‘Yeyona Ncwadi Ibalaseleyo Engonqulo’
◼ Omnye utitshala wesikolo samabanga aphakamileyo eKhanada wakufumanisa kunzima ukufundisa abantwana ngeenkolelo zonqulo ezahlukahlukeneyo kwelo. Emva kokufunda incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, uthi: “Le yeyona ncwadi ibalaseleyo echaza ngonqulo olusehlabathini lonke endakha ndayifunda!” Wayechukumisekile kangangokuba wacela imvume kwiqumrhu lesikolo ukuba ayisebenzise le ncwadi eklasini.
Lo titshala wayekulungele ukuhamba iikhilomitha ezingama-500 aye kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseKhanada ukuze alande iincwadi ezingama-40. Kodwa ke, amaNgqina amphathela ezo ncwadi. Abafundi abaninzi abakwiklasi yakhe bayithanda gqitha le ncwadi kangangokuba bazicelela ezabo.
Nawe inokukunceda le ncwadi uzazi iinkolelo zabantu abahlala kwingingqi okuyo. Ichaza iimvelaphi, imbali neemfundiso zeenkonzo eziphambili zehlabathi—eziquka ubuHindu, ubuBhuda, ubuTao, ubuConfucius, ubuShinto, ubuYuda, ubuSilamsi nobuKristu.
Unokuzicelela eyakho incwadi enamaphepha angama-384 ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngokuzalisa uze uthumele eli phetshana lingezantsi kwiadresi efanelekileyo kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele le ncwadi iboniswe apha.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.