Kwenzeka Ntoni Xa Kubeth’ intliziyo?
● Elona lungu libalulekileyo lenkqubo yojikelezo-gazi yintliziyo yaye lisebenza nzima gqitha. Ukuba ungumntu omdala, kusenokwenzeka ukuba intliziyo yakho ibetha izihlandlo ezili-100 000 ngosuku. Naxa ungenzi nto, izihlunu zentliziyo yakho zisebenza nzima—nangaphezulu, kanye ngendlela ezisebenza ngayo izihlunu zemilenze yakho xa ubaleka. Ithi xa kuyimfuneko ikwazi ukuziphinda kabini izihlandlo ebetha ngazo kwimizuzwana nje emihlanu. Intliziyo yomntu omdala impompa igazi eliziilitha ezi-5 ngomzuzu—umntu unamalunga neelitha ezi-5 zegazi emzimbeni—ukuya kwezingama-20 xa esenza umthambo.
Intliziyo yakho ilawulwa yinkqubo yemithambo-luvo eyilwe ngendlela emangalisayo. Le nkqubo ibangela ukuba imithambo engasentla (atria) yentliziyo inciphe ngaphambi kwemithambo engezantsi (ventricles), yonke loo nto isenzeka kwisithuba nje esingaphantsi komzuzu. Okubangel’ umdla kukuba, isandi esiviwa ngoogqirha xa behlola intliziyo ngeentsimbi zabo asenziwa kukubetha kwentliziyo kodwa sibangelwa kukuvaleka kwemithambo.
Ibetha Izihlandlo Eziyibhiliyoni
Ngokuqhelekileyo, ukubetha kwentliziyo yesilwanyana kuxhomekeke kubunzima baso—intliziyo yesilwanyana esikhulu ibetha izihlandlo ezimbalwa. Ngokomzekelo, intliziyo yendlovu ibetha izihlandlo ezimalunga nama-25 ngomzuzu, kanti yona intliziyo yentaka umlonji ibetha izihlandlo ezili-1 000 ngomzuzu! Yona intliziyo yomntu iqala ngokubetha izihlandlo ezili-130 ngomzuzu xa ezalwa ize ithi xa ekhula ibethe izihlandlo ezingama-70.
Izilwanyana ezincancisayo ezininzi zithi xa zisifa iintliziyo zazo zibe zibethe izihlandlo ezingangebhiliyoni. Kanti ke impuku inokuphila iminyaka emithathu xa intliziyo yayo ibethe izihlandlo ezingama-550 ngomzuzu ngoxa wona umnenga iblue whale unokuphila iminyaka engaphezu kwama-50 xa intliziyo yawo ibetha izihlandlo ezingama-20 ngomzuzu. Kodwa bona abantu bahlukile. Xa sihlola izihlandlo zokubetha kwentliziyo yomntu, sinokuphila iminyaka emalunga nama-20. Kodwa intliziyo yomntu osempilweni inokubetha izihlandlo eziziibhiliyoni ezintathu nangaphezulu aze umntu aphile kangangeminyaka engama-70 okanye engama-80 nangaphezulu!a
Nakuba kunjalo, akukho namnye umntu unokubala ukuba uza kuphila ixesha elingakanani ngokujonga ukubetha kwentliziyo kuba eyona nto ifunwa ngumntu ngamnye kukuphila ngonaphakade. Eneneni loo mnqweno udaliwe, kuba ufakwe nguThixo kuthi. Kwakhona lisondele ixesha lokuba isono—esibangela ukufa—sisuswe. (Roma 5:12) Kangangokuba ISityhilelo 21:3, 4 sithi ‘ukufa akusayi kubakho.’
[Umbhalo osemazantsi]
a La manani aluqikelelo nje. Izihlandlo zokubetha kwentliziyo kwakunye neminyaka enokuphilwa zizidalwa ezahlukahlukeneyo inokungafani nolu qikelelo.
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 29]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
UMFANEKISO WENTLIZIYO
IRight atrium
ILeft Atrium
IRight ventricle
ILeft ventricle