Utitshalakazi Wacebisa Ukuba Nabanye Babe Nayo
◼ Abantu abaselula banokulifumana phi icebiso elisengqiqweni nokhokelo? UCheren oneminyaka eli-13 ubudala, ohlala eItali, wakunandipha ukufunda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Kutshanje, uye wabalisela abo afunda nabo ngezinto azifunde kule ncwadi.
Uthi: “Ndifunda kwibanga lesibhozo yaye eklasini besixubusha ngeengxaki abantu abakwishumi elivisayo abajamelana nazo. Ngenye imini, utishalakazi wathi uvile ukuba iincwadi zethu ziyabanceda abantu abaselula. Wandicela ukuba ndimphathele. Ngoko ndamnika incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza.
Kwiintsuku ezimbalwa kamva wasebenzisa le ncwadi kwingxubusho yeklasi eyayisekelwe kwisahluko 10, esinomxholo othi ‘Ibaluleke Kangakanani Inkangeleko?’ Wasinika umsebenzi wesikolo esasimele siwenze emakhaya esebenzisa ‘Imibuzo Yengxubusho’ ekweso sahluko. Wathi: ‘Le ncwadi ibhalwe kakuhle, ndiv’ intw’ embi ningenazo ezenu.’
“Ndathi ndingabaphathela abo banomdla, yaye abali-16 bacela ukuba ndibaphathele. Ndathi ndakuza nazo, nabanye ababengenamdla ekuqaleni, bazifuna!”
Incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza inale mixholo, “Kutheni Ndidandatheka Kangaka Nje?” “Ndinokwazi Njani Ukuba Luthando Lokwenene?” “Kutheni Ndimele Ndizichase Nje Iziyobisi?” nothi “Ndinokuzeyisa Njani Ekubukeleni Umabonwakude?” Ukuba ufuna ukuzifumanela eyakho incwadi, nceda uzalise eli phetshana uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele le ncwadi iboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.