Imbono YeBhayibhile
Zingoobani Iidemon?
IZITHUNZELA, iziporho, oothikoloshe, umshologu, iidemon yimimoya egqalwa ngabantu beenkonzo ezahlukahlukeneyo njengekhohlakeleyo nekhuselayo. Abanye bathi ziinkolelo nje zabantu, okanye into nje abantu abazakhela yona ezingqondweni. Ithini yona iBhayibhile?
IBhayibhile ifundisa ukuba uMdali unguMoya nokuba izidalwa zakhe zokuqala zaziyimimoya. (Yohane 4:24; Hebhere 1:13, 14) Maxa wambi, xa iBhayibhile ithetha ngemimoya engendawo ithi ziidemon. (1 Korinte 10:20, 21; Yakobi 2:19) Kodwa ayifundisi ukuba uThixo wazidala. Ngoko zingoobani, yaye zabakho njani?
“Iingelosi Ezonayo”
UThixo wadala izidalwa zokomoya zanenkululeko yokuzikhethela ukwenza okuhle okanye okubi. Okubuhlungu kukuba, emva kokuba kudalwe abantu, inani elingaziwayo leengelosi lakhetha ukwenza okubi ngokuvukela uThixo.
Isidalwa somoya sokuqala nesona sidume kakubi esavukelayo saba nguSathana. UYesu Kristu wathi: “Akemi enyanisweni.” (Yohane 8:44) Yintoni eyabangela ukuba uSathana avukele uThixo? Wabawela ukuba kunqulwe yena kunokuba kunqulwe uMdali, yaye ngenxa yoko wasukuzana noThixo. Ngaloo ndlela wazenza “uSathana,” gama elo elithetha “umxhathisi.” Kwiinkulungwane ezadlulayo, ngaphambi koMkhukula wexesha likaNowa, ezinye iingelosi zamthelela, zasishiya isikhundla sazo sasezulwini zaza zazambathisa umzimba wenyama zeza kuhlala emhlabeni. (Genesis 6:1-4; Yakobi 1:13-15) Xa kwafika uMkhukula kuyabonakala ukuba ezo ‘ngelosi zonayo’ nezazizambathise imizimba yenyama zabuyela kummandla wokomoya. (2 Petros 2:4; Genesis 7:17-24) Ekuhambeni kwexesha, zabizwa ngokuba ziidemon.—Duteronomi 32:17; Marko 1:34.
Ezi ngelosi zingathobeliyo azizange zikwazi ukubuyela kwisigxina ezazinaso ngaphambi kokuba zivukele. KuYude 6 sifunda oku: “Neengelosi ezingasigcinanga isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala, [uThixo] uzigcinele umgwebo wemini enkulu ngemixokelelwane kanaphakade phantsi kwentsunguzi yobumnyama.” UThixo akazange azivumele iidemon ukuba ziphinde zinandiphe amalungelo ezazinawo ezulwini, kunoko waziphosa ‘kwintsunguzi yobumnyama’ yokomfuziselo, ukuze zingafumani ukukhanya kokomoya.
‘Balahlekisa Umhlaba Omiweyo Uphela’
Nangona zingenakukwazi ukuphinda zizambathise imizimba yabantu, iidemon zisenamandla nempembelelo enkulu ezingqondweni nasebomini babantu. Eneneni, uSathana, nemikhosi yakhe yeedemon ‘balahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (ISityhilelo 12:9; 16:14) Bakwenza njani oku? Kumaxesha amaninzi, basebenzisa ‘iimfundiso zeedemon.’ (1 Timoti 4:1) Ezi mfundiso zobuxoki, ezifundiswa ziinkonzo zonqulo, ziye zamfamekisa iingqondo zabantu abaninzi kwinyaniso engoThixo. (2 Korinte 4:4) Khawuqwalasele le mizekelo.
● Imfundiso yokuba abafileyo basaphila. Zisebenzisa imibono, amazwi nezenzo zobuqhetseba, iidemon ziqhatha abantu ngokubenza bakholelwe ukuba abantu abaphilayo banokuthetha nabafileyo. Ngaphezu koko, le nkohliso ibangela ukuba abantu bakholelwe kubuxoki bokuba xa umntu efile umphefumlo wona awufi. Sekunjalo, iBhayibhile ithi: “Abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5, 6) Ngenxa yokuba ‘behlile baya kwelokuthula,’ abanakukwazi ukudumisa uThixo.—INdumiso 115:17.a
● Ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha. Eyoku-1 kuYohane 5:19 ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” USathana needemon zakhe bawasebenzisa kakubi la mandla ngokubangela ukuba amajelo eendaba nezinye izinto zikhuthaze ingcamango ephosakeleyo yokuphila ngokuvisisana neminqweno yenyama. (Efese 2:1-3) Yiloo nto namhlanje kuxhaphake zonke iintlobo zokuziphatha okubi, kuquka isini esigqwethekileyo. Oko kuziphatha sele kuyinto eqhelekileyo, ngoxa imilinganiselo yeBhayibhile igqalwa njengephelelwe lixesha okanye elandelwa ngabantu abangaphangalalanga.
● Ukukhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Umpostile uPawulos wadibana nesicakazana esithile ‘esasinedemon yokuvumisa,’ eyayibangela ukuba ‘sinike iinkosi zaso inzuzo eninzi ngokuqhelisela ubugcisa bokuxela izinto kwangaphambili.’ (IZenzo 16:16) Esazi ukuba sasisebenzisa idemon, uPawulos akazange afune ukusiphulaphula. Ngaphezu koko, wayengafuni ukucaphukisa uThixo, ojonga zonke iintlobo zemimoya—kuquka ukuvumisa ngeenkwenkwezi nokucela kwimimoya—njengezinto ezicekisekayo.—Duteronomi 18:10-12.
Zikhusele Kwiidemon
Unokuzikhusela njani kwimimoya engendawo? IBhayibhile iyaphendula: “Zithobeni . . . kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” (Yakobi 4:7) Sithobela loo myalelo xa siphila ngokuvisisana neemfundiso zeBhayibhile, ekuphela kwencwadi engcwele embhenca ngokupheleleyo uSathana, iidemon, ‘namaqhinga’ abo. (Efese 6:11, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo; 2 Korinte 2:11) Kwakhona iBhayibhile isixelela ukuba imimoya engendawo, nabo bachasa uThixo, abayi kuphila ngonaphakade. (Roma 16:20) IMizekeliso 2:21 ithi: “Kuba abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxelo ngemeko yokwenene yabafi nethemba lovuko eliseBhayibhileni, funda isahluko se-6 nese-7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Ngaba iidemon zadalwa nguThixo?—2 Petros 2:4.
● Ngaba unokuthetha nabafileyo?—INtshumayeli 9:5, 6.
● Unokuzikhusela njani kwiidemon?—Yakobi 4:7.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Iidemon zizama ukuphembelela abantu ngeendlela ezininzi