“Iyachukumisa Ngokwenene!”
◼ Ititshala yejografi eBrazil yachukumiseka yindlela okubaluleke ngayo oko kufundiswa nguVukani! Yabhala yathi: “Kweli phephancwadi ndifumana izinto ezingakumbi endifundisa ngazo esikolweni kunokuba kunjalo ngeencwadi zesikolo. Nangona sineenkolelo ezingafaniyo, ndiyavuma ukuba okufundiswa kuVukani! kubalulekile.”
Noko ke, lo titshala waqonda ukuba uVukani! lelinye lamaphephancwadi apapashwe ngamaNgqina kaYehova. Wabhala wathi: “Omnye umfundi ofunda kwibanga lesithandathu wandiboleka incwadana ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’ Ndothuka kukubona uhlobo lwenkcazelo equlathwe yile ncwadana. Iyachukumisa ngokwenene! Ukuba nomfanekiso-ngqondweni uze uzibone iziganeko zeBhayibhile kwenza uyifumane intsingiselo engakumbi yoko ukufunda eBhayibhileni ngokukodwa ulutsha.”
Wongezelela esithi: “Iincwadi zenu zikho kuyo yonke indawo: ebhasini wofika abantu bezifunda, abantwana besikolo banazo nabantu abalinde ukuncedwa ebhankini. Ndiyakuvuyela ukubona ukuba ezi ncwadi zenu zifikelela nakubantu ekunzima ukuba bafumane inkcazelo abayifunayo. Ndinothulel’ umnqwazi ngomsebenzi wenu omhle eniwenzayo.”
Le ncwadana ithi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’ ifumaneka ngeelwimi ezimalunga nama-80. Izaliswe ziimaphu ezinemibalabala nemifanekiso ebonisa imimandla eyahlukahlukeneyo yamazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni, ingakumbi iLizwe Lesithembiso ngamaxesha ahlukahlukeneyo. Unokuzicelela umbhalo wale ncwadana inemifanekiso enamaphepha angama-36 ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze uyithumele kwiadresi ebonisiweyo okanye kwefanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Incwadana Enemifanekiso Ngaphandle: Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.