IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/07 iphe. 5
  • Sebenzisa Igunya Onalo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sebenzisa Igunya Onalo
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ukuhlonela Igunya—Kutheni Kubalulekile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 8/07 iphe. 5

Inyathelo 3

Sebenzisa Igunya Onalo

Kutheni eli ilinyathelo elibalulekileyo? Ngokutsho kwephephancwadi iParents, uhlolisiso lubonisa ukuba “abantwana abakhuliswe ngabazali abanothando nabangqongqo—ababaxhasayo abantwana babo kodwa sekunjalo bengengabo oovula-zibhuqe—baphum’ emagqabini esikolweni, baba ngabantu abanobuhlobo, bazithembile, yaye bangabantwana abonwabileyo kunabantwana babazali abayekelelayo okanye abangqwabalala gqitha.”

Ingxaki: Ukususela ebuntwaneni bade babe kwishumi elivisayo, abantwana baya kusoloko belivukela igunya lakho. UJohn Rosemond, umbhali wencwadi ethi Parent Power! uthi: “Abantwana bakhawuleza babone xa abazali besoyika ukusebenzisa igunya labo naxa beza kuyekelela. Xa abazali bengaqinisekisi ‘ukuba ngubani okhonyayo,’ qiniseka ukuba abantwana baya kubamb’ iintambo.”

Isicombululo: Ungakhathazeki ucinge ukuba abantwana baza kukuthiya okanye banxunguphale xa usebenzisa igunya lakho kubo. UYehova uThixo, uMseki wobomi bentsapho, akazange alungiselele ukuba abantwana balawule kwimicimbi yentsapho. Kunoko, ngabazali abanike igunya yaye uyala abantwana esithi: “Bathobeleni abazali benu.”—Efese 3:14, 15; 6:1-4.

Usenokulisebenzisa igunya onalo kodwa ungabi yingqwayingqwayi. Njani? Ngokuxelisa uYehova. Unegunya lokunyanzela abantwana bakhe abangabantu ukuba benze ukuthanda kwakhe, kodwa uyasibongoza enethemba lokuba siya kwenza okulungileyo ngenxa yeempawu zethu ezintle. ILizwi lakhe lithi: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo.” (Isaya 48:18) UYehova ufuna ukuba simthobele, kungekuba siyamoyika, kodwa ngenxa yokuba simthanda. (1 Yohane 5:3) Ulindele okusengqiqweni kuthi yaye uyazi ukuba siya kuzuza ukuba siphila ngemigaqo yakhe yokuziphatha.—INdumiso 19:7-11.

Yintoni onokuyenza ukuze ube nesibindi sokusebenzisa igunya lakho ngendlela elungeleleneyo? Okokuqala, ufanele uqiniseke ukuba uThixo ufuna ulisebenzise igunya akunike lona. Okwesibini, ufanele uqiniseke ukuba ngokuphila ngemigaqo kaThixo yokuziphatha kuya kukulungela wena nabantwana bakho.—Roma 12:2.

Ngokungqalileyo, yintoni ofanele uyenze ukuze ube usebenzisa igunya onalo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

‘Umntwana olulekwayo uya kuyivuyisa intliziyo yakho.’—IMizekeliso 29:17, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share