Ukwenziwa Kwetyuwa ESahara
NJENGOKO sihamba ngemoto sibona iipali. Ezi pali zinceda abantu babone indlela, xa kukho iinkqwithela. Eneneni kuyathanda ukubakho iinkqwithela kule Ntlango yeSahara.
Indlela esihamba ngayo eyayihamba iinkamela mandulo, isingise kwisixeko saseAgadez, kumntla Niger, ukuya kumda weAlgeria nakweminye imimandla. Thina siya kwidolophana iTeguidda-n-Tessoumt—ekwiikhilomitha ezingama-200 ukusuka kumntla-mpuma weAgadez. Apho kukho iintsapho ezingama-50 ezisebenzisa indlela yakudala yokwenza ityuwa ngodongwe olukwiSahara.
Oozenzele Beenduli Namadama Anemibala Engafaniyo
Phambi kwethu kukho iinduli, ezisinceda sikwazi ukubona apho sisinge khona. Umkhenkethisi wethu umisa imoto kufuphi nenduli eziimitha ezili-10 ukuphakama aze asicele ukuba siphume emotweni, sinyuke kule nduli ukuze sibone le dolophana. Njengoko sinyuka, usixelela ukuba ezi nduli zenziwe ngabantu ngesanti eyasala xa kwakusimbiwa ityuwa kwiminyaka emininzi eyadlulayo.
Xa siphezulu sibona izinto ezibangela umdla. Phantse yonke into kule dolophana ifana nodongwe—umhlaba, iindonga nophahla. Ekuphela kwento eyahlukileyo ngamagqabi aluhlaza emithi emibini ekule dolophana. Izindlu zenziwe ngodongwe zaza zabiyelwa ngalo. Izakhiwo ezifanayo ngombala zahlulwa ngamadama etyuwa amaninzi akufuphi nanemibala engafaniyo. Abantu balapha baxakekile—amadoda, amabhinqa nabantwana, bonke bayazibhokoxa emsebenzini.
Indlela Engaqhelekanga Yokwenza Ityuwa
Njengoko sisihla, umkhenkethisi wethu usichazela indlela yakudala yokwenza ityuwa esetyenziswa ngabahlali balapha. Uthi: “Kukho iintlobo ezimbini zamadama. Amadama amakhulu, aziimitha ezimbini ubukhulu, asetyenziselwa ukugcina amanzi anetyuwa. Kumadama amancinane kunyuka umphunga. Amanzi akwimithombo engama-20 kule ndawo amtyuba. Kodwa ityuwa ayikhutshwa emanzini kunoko ikhutshwa emhlabeni, yiloo nto kanye eyenza ukuba oku kubangel’ umdla.” Ikhutshwa njani ityuwa emhlabeni?
Sibona enye indoda ifaka umhlaba kwidama elikhulu elizele ngamanzi avela emthonjeni. Ixovula lo mxube ngeenyawo zayo, ngokungathi yenza iwayini. Yakugqiba, iyawuyeka lo mxube unetyuwa kangangeeyure ezithile. Kule ndawo kukho namanye amadama anomxube ofanayo. Dama ngalinye linombala omdaka ongafaniyo namanye—kuba umbala wala madama uyatshintsha xa udongwe lunyibilika.
Kufuphi nale ndoda, kukho enye ekha la amanzi anetyuwa ngeselwa, ize iwagalele kumadama amancinane. Ngamadoda adla ngokwenza lo msebenzi. Ikwangawo nanyamekela amadama. Amanye ngamadama okoqobo, kodwa amanye embiwa emaweni. Xa amadoda engakwazi ukumba, azenzela amadama ngodongwe phezu kweliwa. Enza udonga lodongwe ngezandla aze alubethe ngentonga de luqine. La madama afanele alungiswe nyaka ngamnye.
Amabhinqa wona enza ntoni? Ayaqiniseka ukuba umhlaba onetyuwa sele ukulungele ukuba kungasetyenzwa kuwo. Asusa netyuwa eyomileyo kumadama anamanzi atshileyo. Andule ke acoce la madama ukuze alungele ukusetyenziswa kwakhona.
Kwangaxeshanye, abantwana bahambahamba phakathi kwamadama amancinane. Umsebenzi wabo kukujonga amadama angomi. Xa amanzi esitsha, ityuwa iyoma. Ukuba le tyuwa iyekwa de yome inokuvalela amanzi. Ngoko abantwana bafafaza amanzi ukuze ityuwa ingomi itshone emazantsi edama. Oku kuyaqhubeka de kusale uhlobo lwetyuwa efunekayo.
Kutheni la madama enemibala emihle eyahlukahlukeneyo? Umkhenkethisi wethu uyasicacisela: “Kukho iintlobo ezintathu zodongwe kule ndawo ezijika umbala wamanzi. Enye into umbala wamanzi uxhomekeka ekuthini ingakanani ityuwa ekuloo manzi. Kwakhona kwamanye amadama kukhula ubulembu buze butshintshe umbala wamanzi.” Siye saphawula nokuba la madama atshintsha umbala njengoko ilanga lihamba.
Ukushishina Ngetyuwa
Kuloo dolophana, amabhinqa enza izigaqa ngetyuwa eziinkozo, aze azomise elangeni. Le tyuwa awayicoli, ngoko ihlala inebala elimdaka. La mabhinqa enza izigaqa ezingafaniyo—ezimbhoxo, ezingqukuva nezingoonxantathu. Elinye lala mabhinqa lithi ezimbhoxo nezingqukuva ziyathengiswa, ukanti ezingoonxantathu kuphiswa ngazo.
Ithengwa ngoobani le tyuwa? Ngabakhenkethi nabathengisi betyuwa. Batyelela eTeguidda-n-Tessoumt, banikise ngokutya nezinye izinto ukuze bafumane ityuwa. Enye ithengiswa ezivenkileni kwiidolophu ezinkulu ezikufuphi nale ntlango. Ityuwa eziinkozo ayisetyenziswa ngabantu. Kunoko, igalelwa ekutyeni kwezilwanyana.
Xa sibuyela emotweni yethu, sibona umntu esimba udongwe oluseleyo kwidama elingenamanzi. Uthabatha le nkunkuma ayijule ezindulini. Iinduli esizibonayo zisenza sicinge ngezizukulwana eziye zenza lo msebenzi wokumba ityuwa zada zafela kweli laseTeguidda-n-Tessoumt.—Linikelwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
“Ityuwa ayikhutshwa emanzini kunoko ikhutshwa emhlabeni, yiloo nto kanye eyenza ukuba oku kubangel’ umdla”
[Imaphu ekwiphepha 21]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
SAHARA
NIGER
Agadez
Teguidda-n-Tessoumt
[Inkcazelo]
Based on NASA/Visible Earth imagery
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukumba ityuwa exabisekileyo kudongwe lwaseSahara
[Inkcazelo]
© Victor Englebert
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Amadama anyuka umphunga anemibala engafaniyo
[Inkcazelo]
© Ioseba Egibar/age fotostock
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Izigaqa zetyuwa zomiswa elangeni