Abantwana Bayayithanda Le Ncwadi!
◼ Abantwana beminyaka eyahlukahlukeneyo bayayithanda incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. Enye intombazana yathi: “Kukho izinto ezininzi endizithandayo kule ncwadi. Ngokomzekelo, ndiyithandile yonke imifanekiso ekuyo. Imibala yayo emihle ithimba ingqalelo yomfundi. Xa bendiyifunda le ncwadi, ndiye ndazipha ixesha lokujonga imifanekiso ukuze ndibone indlela engqamana ngayo nebali!
“Enye into endiyithandayo ngayo sisigama sayo. Kulula ukusiqonda yaye senza kube mnandi ukuyifunda.
“Xa bendiyifunda le ncwadi ndachukunyiswa yindlela ecacisa ngayo iingxaki zanamhlanje nendlela esinokuziphepha ngayo. Izahluko endizixabisayo zezi ‘Kufuneka Sizixhathise Izilingo,’ ‘Isifundo Ngokuba Nobubele,’ nesithi ‘Ngaba Usoloko Ufuna Ukuba Ngoyena Uphambili?’”
Unokuzicelela umbhalo wale ncwadi intle, inemifanekiso nenamaphepha angama-256, elingana neli phephancwadi ngobukhulu. Zalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadresi echaziweyo okanye kwefanelekileyo kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.