“Akwaba, Wonke Umntu Ebenokuyifunda!”
Umbhali wale leta ingasentla ubhekisela kwincwadi ethi Sondela KuYehova. Esalek’ umsundulo uthi: “Ngenxa yokuba ngoku ndiluqonda ngakumbi uthando lukaYehova, nam ndiza kubathanda ngakumbi abanye abantu.” Omnye ofunde le ncwadi waza wayixabisa uthi: “Andazi ukuba ndingathini ukubonisa indlela endiye ndayivuyela ndaza ndazuza ngayo kule ncwadi. . . . Njengokuba ndiqhubeka ndiyifunda iye yandikhuthaza.”
Ngaphantsi kwamacandelo ayo amane, incwadi ethi Sondela KuYehova ihl’ amahlongwane iimpawu ezibalaseleyo zikaThixo njengamandla, okusesikweni, ubulumko nothando. Omnye umfundi uthi: “Le ncwadi iye yandinceda ndabona iimpawu ezibalaseleyo zoBawo wethu wasezulwini. Iye yandinceda ndabona ukuba ndinokuziqhelisela ezi mpawu ukuba nje ndivumela umoya oyingcwele usebenze ebomini bam.”
Emva kokuba efunde isahluko 26 esinomxholo othi “UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela,’” uJoanna, ibhinqa eliselula lasePoland, wathi: “Iingcamango ezikwesi sahluko ndizijonga njengobutyebi obuxabisekileyo endiye ndabufumana ebomini bam.”
Sicinga ukuba le ncwadi inamaphepha angama-320 nawe ingakunceda ize ikukhuthaze. Unokuzicelela eyakho incwadi ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele incwadi eboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.