“Siyanibulela Ngokuthanda Kwenu Abantu”
NGUMBHALI KAVUKANI! ERASHIYA
◼ Kwisixeko saseChita esikwimpuma yeSiberia, ibandla lamaNgqina kaYehova laliqhubela iintlanganiso zamaKristu kwigumbi lesikolo ngaphambi kokuba libe neHolo yoBukumkani. Ngenxa yokuba amaNgqina ayeligcina licocekile elo gumbi, elungisa izinto ezonakeleyo, enobubele nembeko, abaphathi besikolo babhalela elo bandla ileta yokubulela.
Kwinxalenye yayo yathi: “Siyanibulela ngokuthanda kwenu abantu nangomsebenzi wobuvangeli eniwenzayo, kunye nokukhathalela abantu bonke. Asiyi kuzilibala izinto esizifunde kuni kule minyaka, sitsho sabona ukuba abo bakhonza uThixo baziphethe kakuhle, banyanisekile, banobubele, yaye banokholo kunye nenjongo ebomini.” AmaNgqina kaYehova ayakuxabisa oku kunconywa.
◼ Malunga neekhilomitha zingama-5 500 kwintshona yaseChita, ummeli wamaNgqina kaYehova wesebe laseRashiya wamenyelwa kumsitho okhethekileyo wesithili saseSt. Petersburg. Sasiyintoni isizathu? Nyaka ngamnye, emva kokunyibilika kwekhephu, amaNgqina asekuhlaleni ayancedisa ekuthutheni inkunkuma kwindlela emalunga neekhilomitha ezingama-60 ukusuka esebeni. Ngenxa yoxabiso ngalo msebenzi wawo mhle, igosa likarhulumente lanika ummeli wesebe isatifiketi sokuwawonga. Ababekho baqhwaba izandla ngamxhelo-mnye. Okubangela umdla kukuba, xa isithethi salo msitho sabiza igama likaYehova ngendlela engachananga, ngokukhawuleza abangengomaNgqina basilungisa bebonisa ukuba bayalazi igama likaThixo nabakhonzi bakhe.
Into ebangela ukuba balazi eli gama kukushumayela kwamaNgqina kaYehova aseRashiya angaphezu kwe-150 000. Azimisele ukuqhubeka ‘ebathanda abantu’ ngokubathuthuzela ngesigidimi seBhayibhile bonke abaphulaphulayo.—Mateyu 22:39.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Isebe laseRashiya lanikwa isatifiketi sokuwongwa