Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Abahlobo Esikolweni—Sinokusondelelana Kangakanani?
“Abantwana endifunda nabo badla ngokubalisa ngendlela abaye bonwaba ngayo ebudeni bempelaveki. Mna ndingenayo into yokubalisa.”—Michelle.a
“Maxa wambi ndiye ndibone iqela lolutsha yaye ndiye ndicinge, ‘Yhoo, bangabahlobo bokwenene nyani aba. Ngas’ ke babe ngabahlobo bam.’”—Joe.
“Ndandingenangxaki yokuzenzela abahlobo esikolweni. Kwakulula nje. Oko kuye kwandifaka ezingxakini.”—Maria.
IXESHA elininzi ulichitha kunye nabantwana ofunda nabo. Nijamelana nobunzima neengxaki ezifanayo, yaye niba nezinto ezininzi enizenza kunye esikolweni. Ngeendlela ezininzi, usenokucinga ukuba ninezinto ezininzi enifana ngazo kunabazali bakho, abantwana bakowenu, okanye amaKristu ebandleni. Kuyaqondakala ukuba, usenokuziva utsalelekile kubo. Ngaba oko kuphosakele? Ngaba zikho iingozi? Xa sizenzela abahlobo esikolweni, ngaba sinokuba nobuhlobo obusenyongweni nabantwana esifunda nabo? Ubuhlobo bethu kunye nabo bufanele buphelele phi?
Uyakufuna Ukuba Nabahlobo
Bonke abantu bayakufuna ukuba nabahlobo—abantu onokuzonwabisa nabo nonokuthembela kubo xa usengxakini. UYesu wayenabo abahlobo, yaye wayekuvuyela ukuba kunye nabo. (Yohane 15:15) Xa wayeza kufa kwisibonda sentuthumbo, umhlobo wakhe osenyongweni uYohane, ‘umfundi lowo wayemthanda [ngokukhethekileyo]’ wayekufuphi naye. (Yohane 19:25-27; 21:20) Ufuna abahlobo abanjalo—abantu abaya kusoloko bekunye nawe nokuba sekunzima. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.
Mhlawumbi usenokucinga ukuba ufumene umntu onjalo esikolweni, omnye wabantwana ofunda nabo enikhawuleze naqhelana. Ninomdla kwizinto ezifanayo yaye niyakuthanda ukuncokola kunye. Liyinyaniso elokuba, usenokuba lo mntu akangomKristu; kodwa, ngokwendlela ocinga ngayo, yena akabonakali ‘elunxulumano olubi.’ (1 Korinte 15:33) Kuyavunywa ukuba, abanye abantwana abangengomaKristu banokuphila ngemigaqo efanelekileyo. (Roma 2:14, 15) Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba ufanele uzakhele ubuhlobo obusenyongweni nabo?
AmaKristu Akangoonkom’ Idla Yodwa
Licacile elokuba amaKristu okwenyaniso akabagatyi abantu abangakholwayo. Oko sikubona xa ezalisekisa uthumo lwawo ‘lokwenza abafundi abantu beentlanga zonke,’ amaKristu athetha namadoda namabhinqa eentlanga, eenkonzo nabantu abanezithethe ezahlukahlukeneyo. (Mateyu 28:19) Akazikhethi okanye abe ngoonkom’ idla yodwa kubamelwane, kubantu asebenza nabo, okanye kubantwana afunda nabo. Kunoko, amaKristu anomdla onyanisekileyo kwabanye.
Umpostile uPawulos wasimisela umzekelo omhle kule nkalo. Wayekwazi ukuncokola “kubantu bazo zonke iintlobo,” nakuba babengakholelwa kwinto enye. Kakade ke, uPawulos wayengenazinjongo zakubutha nabo. Kunoko, wathi: “Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.”—1 Korinte 9:22, 23.
Unokuwuxelisa umzekelo kaPawulos. Yiba nobubele kubantwana ofunda nabo. Thetha kakuhle kunye nabo. Abanye abantwana ofunda nabo basenokuba bafuna ukwazi ngethemba onalo elisekelwe eBhayibhileni. Cinga ngoko kwenzeka kwintombazana engumKristu ekuthiwa nguJanet. Yena nabantwana afunda nabo kwathiwa mababhale ngendlela omnye avakalelwa ngayo ngomnye, yaye elowo nalowo wayeza kufundela iklasi. Iphetshana awalifumanayo uJanet lalisithi: “Ubonakala ungumntu owonwabileyo ngalo lonke ixesha. Nceda usixelele ukuba wenza njani!”
Njengokuba kulo mzekelo sibona, abanye abantwana ofunda nabo basenokufuna ukufunda ngeenkolelo zakho. Ngokuqinisekileyo, kuhle ukuba ube ngumntu onobuhlobo kubo. Ngaphandle kwamathandabuzo, oku kuya kukuvulela ithuba lokuba ubachazele oko ukukholelwayo. Bavumele abantwana ofunda nabo ukuba baveze izimvo zabo, yaye phulaphula ngenyameko. Amava owafumanayo ngokuncokola nabantwana ofunda nabo aya kukunceda ngeny’ imini xa sele uphangela yaye udibana neemeko ezifanayo. Esikolweni nasemsebenzini, ukuba ngumntu onobuhlobo kuya kukunceda ukuba ‘uyihombise imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’—Tito 2:10.
Ubuhlobo ‘Obukubopha Edyokhweni Nabangakholwayo’
Kakade ke, kukho umahluko phakathi kokuba nobubele kumntwana ofunda naye nokuba nibe nobuhlobo obusenyongweni. UPawulos wabhala: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.” (2 Korinte 6:14) Ukuze ube ungumhlobo osenyongweni womnye umntu, nifanele nibe niphila ngemilinganiselo efanayo kwaye ninosukelo olunye. Oko akwenzeki kumntu ongavumelaniyo neenkolelo zakho ezingokweZibhalo nonemilinganiselo engafaniyo neyakho. Ukubotshwa edyokhweni nabantwana ofunda nabo abangakholwayo, kusenokukulukuhla ukuba ubandakanyeke kwimikhwa emibi okanye konakalise imikhwa elungileyo.
UMaria wabungqina ubunyaniso boku ngokufunda kabuhlungu. Ukuba liqhakraqhakra kwakhe kwakusenza kube lula ukuba nabahlobo kodwa engazi ukuba obo buhlobo bufanele buphelele phi. Uthi: “Ndandikuthanda ukuthandwa ngamantombazana nangamakhwenkwe. Ngenxa yoko, ndafumanisa ukuba ndikwimeko ekungelula ukuphuma kuyo.”
NjengoMaria, usenokungaqondi ukuba uhlobene kakhulu nomntu eninganquli ngendlela efanayo. Noko ke, unokukuphepha ukuba nentliziyo ebuhlungu ngokubazi abantu onokuqhelana nabo nokubakhetha abanokuba ngabahlobo bakho abasenyongweni. Unokukwenza njani oku?
Indlela Yokukhetha Abahlobo Abafanelekileyo
Njengokuba bekusele kutshiwo ngasentla, uYesu wazenzela abahlobo abasenyongweni ngoxa wayesemhlabeni. UYesu wanjenjalo ngokuphila ubomi obunyanisekileyo yaye wayethetha ngezinto zokomoya. Ukuba abantu babezamkela iimfundiso zakhe nendlela awayephila ngayo, wayesondela kubo. (Yohane 15:14) Ngokomzekelo, emva kokuba eve indlela uYesu awayethetha ngayo amadoda amane achukumiseka kangangokuba ‘ashiya yonk’ into aza amlandela.’ Loo madoda—uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane—aba ngabahlobo abasenyongweni bakaYesu.—Luka 5:1-11; Mateyu 4:18-22.
Izinto uYesu awayezithetha nehambo yakhe yayibonisa ngokucacileyo ukuba kwakubalulekile kuye oko wayekukholelwa yaye wayengacengi solalaphi. Abo babengafuni ukuzamkela iimfundiso zakhe bamshiya, yaye uYesu wabayeka bahamba.—Yohane 6:60-66.
Ngokomzekelo, uYesu wachukumiseka kakhulu ngendlela eyayinyaniseke ngayo enye indoda. IBhayibhile ithi: ‘UYesu wayijonga yaye waziva eyithanda.’ Kodwa xa le ndoda yeva oko uYesu akulindeleyo kwabo bafuna ukuba ngabahlobo bakhe, ‘yemka.’ Eneneni le ndoda yayibonakala ingumntu ofanelekileyo—uYesu ‘waziva eyithanda.’ Sekunjalo, uYesu wayefuna okungakumbi ukuze umntu abe ngumhlobo wakhe. (Marko 10:17-22; Mateyu 19:16-22) Kuthekani ngawe?
Usenokuba uqhelene nomntwana othile ofunda naye. Kodwa, zibuze: “Ngaba lo mntwana ukulungele ukwenza imiyalelo kaYesu? Ngaba uyakufuna ukufunda ngoYehova, lowo uYesu asiyalela ukuba simnqule?” (Mateyu 4:10) Njengokuba uncokola nabantwana ofunda nabo yaye uphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, iimpendulo zale mibuzo zizicacele.
Njengokuba uYesu wayenobuhlobo neendidi zonke zabantu, nathi sifanele sibe nobuhlobo kubantwana esifunda nabo. Kodwa uYesu wayeqiniseka ukuba abantu abangabahlobo bakhe abasenyongweni bayamthanda uBawo wakhe osemazulwini, uYehova. Nawe unokwenza okufanayo. ‘Ihambo yakho mayibe ntle’ esikolweni, uze ngobuchule uthethe nabanye ngeenkolelo zakho. Ngaphezu kwako konke, qiniseka ukuba ukhetha abahlobo abafanelekileyo.—1 Petros 2:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
IINGONGOMA OFANELE UCINGE NGAZO
◼ Ziziphi iingozi onokujamelana nazo ngokuchitha ixesha nomntwana ofunda naye ongakholwayo emva kweeyure zesikolo? Ngaba kububulumko ukwenjenjalo?
◼ Emva kokuba ufunde eli nqaku, ngaba ucinga ukuba ukho umntwana ofunda naye onobuhlobo obusenyongweni kunye naye? Ukuba kunjalo, unokwenza ntoni ngaloo nto?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 18]
IVIDIYO ETHI HOW CAN I MAKE REAL FRIENDS?
Kule vidiyo, eshicilelwe ngamaNgqina kaYehova, kuthethwa nolutsha olusuka eUnited States, eItali, eFransi, naseSpeyin. Le vidiyo ifumaneka ngeelwimi ezingama-36.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abanye abantwana ofunda nabo basenokufun’ ukwazi ngeenkolelo zakho