Imbono YeBhayibhile
Ngaba Sifanele Sisebenzise Imifanekiso Xa Sinqula UThixo?
“Ndafundiswa ukuba imifanekiso inokundisondeza kuThixo.”—UMack.
“Ekhaya kwakuzele imifanekiso yonqulo. Sasicinga ukuba oko kuyamkholisa uThixo.”—UHerta.
“Sasiqubuda kwimifanekiso kodwa sasingayazi indlela uThixo avakalelwa ngayo.”—USandra.
UVAKALELWA njani ngezi zinto zithethwe ngasentla? Abantu abaninzi bakholelwa ukuba imifanekiso yonqulo iyabanceda ekukhonzeni uThixo. Ngaba le mbono ichanile? Okubaluleke nangakumbi, uThixo uvakalelwa njani ngalo mba? Qwalasela oko kuthethwa liLizwi lakhe, iBhayibhile eNgcwele.
Imbono KaThixo Ngemifanekiso Yonqulo
Imifanekiso yonqulo kunye nezithixo ibhekisela kuyo nantoni na abantu abayinqulayo okanye abazinikele kuyo. Iquka iminqamlezo, imifanekiso eqingqiweyo, imizobo okanye nayo nantoni na efanekisela izinto ezisezulwini okanye emhlabeni.a Neeflegi zinokunqulwa.
Abantu baqala ukusebenzisa imifanekiso yonqulo kumawaka eminyaka eyadlulayo. Ngenxa yoko, ngowe-1513 B.C.E, xa wayenika uhlanga lwakwaSirayeli iMiyalelo Elishumi, uThixo wayichaza ngokucacileyo indlela ayijonga ngayo imifanekiso yonqulo. Wathi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.”—Eksodus 20:4, 5.
Phawula iingongoma ezimbini ezavezwa nguThixo: Okokuqala, abantu bakhe babengamele bazenzele imifanekiso yonqulo, yaye okwesibini, babengamele ‘baqubude’ kuyo okanye bayinqule. Kutheni uMdali wethu engafuni ukuba kwenziwe imifanekiso yonqulo? Esinye isizathu kukuba, “akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” UYehova akanamzimba wokwenyama kodwa ungumoya kwaye uphila kummandla wokomoya. (Yohane 1:18; 4:24) Omnye unobangela wokuba uThixo angayifuni imifanekiso yayo nantoni na, kukuba ufuna “uzinikelo olupheleleyo.” Uthi: “Andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.” (Isaya 42:8) Ngenxa yesi sizathu, kuphosakele ukunqula imifanekiso engenakusinceda. Xa uAron owayekhokela amaSirayeli wenza umfanekiso wonqulo, uYehova wacaphuka ngokwenene.—Eksodus 32:4-10.
Kutheni Singamele Siqubude Kuyo?
IBhayibhile ithi ngezithixo: “Zinomlomo, kodwa azithethi; zinamehlo, kodwa aziboni; zineendlebe, kodwa aziva.” Ngoko ke iyalumkisa: “Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye”—baya kufa!—INdumiso 115:4-8.
Ukunqula izithixo akukho sikweni. Zibuze, ‘Ndinokuvakalelwa njani xa ndisipha umntwana wam isipho esinexabiso eliphezulu, aze yena aye kubulela umntu angamaziyo okanye into engaphiliyo?’ Oku kunokukunceda uqonde indlela uMdali kunye noMniki-bomi avakalelwa ngayo xa kudunyiswa yaye kunqulwa abanye abantu, kuquka izithixo ezingaphiliyo, ngenxa yezinto ezenziwe nguye.—ISityhilelo 4:11.
Cinga, kwakhona, indlela okubathoba isidima ngayo abantu abenziwe ngomfanekiso kaThixo, xa benqula loo mifanekiso! (Genesis 1:27) Ethetha ngabo bakwenzayo oko, umprofeti uIsaya wathi: “Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, koko kwenziwe yiminwe yabo. Umntu wasemhlabeni uyaqubuda, nendoda iyathotywa, ngoko [wena Yehova uThixo] akunakwenzeka ukuba ubaxolele.”—Isaya 2:8, 9.
Into ebangela ukuba unqulo lobuxoki lumcaphukise uThixo, kukuba enyanisweni lunqulo lweedemon—iintshaba zikaThixo. IDuteronomi 32:17 ithi, xa amaSirayeli amshiyayo uYehova ngenxa yezithixo, ‘ayebingelela kwiidemon, kungekhona kuThixo.’
Ngaba abalandeli bokuqala bakaYesu Kristu babeyihlonela imifanekiso okanye beyinqula? Nakanye! Umpostile kaYesu uYohane wabhala: “Bantwana abancinane, zilindeni kuzo izithixo.” (1 Yohane 5:21) Incwadi ethi Early Church History to the Death of Constantine, ithi: “Abafundi bokuqala babekuthiye egazini ukunqula izithixo.”
Indlela Efanelekileyo Yokunqula
UYesu wathi: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:23) UThixo ufuna simazi njengomntu—izinto azithandayo nangazithandiyo, imilinganiselo yakhe nenjongo yakhe ngathi. (Yohane 17:3) Ngenxa yoko, wabangela ukuba kubhalwe iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Kwakhona ekubeni uThixo ‘engekude kuye ngamnye wethu,’ sinokuthandaza kuye nanini na, naphi na, ngaphandle kokusebenzisa imifanekiso yonqulo.—IZenzo 17:27.
USandra, ocatshulwe ngaphambili uthi: “Xa ndingena kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, andizange ndiyibone imifanekiso yonqulo. AmaNgqina andibonisa iimpawu zikaThixo noko akufunayo eBhayibhileni. Ngoko, ndafunda uthandaza kuThixo ukuze andiphulaphule. Ngoku ndimazi kakuhle uMdali yaye ndinolwalamano olusondeleyo kuye.” USandra wakhululwa yinyaniso yeBhayibhile. (Yohane 8:32) Nawe inokukukhulula.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda inqaku elithi “Ngaba Ngokwenene UYesu Wafela Emnqamlezweni?” kwinkupho ka-Aprili 2006 yeli phephancwadi.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Kutheni sifanele siziphephe zonke iintlobo zemifanekiso yonqulo?—INdumiso 115:4-8; 1 Yohane 5:21.
◼ Ufanele anqulwe njani uThixo oyinyaniso?—Yohane 4:24.
◼ Unokuyifunda njani inyaniso ngoThixo, yaye unokufumana ziphi iingenelo?—Yohane 8:32; 17:3.