Uncedo Lokukhusela Abantwana Bethu
Kunyaka ophelileyo ibhinqa elithile laseVirginia, eUnited States labhala libulela ngencwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu, lathi: “Ngaphambi kokuba abazukulwana bam baye kulala, bathi: ‘Makhulu, sifundele ibali kwincwadi kaYesu.’ Aba bantwana baneminyaka emine, emithandathu nesixhenxe ubudala, yaye bawathanda ngokungazenzisiyo la mabali.”
Lo makhulu wacacisa esithi: “Ndafunda ibali elikwisahluko 32 elinomxholo othi ‘Indlela Awakhuselwa Ngayo UYesu.’ Ndalithanda gqitha eli bali kuba emva kokuthetha ngendlela uYehova amkhusela ngayo uYesu, esi sifundo sinceda abaselula ukuba bazikhusele ngokubanika amacebiso aluncedo. Kuso kuthiwa: ‘Ukuba nabani uzama ukwenza loo nto, mxelele ngokuphandle ukhwaze, uthi: “Ndiyeke! Ndiza kukuxela!”’”
EMexico umama onentombazana eneminyaka emihlanu ubudala egama linguBetsaida wathi ebefunda incwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu nentombazana yakhe okwesihlandlo sesibini. Lo mama uthi: “Ihlabathi liya lisiba libi, yaye abantwana bethu bajamelana neengxaki ezingakumbi. Intombazana yam ikubulela gqitha ukufundiswa indlela yokuzikhusela kwimpembelelo embi, njengaleyo ikhankanywe kwisahluko 32.”
Le ncwadi intle inemifanekiso nenamaphepha angama-256 elingana neli phephancwadi ngobukhulu, iye yaluncedo gqitha kubazali ekulandeleni isiluleko seBhayibhile sokuqeqesha abantwana babo. (IMizekeliso 22:6) Iimfundiso zayo, ezisekelwe kwiimfundiso zikaYesu Kristu, zidluliselwa ngamazwi alula, kanti oko ukufundayo kuluncedo kubantu abakhulileyo nabaselula. Usenokuzicelela eyakho incwadi ngokuzalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadresi echaziweyo okanye kwiadresi efanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.