Kutheni Ndisifa Isiqaqa?
Ugqirha owayefuna ukuxilonga uxinezeleko oluselisweni lam, kwakufuneka achukumise ukhozo lweliso esebenzisa esinye isixhobo. Ndandikwazi okwakuza kwenzeka. Kwakungaqali ukwenzeka oku. Kwenzeka into efanayo xa umongikazi efuna ukutsala igazi ngenaliti. Ngamanye amaxesha xa kuthetha nje ngokwenzakala—ndif’ isiqaqa.
Ngokutsho kwezinye iingxelo, isiqingatha sabemi bomhlaba sehlelwa yinto efanayo ngaxa lithile ebomi baso. Phofu, isi-3 ekhulwini kuthi sifa isiqaqa xa kuvela iimeko ezifana nezikhankanywe ngasentla. Ukuba nawe unengxaki efanayo, kusenokwenzeka ukuba uzama konke okusemandleni akho ukuba ungafi isiqaqa. Usenokuba ukhe waya kwigumbi langasese ukuze ungabonwa ngabanye abantu. Phofu oku kukuzibetha ngenyhek’ etyeni. Usenokuf’ isiqaqa usendleleni, uzenzakalise. Kudala indiphethel’ imbengwana le nto yoku kuf’ isiqaqa, de ndagqiba kwelokuba ndifumanise isizekabani soku.
Emva kokuthetha nogqirha owaba luncedo kakhulu nokufunda iincwadi ezimbalwa, ndafumanisa ukuba le nto ibizwa ngokuba yivasovagal reaction.a Oku kukungasebenzi kakuhle kwenkqubo yomzimba emele ilawule umjikelo wegazi, njengaxa uphakama usima ngeenyawo.
Ngokufanayo ke, xa ukwiimeko ezifana nokubona igazi okanye ukuxilongwa kwamehlo, le mithambo yegazi isebenza ngendlela engaqhelekanga. Ekuqaleni, intliziyo yakho ibetha ngokukhawuleza ngenxa yoxinezeleko. Emva koko, isantya sentliziyo yakho siyehla ize imithambo yegazi ivuleke ngokungathi ulala phantsi. Ngenxa yoku, umthamo wegazi uyanda ezinyaweni uze unciphe entloko. Ubuchopho buphelelwa yioksijini uze ufe isiqaqa. Unokuzikhusela njani koku?
Usenokukhangela kwenye indawo xa kutsalwa igazi lakho okanye ucambalale phantsi ebudeni baloo nkqubo. Njengokuba sele kutshiwo, xa uza kufa isiqaqa, uyayazi imiqondiso yako. Ngoko ke, usoloko unexesha lokwenza okuthile ngaphambi kokuba ufe isiqaqa. Oogqirha abaninzi bakukhumbuza ukuba ulale phantsi uhlise imilenze yakho ijonge esitulweni okanye eludongeni. Oku kwenza ukuba igazi lingehleli emilenzeni nto leyo esenokuthintela ukufa isiqaqa. Kwimizuzwana nje embalwa usenokuziva ubhetele.
Ukuba le nkcazelo iyakunceda ngendlela endincede ngayo mna, mhlawumbi uya kuziphepha iimpawu ezikhokela ekufeni isiqaqa. Ngoko uya kwenza unako-nako ukukuthintela ukuba kungekenzeki.—Linikelwe.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ivasovagal ngumthambo wegazi omde obizwa ngokuba yivagus nerve. Igama lesiLatini elithi vagus lithetha “ukubhadula.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 28]
Ukucambalala phantsi xa uxilongwa kusenokuba luncedo