Yintoni Injongo KaThixo Ngoluntu?
◼ Ngaba ikukuba baphile nje iminyaka engama-70 okanye engama-80 baze emva koko bafe? Ngaba injongo kaThixo kukuba abantu abangamalungisa baphile ezulwini? Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba? Ngaba wayewudalele ukuba abantu bahlale okwexeshana?
Incwadana enamaphepha angama-32 ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ibonisa ukuba uThixo wawudala umhlaba ukuba ube likhaya loluntu ngonaphakade. Umhlaba wethu wenziwa wayiparadesi ebukekayo. Imixholo ekule ncwadana njengothi “Kutheni Umntu Esifa?” othi “Kuyintoni Ukufa?” ibonisa oko kubi kwenzekayo, othi “UYehova Usinika UMsindisi” nothi “Indlela Esisindiswa Ngayo Esonweni Nasekufeni” ubonisa ukuba umhlaba uza kuba likhaya eliyiparadesi loluntu.
Le ncwadana inemifanekiso engaphezu kwengama-75 yaye umbhalo omnye okanye engaphezulu usecaleni komfanekiso ngamnye. Le mibhalo ivulel’ ithuba lokuba kuxutyushwe umfanekiso ngamnye. Ukuba unabantwana, unokuyisebenzisa imifanekiso ukubanceda bafunde ngenjongo kaThixo.
Unokuzicelela le ncwadana ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi eboniswe kulo okanye kwefanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
□ Ncedani nindithumelele incwadana ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! Ulwimi.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.