“Isixhobo Esisebenzayo Sokufundisa!”
Oku kwabhalwa ngumshumayeli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova wasePanama. Wayethetha ngencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?—enemifanekiso emibalabala, enamaphepha engama-224, nesetyenziswa ehlabathini lonke ukufundisa iBhayibhile. Uthi: “Ingqalile, iyaqondokala yaye iyeyisela. Indlela iimbekiselo nezihlomelo ezisetyenziswe ngayo zikwenza ufune ukuphanda ngakumbi.”
Elinye iNgqina likaYehova laseMissouri, eUnited States libhala lisithi: “Ndiyayithanda indlela ebhalwe ngokucacileyo ngayo. Izinto zibhalwe ngendlela elandelekayo nesemagqabini.” Emva kokufumana le ncwadi eli nenekazi layisa kumntu elakha lafunda naye ngaphambili kodwa owayesele eyekile ukufunda iBhayibhile.
“Eli nenekazi lithi: “Engekagqibi nokufunda isahluko sokuqala, wandifowunela esithi uyayithanda le ncwadi.” Lo mfundi wathi kwakungathi le ncwadi ibhalelwe yena yaye wacela ukuba aphinde aqhutyelwe isifundo seBhayibhile. Eli nenekazi lithi xa bafika kwisahluko seshumi, yayibonakala indlela awayevuyiswa ngayo koko wayekufunda.
Nakuba le ncwadi ingaphantsi kweminyaka emibini ikho, zingaphezu kwezigidi ezingama-50 iincwadi ezisele zishicilelwe, ngeelwimi ezili-150. Onokuzicelela eyakho incwadi ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi eboniswe kulo okanye kwefanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele incwadi eboniswe apha. Ulwimi.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.