IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/07 iphe. 15
  • Ingoma “YesiXeko Esiya Kuhlala Sikho”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ingoma “YesiXeko Esiya Kuhlala Sikho”
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantu Banokuphila Ixesha Elide Kangakanani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Vukani!—2007
g 8/07 iphe. 15

Ingoma “YesiXeko Esiya Kuhlala Sikho”

NGUMBHALI KAVUKANI! EITALI

Xa wabona waza weva isandi semithombo emininzi yamanzi yaseRoma, umqambi weengoma ongumTaliyane uOttorino Respighi waqamba ingoma ethi “The Fountains of Rome.” Makhe sityelele omnye weyona mithombo mihle—iTrevi Fountain.

Xa utyhutyha ezo zitrato zalapho zimxinwa ezikhokelela kulo mthombo, sithi gweje kwigophe elithile, yaye into esiyibonayo, ngathi siyaphupha. Sibona iTrevi Fountain, umthombo omkhulu oziimitha ezingama-20 ububanzi neemitha ezingama-26 ukuphakama kwindawana nje encinane yembutho. Hayi indlela esisihle ngayo esi sakhiwo sithe khotsho kule ndawana iyingxingo!

UPopu Clement XII wayalela ukuba kwakhiwe iTrevi Fountain waza lo mthombo wayilwa ngumzobi ongumTaliyane, uNiccolò Salvi. Lo mthombo waqala ukwakhiwa ngowe-1732 waza wagqitywa ngowe-1762. Amanzi awo asuka kumsele wamanzi iAqua Virgo owakhiwa ngenkulungwane yokuqala Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo oqala kwisixeko esinokuba ziikhilomitha ezili-13 mgama.

Lo mthombo, owakhiwa emva kodonga lwebhotwe, ukhangeleka ngathi lulwandle. Umntu wasentsomini uOceanus (okanye, abanye bathi nguNeptune) ume ngokuziqhenya kwinqwelo yakhe yamahashe emile okweqokobhe, elawula izantyalantyala zamanzi aqukuqela ngezantsi kwakhe. Njengokuba loo manzi egxagxaza kuloo mifanekiso iqingqiweyo aze aqukuqelele kumatye angezantsi, kuvakala ngathi ngamaza abetheka elunxwemeni. Eso sidibi sizalise phantse yonke loo ndawo, ngokungathi yonke loo ngingqi iyinxalenye yomthombo.

Kule ndawo incinane yembutho abantu beza beyimiqodi baze baphose iingqekembe zemali kulo mthombo oyenye yezona ndawo zithandwayo ngabakhenkethi eRome. Kanye ngeveki amanzi ayakhutshwa kulo mthombo. Imali ephoswe ngabakhenkethi, ngokuqhelekileyo eba zii-R78 000 ngeveki, iyaqokelelwa ize inikelwe kumbutho wonqulo wokubonelel’ amahlwempu.

Ukuba, njengokuba uRespighi wayekholelwa, le mithombo icula ingoma zesi sixeko, ngoko ke iTrevi Fountain iphum’ emagqabini njengemvumi eyodwa—ibalasele phakathi kwemithombo emininzi ethandwa gqitha ziindwendwe zaseRome, indawo ekufane kuthiwe sisiXeko Esiya Kuhlala Sikho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share