“Ndandingazi Ukuba UThixo Unegama”
◼ Elinye ibhinqa lathetha la mazwi emva kokufunda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Lithi: “Kodwa isengqiqweni into yokuba uThixo abe negama. Ndathi xa ndikhangela igama likaThixo eBhayibhileni yam, ndalifumana!” Liyacacisa: “Andizange ndifunde incwadi ethetha ngeBhayibhile eluncedo kangaka neqondeka lula ngolu hlobo!”
Incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ayichazi nje kuphela ukuba injongo kaThixo yayikukuba umhlaba ube yiparadesi, kodwa icacisa nendlela eya kuzalisekiswa ngayo loo njongo. Le ncwadi ityhila nendima ebalulekileyo uNyana kaThixo, uYesu Kristu, anayo ekuzalisekiseni loo njongo. Ichaza ngokusuka eBhayibhileni isizathu sokuba saluphale size sife, isizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka, nendlela uBukumkani bukaThixo obuya kukuphelisa ngayo ukubandezeleka.
Nangona le ncwadi ineminyaka emithathu kuphela ikho, sele kushicilelwe iincwadi ezingaphezu kwezigidi ezingama-79 ngeelwimi ezingama-220. Unokuyioda ngokuzalisa le fomu ingezantsi uze uyithumele kwiadresi ebhaliweyo okanye uyithumele kwiadresi efanelekileyo ekwiphepha 5.
□ Ncedani nindithumelele le ncwadi iboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.