Into Enokukunceda Xa Usentlungwini Yokufelwa
◼ Elinye ibhinqa lafelwa nguyise xa lalineminyaka eli-12 kuphela ubudala. Kangangeminyaka emininzi emva koko lalidandathekile. Labhalela iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yaseKhanada lathi:
“Ndathuthuzeleka emva kokuba ndifunde incwadana enemifanekiso ethi, Xa Umntu Omthandayo Esifa. Ndisakhala nangoku xa ndicinga ngotata. Kodwa xa ndifunda le ncwadana nezibhalo, ndicamngca, ndithandaza, ndize ndikhale, andisekho buhlungu njengakuqala kuba izithembiso zikaThixo ziyandithuthuzela.
“Le ncwadana kunye nezibhalo ezikuyo ziye zandithuthuzela zaza zandomeleza. Nangona ndisebuhlungu, izinto azisafani. Le ncwadana iluncedo kakhulu xa usentlungwini yokufelwa.”
Ngaba wakha wafelwa ngumntu omthandayo? Ngaba usebuhlungu nangoku? Ngaba uyayifuna into enokukunceda kule ntlungu? IBhayibhile ithembisa ntoni ngabantu abafileyo? Mhlawumbi wena okanye umntu omaziyo unokuthuthuzeleka ngokufunda incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi, Xa Umntu Omthandayo Esifa. Unokuyioda le ncwadana ngokuzalisa le fomu ingezantsi uze uyithumele kwidilesi ebhaliweyo okanye uyithumele kwidilesi efanelekileyo ekwiphepha 5.
□ Ncedani nindithumelele le ncwadana iboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.