IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/07 iphe. 8-9
  • Ziza Kuphela Iintlekele Kungekudala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ziza Kuphela Iintlekele Kungekudala
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Phulaphula UThixo Uze Uphile!
  • Ithemba Eliqinisekileyo Ngabafi
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • Izigidi Ezifileyo Ngoku Ziya Kubuya Ziphile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ithemba Ngabo Bafileyo—Uvuko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ukufa Akusosiphelo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 9/07 iphe. 8-9

Ziza Kuphela Iintlekele Kungekudala

IINYIKIMA, iimfazwe, iindlala nezifo—ziyinxalenye yemiqondiso uYesu awathi iya kuphawula ixesha ‘lokupheliswa kwenkqubo yezinto’ esiphila kuyo. (Mateyu 24:3, 7, 8; Luka 21:7, 10, 11) Kakade ke, uThixo akanguye unobangela wezo ntlekele. UYesu noYise, uYehova uThixo, abamele babekw’ ityala ngenxa yazo.

Kodwa umphumo wale miqondiso unento yokwenza noThixo, oko kukuthi, uBukumkani Bakhe—urhulumente wasezulwini okhokelwa nguYesu Kristu—nokutshabalalisa bonke abalugatyayo ulongamo lukaYehova. (Daniyeli 2:44; 7:13, 14) Emva koko, umhlaba uya kwenziwa ube yindawo ekhuselekileyo nenoxolo, akusayi kubakho uloyiko lweentlekele zemvelo. Ngomlinganiselo omkhulu, esi sithembiso sikaThixo siza kuzaliseka: “Abantu bam baya kuhlala kwindawo yokuhlala enoxolo nakwiindawo zokuhlala zentembelo epheleleyo nakwiindawo zokuphumla ezingaphazamisekiyo.”—Isaya 32:18.

Phulaphula UThixo Uze Uphile!

Njengokuba kuye kwacaciswa kwinqaku elandulela olu ngcelele, ukuphulaphula ulwalathiso kunokusindisa ubomi. Lo mgaqo uyasebenza naxa kufuneka siphulaphule izilumkiso zobuthixo eziseBhayibhileni. UThixo uthembisa oku: “Yena ke ondiphulaphulayo, uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.”—IMizekeliso 1:33.

AmaNgqina kaYehova azabalazela ukuphulaphula uThixo ngokufunda iLizwi lakhe eliphefumlelweyo rhoqo nangokusebenzisa iimfundiso zalo. Afuna nawe wenze okufanayo. Ewe, bonke abathobela uYehova abamele boyike oko kuza kwenzeka kwikamva nentlekele eya kwehlela abangendawo. Kunoko, banokukhangela phambili ekufumaneni ubomi obungunaphakade eParadesi emhlabeni, apho baya ‘kuziyolisa ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’—INdumiso 37:10, 11.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

INTUTHUZELO KWABASELUSIZINI

Ngaba ukhe wafelwa ngumntu omthandayo, mhlawumbi ngenxa yentlekele yemvelo okanye ngenye indlela? Kwiminyaka emalunga nama-2 000 eyadlulayo, umhlobo kaYesu osenyongweni uLazaro wafa ngesiquphe. Emva kokuba eve oku, uYesu waya kwidolophana yakuloLazaro iBhethani waza wamvusa “ebuthongweni” bokufa.—Yohane 11:1-44.

UYesu wenza lo mmangaliso kungengenxa nje yokuba wayemthanda uLazaro okanye esenzela intsapho kaLazaro, kodwa ukongeza kubungqina besithembiso sakhe sokuba uya kuvusa “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo” xa kulawula uBukumkani bakhe. (Yohane 5:28, 29) Ewe, kwiParadesi ezayo, uYesu uza kuguqula umonakalo owaqala ngemvukelo e-Eden.a—1 Yohane 3:8.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo yokujamelana nokufelwa ngumntu omthandayo kunye nenkcazelo ebhekele phaya ngethemba lovuko, funda incwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]

INYIKIMA YATSHINTSHA INDLELA ENDIBUJONGA NGAYO UBOMI

Ngowe-1971, ndandingumama oselula yaye ndikhangele phambili ekubeni yimvumi ephambili yeopera soprano. Ndafuduka kwindawo endazalelwa kuyo eWinnipeg, eManitoba, eKhanada, ngowe-1957 ndaza ndahlala kufutshane naseHollywood, eKhalifoniya, eUnited States ukuze ndifikelele iphupha lam lokuba yimvumi.

Rhoqo ngehlobo, kangangeminyaka elithoba umama oliNgqina likaYehova, wayendityelela esuka eKhanada. Wayesebenzisa la mathuba ukuze sincokole ngeBhayibhile, eqinisekile ukuba inamacebiso asemagqabini olonwabo lwentsapho. Ndandimthanda umama yaye ndimphulaphula ndibonisa nje imbeko. Emva kokumka kwakhe ndandizilahla iincwadi awayendinika zona, ndiqinisekile ukuba ubomi bam babujonge enkalweni.

Kwathi ke ngentseni ethile yangoLwesibini ngoFebruwari 1971, ndavuswa yinyikima elinganiswa nge-6.6 kwisikali sikaRichter. Ingxolo eyayilapho yayivala iindlebe, nomhlaba ushukuma ngeyona ndlela. Ndothukile ndaya kujonga unyana wam, kwathi xibilili ukumbona ekhuselekile. Xa yathi nqum inyikima, kwakuthe saa phantsi iingceba zeglasi nezinye izinto, namanzi equla ezele iyadi yonke. Nakuba intsapho yayikhuselekile babungahli ubuthongo.

Umama wakha wathetha “ngemihla yamanqam” yaye kwakuza kubakho “iinyikima zomhlaba ezinkulu.” ( 2 Timoti 3:1; Luka 21:7-11) Waphinda wafika kwihlobo laloo nyaka kodwa engaziphethanga iincwadi zakhe zeBhayibhile. Kaloku wayendishumayeza iminyaka elithoba, ecinga ukuba andinamdla. Wayewuphosile umhlola! Efika nje, ndatsho ngothotho lwemibuzo. Ukucula nodumo kwakusele kuyinto engenamsebenzi.

Kuloo veki kanye ndaya nomama kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani, emva koko andizange ndifane ndiphoswe ziintlanganiso. Walungiselela ukuba ndiqhutyelwe isifundo seBhayibhile. Ndabhaptizwa ngowe-1973, yaye namhlanje ndichitha iiyure ezingama-70 nyanga nganye ndivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwabanye. (Mateyu 24:14) Kunokuba idambise ukholo lwam kuThixo, inyikima yaluvuselela.—Kubalisa uColleen Esparza.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share