Okwenzeka Ehlabathini
NgokweInternational Agency for Research on Cancer, izixhobo zokugqatsa ulusu ebezikade zigqalwa “njengezisenokubangela umhlaza” ngoku zigqalwa “njengeziwubangelayo umhlaza.”—ITHE LANCET ONCOLOGY, EBRITANI.
EArgentina, amabhinqa ali-9 kwali-10 akhulelweyo ebengakufuni ukukhulelwa.—ICLARÍN, EARGENTINA.
“Sele iqhelekile into yokuba inzululwazi ifumanise iindidi zezilwanyana nezityalo ezitsha. Izazi ngebhayoloji zifumanisa ezimalunga nama-50 ngosuku. Ngowama-2006 nje kuphela kuye kwafunyaniswa izityalo ezitsha ezimalunga ne-17 000—mlinganiselo lowo oyi-1% yezigidi ezili-1.8 eziye zathiywa amagama.”—ITIME, EUnited States.
Ngaba Imipu Iyakhusela?
Ngaba umpu uyakwazi ukukhusela umntu xa ehlaselwa? Uphengululo olwenziwa yiUniversity of Pennsylvania School of Medicine yaseUnited States lwafumanisa ukuba ngokuqhelekileyo awumkhuseli. Emva kokubekela bucala iimeko ezibandakanya amapolisa, ukudubula ngabom nokudubula ngengozi, abaphengululi bafumanisa ukuba umntu ophethe umpu “usengozini yokudutyulwa kangangezihlandlo ezi-4.5 xa ehlaselwa kunomntu ongawuphathanga.” Kolu phengululo kwafunyaniswa ukuba abanye abantu baye bakwazi ukuzikhusela ngezi zixhobo zabo, kodwa amathuba anjalo ambalwa. Le ngxelo yathi ingcamango yokuba ukuba nompu “kukuzikhusela engozini ifanele ikhe ishukuxwe ize iphinde icingisiswe.”
Iimonki Ezithambisa Ilipstick
Ingxelo yeendaba evela eBangkok ibonisa ukuba iimonki ezisaqalayo eThailand ziye “zayimela kakubi icawa yamaBhuda” ngokuqaba iilipstick, zinxibe imiwunduzo ezibambayo, “zipitshoze xa zihamba zize ziphathe iibhegi zamabhinqa.” Ngenxa yokuxhalatyiswa zizenzo zezi monki zingamafanasini, amagunya eecawa aye acebisa ukuba zifundiswe indlela yokuziphatha. Umshumayeli ophambili wamaBhuda uthi ubufanasini abupheliswanga phakathi kweemonki, “kuba ukuba bebunokupheliswa, bekuya kufuneka isiqingatha sazo siyekiswe ukuba ziimonki.”
Oololiwe Abakhwelisa Amabhinqa Kuphela
Kangangeminyaka amabhinqa ebekhwela oololiwe abazeleyo baseIndiya kuye kwafuneka ajamelane nokuthukwa, ukucofwa, ukutswetywa ukujongwa nokukhathazwa ngamadoda akhwele nawo. Iphephandaba laseCalcutta, iThe Telegraph linikela ingxelo yokuba ngelokuzama ukulungisa ezi zikhalazo zingapheliyo, kwezinye iimeko urhulumente uye wagqiba kwelokuba awahlukanise amabhinqa namadoda. Ngenxa yoko, kwezona zixeko zine zikhulu zaseIndiya—iNew Delhi, iMumbai, iChennai, neCalcutta—kukho oololiwe ekuthiwa “ziiLadies’ Specials” abakhwelisa amabhinqa kuphela. Kuthiwa abakhweli bayithanda gqitha loo nto.