IBhayibhile—Isizathu Sokuba Ufanele Wazi Isigidimi Sayo
● IBhayibhile yeyona ncwadi eye yasasazwa embalini yaye ithandwa ngabantu abaninzi. Kufungwa ngayo kwiinkundla zomthetho yaye amagosa aseburhulumenteni afunga ebeke isandla phezu kwayo. Ulwazi oluseBhayibhileni luyeyona mfundo ibalulekileyo umntu anokuyifumana.
Abantu abaninzi bayavuma ukuba ihlabathi belinokuba bhetele ukuba abantu abangakumbi bebeyifunda baze baphile ngokuvisisana nezinto abazifunde eBhayibhileni. Incwadana enemifanekiso emihle nenamaphepha angama-32 ethi IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo? inokukunceda wazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Icandelo lokuqala nelesibini lichaza indlela uMdali awabalungiselela ngayo abantu iparadesi nendlela abaphulukana ngayo nayo. Kumacandelo alandelayo, kuthethwa ngembali yoluntu uThixo awayeza kuvelisa kuyo uMlawuli woBukumkani bakhe—urhulumente oza kubuyisela iParadesi kulo mhlaba.
Amacandelo alandelayo achaza ngobomi, ubulungiseleli, imimangaliso, ukufa nangokuvuka koMlawuli onyulwe nguThixo, uYesu Kristu. Amacandelo amane alandelayo asithela vandlakanya ngobulungiseleli, ngokholo lwakhe olwavavanywayo nangemibhalo ephefumlelweyo engabalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala. Uya kukhuthazwa licandelo elithi “Umhlaba Uba YiParadesi Kwakhona!” nephepha layo lokugqibela elimibalabala nelinomxholo othi, “Isigidimi SeBhayibhile—Ushwankathelo.”
Unokuzicelela ikopi yayo ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi elapha okanye efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele incwadana enemifanekiso eboniswe apha.
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.