Ubuya Kuphendula Uthini?
Lalithetha Ntoni Eli Phupha?
Funda ingxelo yeBhayibhile ekuDaniyeli 2:25-45, uze uphendule le mibuzo ingezantsi.
1. Umfanekiso uyilwe ziziphi izinyithi ezine?
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
2. Zimela ntoni ezi zinyithi?
․․․․․
3. Kwenzeka ntoni kumfanekiso?
․․․․․
4. Yintoni ethath’ indawo yomfanekiso, kwaye ihlala ixesha elingakanani?
․․․․․
․․․․․
UKWENZELA INCOKO:
Le ngxelo ibonisa njani ukuba uDaniyeli wayethozamile? Kutheni ufanele uthozame xa uwenza kakuhle umsebenzi okanye unesiphiwo esithile?
Kule Nkupho
Phendula le mibuzo uze ufakele iindinyana zeBhayibhile.
IPHEPHA 7 Yintoni afanele akhawuleze ukuyenza amaqabane omtshato? Yakobi 1:․․․
IPHEPHA 9 Yintoni afanele ayiphaphele amaqabane omtshato? Filipi 2:․․․
IPHEPHA 11 UThixo uyalela abakhonzi bakhe ukuba baphephe ntoni? Duteronomi 18:․․․
IPHEPHA 21 Ukuba umntu oselula akabi ngovayo nje kuphela kodwa uba ngumenzi, uya kuba yintoni? Yakobi 1:․․․
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungakwazi ukuyibona le mifanekiso kweli phephancwadi? Chaza ngamazwi akho into eyenzekayo.
Ngubani Osisalamane SikaYesu Apha?
Khangela inkcazelo enokukunceda ufumane impendulo. Funda izibhalo. Emva koko bhala amagama achanileyo kwizikhewu ezingezantsi.
5. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Umzukulwana wam waba ngukumkani wesibini wakwaSirayeli.
Funda eyoku-1 kaSamuweli 16:13, 14; 1 Kronike 2:12-15.
6. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: UIsaya waprofeta esithi omnye kwinzala yam wayeya “kuma njengomnqophiso kwizizwana.”
Funda uIsaya 11:10.
7. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Ndandidume ngokwenza izixhobo zokudlala umculo.
Funda eyesi-2 yeziKronike 7:6.
◼ Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 22
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. Yigolide, yisilivere, lubhedu, yintsimbi.
2. Izikumkani ezine.
3. Uyacolwa.
4. BuBukumkani bukaThixo; buhlala ngonaphakade.
5. NguObhedi.—Luka 3:31, 32.
6. NguYese.—Luka 3:32.
7. NguDavide.—Luka 3:31.