IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/09 iphe. 32
  • Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaThixo?
  • Vukani!—2009
Vukani!—2009
g 2/09 iphe. 32

Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaThixo?

◼ Incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo! ifundisa kanye oko. Inemixholo ebangel’ umdla njengothi “UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe” nothi “UThixo Ngoyena Mhlobo Ulungileyo Unokuze Ube Naye.” Le ncwadana ilungiselelwe ukunceda lowo uyifundayo afumane iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile.

Kumxholo wayo othi “Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala EParadesi,” le ncwadana iyichaza ngokucacileyo injongo kaThixo ngomhlaba. Kodwa, ukuze siphile kwiParadesi iBhayibhile eyithembisayo, sifanele sifunde ngendlela uYehova afuna simkhonze ngayo. Imixholo enjengothi “Indlela Yokufumana Unqulo Lokwenyaniso” nothi “Luchase Unqulo Lobuxoki!” inokukunceda ukuba ube ngumhlobo kaThixo uze umkholise. Siqinisekile ukuba uya kukufumanisa kuluncedo ukufunda le ncwadana inemifanekiso.

Unokuzicelela le ncwadana ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi eboniswe kulo okanye kuleyo ifanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele incwadana enemifanekiso ethi Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share