Okwenzeka Ehlabathini
◼ Kwiminyaka engama-20 edluleyo, liye laphindwa kane inani leentlekele zemvelo ehlabathini lonke. Nyaka ngamnye kuchaphazeleka abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-250.—IEL UNIVERSAL, EMEXICO.
◼ “Kangangeminyaka imimoya ebhudla kwiPasifiki iye yaqokelela inkunkuma eninzi.” Le nkunkuma izalise ummandla olingana neOstreliya.—ILA DÉPÊCHE DE TAHITI, ETAHITI.
◼ Ukuze kwenziwe iilitha ezingama-50 zeoli yemoto, kufuneka umbona oziikhilogram ezingama-200—“onokondla umntu omnye kwisithuba esingangonyaka!”—IGAZETA WYBORCZA, EPOLAND.
IiBhayibhile Ezipapashwe ETshayina
UYe Xiaowen, umphathi weState Administration for Religious Affairs uthi: “ITshayina lelinye lamazwe apapasha iiBhayibhile ezininzi ehlabathini.” Umbutho wokushicilela waseTshayina oseNanjing, ikomkhulu laseJiangsu Province, uye wapapasha iBhayibhile epheleleyo yama-50 esigidi. Ngokutsho kwePeople’s Daily Online, “kule minyaka yakutshanje kuye kwashicilelwa iiBhayibhile ezimalunga nezigidi ezi-3 nyaka ngamnye.” Kuthiwa baye besanda abantu abathi bangamaKristu eTshayina.
Ukubiwa Kwemifanekiso Yonqulo
IRussky Newsweek ithi: “Kwiminyaka emihlanu edluleyo, kuye kwaphangwa iicawa ezingaphezu kwe-1 000 eRashiya.” KwiSebe Lemicimbi Yezangaphakathi laseRashiya kunikelwe ingxelo yokuba kubiwe imifanekiso engama-40 000. Ngoku eli Sebe neCawa yamaOthodoki yaseRashiya zenze isivumelwano sokuba yonke imifanekiso yecawa ibekwe uphawu oluthile, oluza kubonakala kuphela phantsi kweultraviolet light. Oku kuza kunceda abaphandi bayazi ukuba yekabani le mifanekiso. IRussky Newsweek ithi, iQumrhu labefundisi baseMoscow lavumelana noku, lisithi, “olo phawu lwasemhlabeni aluzi konakalisa nto kuloo mifanekiso eqingqiweyo.”
Iimfazwe Ziyayigqiba Imali YaseAfrika
I-International Herald Tribune ithi: “Phakathi konyaka wowe-1990 nowama-2005, amazwe aseAfrika angama-23 aye abandakanyeka kwimilo, yaye oku kuye kwaba ziindleko ezimalunga nee-R2,3 zamawaka ezigidi.” UMongameli waseLiberia uEllen Johnson-Sirleaf uthi: “Le mali ichithwa yiAfrika kwezi mfazwe ibinokuncedisa kwingxaki egquba eAfrika yeHIV noGawulayo, okanye ichithelwe kwimfundo, kumanzi, ekukhuseleni nasekunyangeni isifo sephepha neseengcongconi. Bekusenokwakhiwa izibhedlele, izikolo neendlela.” Eli phephandaba laqukumbela ngelithi, ukuba imfazwe ibingekho, iAfrika “ibiza kuba lelona lizwekazi lihambele phambili kwezoqoqosho kunokuba ibe lelona lihlwempuzekileyo ehlabathini.”
Ukungqengqa Kunokukunceda
Xa kwakusenziwa uhlolisiso kumadoda namabhinqa angamaGrike angaphezu kwama-23 000 kwafunyaniswa ukuba xa engqengqa kathathu ngosuku ebudeni bemini veki nganye, oku kunokunciphisa amathuba okuba abulawe sisifo sentliziyo ngama-37 ekhulwini. UDimitrios Trichopoulos, umphengululi nengcali ngezifo ezigqugqisayo eHarvard School of Public Health, eUnited States uthi: “Kukho ubungqina bokuba ukuxinezeleka kunokubangela isifo sentliziyo. Ukungqengqa emva kwemini kunokunceda abantu kuxinezeleko, kuze kunciphise inani labantu ababulawa sisifo sentliziyo.”