Afundisa Njani NgeBhayibhile AmaNgqina KaYehova?
Afundisa ngokwemixholo esebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Izahluko zayo ezili-19 ziquka ezi zilandelayo:
“Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?”
“Ngubani UYesu Kristu?”
“Baphi Abafileyo?”
“Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?”
“Kutheni UThixo Evumele Ukubandezeleka?”
“Indlela Yokwenza Intsapho Yakho Yonwabe”
Abantu abafundiswayo bavumelekile ukuba babuze imibuzo baze bazibonele iimpendulo eBhayibhileni. Ekuhambeni kwexesha, emva kokuba befunde iBhayibhile banokuzigqibela ukuba baza kulandela oluphi unqulo.
Unokuzicelela isifundo seBhayibhile kunye nencwadi, ngokuzalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadres ebonisiweyo okanye kwefanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele incwadi eboniswe apha.
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile.