Masikwazise Kumhlobo Womnini Sitiya Uqongqothwane
UMBHALI KAVUKANI! EBRITANI
NAKUBA uqongqothwane engathandwa nguwonke wonke, ubukhulu becala uyathandwa ngabaninzi. Ubangel’ umdla ebantwaneni yaye usoloko uthandwa ngamafama. Yintoni le yenza uqongqothwane athandwe kangaka?
Kutheni Ethandwa Kangaka?
Iindidi ezahlukeneyo zooqongqothwane zithanda ukutya izinambuzane ezincinane ezonakalisa igadi okanye izinto ezilinyiweyo (njengokuba kubonisiwe ekhohlo). Ezinye iindidi zooqongqothwane zitya izinambuzane ezingamawaka ukutyhubela ixesha lazo lokuphila yaye imibungu yaba qongqothwane itya kakhulu. Kwakhona ooqongqothwane batya izinambuzane ezininzi ezahlukeneyo yaye ngamany’ amaxesha batya nomngundo. Akumangalisi ke ngoko ukuba abantu abanezitiya namafama bebathanda ooqongqothwane!
Ngasekupheleni kweminyaka yee-1800, kwabakho uhlobo oluthile lwezinambuzane olwathunyelwa eKhalifoniya, eUnited States luvela eOstreliya. Ezi zinambuzane zanda kangangokuba kwakungathi kuza kuphela amahlathi ngenxa yazo. Ingcaphephe yezinambuzane yayisazi ukuba ezi zinambuzane zazingeyonkathazo kangako apho zazisuka khona, ngoko le ngcaphephe yahamba yaya eOstreliya ukuze ifumane utshaba lwazo. Yafumanisa ukuba yayingooqongqothwane. Malunga nooqongqothwane abangama-500 bathunyelwa eKhalifoniya, yaye kwisithuba sonyaka inani lezo zinambuzane lalisele liphelile. Ngaloo ndlela imithi yeziqhamo yasinda.
Ixesha Lokuphila Kukaqongqothwane
Uqongqothwane unomzimba ongqukuva yaye umcaba ngaphantsi. Nakuba ooqongqothwane besitya kakhulu, bangaphantsi kweemilimitha ezili-12 ubude. Amaphiko abo agqunywe yinto ebizwa ngokuba yielytra ukuze ikhusele amaphiko aethe-ethe nokuze kuvele elo bala lihle kuwo. Xa esi sinambuzane sibhabha, ielytra iyavuleka. Nakuba udla ngokubonwa ngamabala awo amnyama nabomvu, kukho iindidi ezingama-5 000 ezinemibala eyahlukahlukeneyo. Kukho iindidi eziorenji okanye ezimthubi namabala amnyama. Kukho nezinye iindidi ezimnyama nezinamabala abomvu. Zikho ezinye iindidi ezingenawo amabala. Nakuba kunjalo ziba namabala azizikweri okanye imigca.
Iindidi ezininzi ziphila malunga nonyaka. Ebudeni bobusika, ooqongqothwane abadala badla ngokufukama kwiindawo ezomileyo nezikhuselekileyo. Bavuka xa ilanga sele lishushu, baphaphazele befuna izinambuzane kwizityalo. Emva kokuba kudibene imazi nenkunzi, imazi ibeka amaqanda amaninzi amancinane namthubi (njengokuba kubonisiwe ngasekunene) ngaphantsi kwegqabi kwindawo enezinambuzane ezininzi. Iqanda ngalinye liqanduselwa kuze kuvele umbungu onemilenze emithandathu ofana noxam ombi (oboniswe ekhohlo) xa kuthelekiswa noqongqothwane oza kuba nguwo. Njengoku umbungu uchitha ixesha usitya izinambuzane, uyobuza yaye emva koko, ulusu lunamathela kwisityalo. Kuphunguphungu ongaphakathi kuvela uqongqothwane. Ekuqaleni ekubeni usebuthathaka, uhlala kwisityalo de womelele ngokwaneleyo. Kusuku nje olunye kuvela imibala yawo ekhethekileyo.
Iintshaba zifunda ukuyiphepha imibala yoqongqothwane eqaqambileyo. Xa usongelwa, uqongqothwane ukhupha incindi emthubi etsho ngevumba elinukayo evela kumalungu omzimba. Iintaka nezigcawu aziyilibali indlela elibi ngayo eli vumba yaye ibala lesi sinambuzane lisoloko likhumbuza ezinye ngeso sihlandlo.
Uqongqothwane Oyingxaki
Olunye udidi loqongqothwane, ekuqaleni olwalusetyenziswa ukuze lunciphise izinambuzane ezingafunwayo, nalo sele lusisinambuzane esingafunwayo. Lo qongqothwane ubizwa ngokuba yiharlenquin, ukwabizwa nangokuba nguqongqothwane waseAsia onemibalabala. Ngenxa yokutya ezinye zinambuzane nezityalo, olu didi luye lwathunyelwa eMntla Merika naseYurophu. Ngelishwa, olu didi luye lwabeka esichengeni ooqongqothwane balapho ngenxa yokutya konke ukutya kwabo. Ngaphezu koko, xa kuphela ukutya olukuthandayo, olu didi lutya ooqongqothwane balapho nezinye izinambuzane eziluncedo—ngaphandle kokuphazanyiswa zezinye izinambuzane. Iingcali ngezinambuzane zicingela ukuba kungekudala ziza kuphela ezinye iindidi zooqongqothwane. Iharlenquin nayo izenza ingathandwa kakhulu ngenxa yokutya iziqhamo ezisele zilungele ukuvunwa nasekungeneni ezindlwini ekwindla ngenxa yokubaleka ingqele zobusika.
Iindidi ezimbalwa zooqongqothwane zitya izityalo kunezinambuzane. Noko ke, okuvuyisayo kukuba uninzi lwazo luyathandwa ngabantu abaneegadi.
Wamkele Uqongqothwane
Banokutsalwa yintoni ooqongqothwane egadini yakho? Iintyatyambo ezintle ziyathanda ukuba nomungu nencindi. Ukhula nesitya samanzi amancinane zinokuba ngumtsalane. Ukuba kunokwenzeka, kuphephe ukusebenzisa ityhefu yokubulala izinambuzane. Amagqabi atshileyo nezinye izityalo zinokuba yindawo entle yokufukama ebusika. Zama ukuba ungawatyumzi amaqanda okanye izinambuzane ezincinane. Kunokwenzeka ukuba ubulala isizukulwana esitsha sooqongqothwane.
Khumbula ukuba ooqongqothwane abambalwa kuphela banokuphelisa izinambuzane egadini. Ukuba ubaphatha kakuhle, baya kuyiphatha kakuhle igadi yakho. Ooqongqothwane bangumzekelo omhle wobulumko boMdali wethu, njengokuba uMdumisi wayekuqonda oku xa wathi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.”—INdumiso 104:24.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 16]
Phezulu: © Waldhäusl/Schauhuber/Naturfoto-Online; Emibini esekhohlo: Scott Bauer/Agricultural Research Service, USDA; Phakathi: Clemson University - USDA Cooperative Extension Slide Series, www.insectimages.org; eggs: Bradley Higbee, Paramount Farming, www.insectimages.org
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 17]
Ekhohlo: Jerry A. Payne, USDA Agricultural Research Service, www.insectimages.org; Owesibini ukusuka ekhohlo: Whitney Cranshaw, Colorado State University, www.insectimages.org; Owesithathu ukusuka ekhohlo: Louis Tedders, USDA Agricultural Research Service, www.insectimages.org; Owesine ukusuka ekhohlo: Russ Ottens, The University of Georgia, www.insectimages.org; Uqongqothwane kwigqabi: Scott Bauer/Agricultural Research Service, USDA