“Iyamangalisa!”
◼ Yatsho njalo indoda engumalathisi kuhlolo-luvo lomtshato xa yayichaza incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Isibini esasiye sanenxaxheba kolo hlolo-luvo saye sayinika le ncwadi saza sayichazela ukuba sincedwe yiyo ukuze silungiselele umtshato.
Lo malathisi wabhalela eso sibini esibulela “ngesipho esimangalisayo” esasimthumelele sona. Emva koko wathi unethemba lokuba izibini ezinjengesi ziya kufundisa nezinye “oko kufunekayo ukuze umtshato uqine kwaye womelele.” Wayeqinisekile ukuba iincwadi ezifana nale ithi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho zazinokuzinceda izibini zilungise iingxabano ezinokuvela. Lo malathisi waphawula ukuba esi sibini sasincedwa kukuba nokholo olomeleleyo nakukuthembela kuThixo.
Le ndoda yachaza isithi le ncwadi iyibeke kwidesika yayo kwaye iyibonisa abafundi bayo xa becela amacebiso ngomtshato. Yathi: “Bendingayazi le ncwadi, iyamangalisa!”
Incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho iye yanceda amawaka ezibini ezitshatileyo ehlabathini jikelele. Inokukunceda nawe usebenzise imigaqo yeBhayibhile enokwenza intsapho yakho yonwabe.
Unokuyioda le ncwadi enamaphepha ali-192 ngokuzalisa le fomu ingezantsi uze uyithumele kwidilesi ebhaliweyo okanye uyithumele kwidilesi efanelekileyo ekwiphepha 5.
□ Ncedani nindithumelele incwadi eboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.