kweminyaka emihlanu nesibhozo ubudala. Malunga nesiqingatha sala mantombazana anqwenela ukuba nemizimba emincinane kunaleyo anayo, ngoxa alinani elifanayo athe “anokuzivimba le nto isiwa phants’ kwempulo ukuba nje anokuzibona sele etyebile.” Omnye umphengululi uthi abantwana abanemizimba engekho mpilweni “basenokungazithembi, badandatheke baze bangatyi kakuhle bakukhula.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share