Indlela Abanokuzikhusela Ngayo Abantu Abalupheleyo
INTOMBAZANA edlala umtyibilizi, iyawa. Kwimizuzwana nje embalwa emva koko iyaphakama yaye ayenzakalanga. Umakhulu ukhubeka awe ngoxa esendlwini yakhe aze ophuke inyonga. Uyatyandwa aze achithe iinyanga eziliqela echacha. Ekubeni ngoku ekoyika ukuphinda awe uyayeka ukusebenza nzima yaye umzimba wakhe uya usiba buthathaka.
Kwelinye ilizwe laseNtshona, nyaka ngamnye inkoliso yabantu abaneminyaka engama-65 nangaphezulu bayawa. Ukongezelela koko, ukwenzakala kungoyena nobangela wokufa kwabantu abakuloo minyaka. Yiloo nto ebangela ukuba iBhayibhile ithi xa ithetha ngabantu abadala: “Bayayoyika into ephakamileyo, nasendleleni bayankwantya.”—INtshumayeli 12:5.
Nangona ukwaluphala kudla ngokubangela iingxaki, zikho izinto onokuzenza ukuze ukhuseleke nokuze uphile ubomi obubhetele. Enye into onokuyenza kukuzigcina usempilweni yaye unamandla. Kanti ke unako ukwenza nekhaya lakho likhuseleke.
Londoloza Impilo Namandla Akho
Njengokuba sikhula, imizimba yethu isenokuwohloka, sisenokuba nengxaki yamehlo size singakwazi ukuhamba kakuhle. Kwakhona sisenokuba buthathaka njengoko izihlunu namathambo ethu esiba buthathaka. Noko ke, ukwenza umthambo nokutya ukutya okusempilweni kunokusigcina somelele ixesha elidana. UNita oyingcali yamathambo uthi: “Kubalulekile ukwenza umthambo owomeleza umzimba nowenza usebenze kakuhle.”
Elinye iphephancwadi leU.S. Department of Health and Human Services lithi: “Enoba injani impilo nemizimba yabo, abantu abakhulileyo banokuzuza lukhulu ngokwenza umthambo. Enoba kunzima ukuma okanye ukuhamba, unako ukwenza umthambo. Eneneni, uba neengxaki ezininzi xa ungenzi mthambo.”a Ukwenza umthambo kunokukunceda ukuba ulwe nesifo sentliziyo, ukuqaqanjelwa ngamalungu, ukuba nesifo sokuba namathambo abuthathaka nokuxinezeleka. Unokwenza igazi lihambe kakuhle, ukutya kucoleke kakuhle, ulale yaye uzithembe uze uhlale uthe qwa.
Ukuba awuqhelanga ukwenza umthambo, kububulumko ukuba uqale ubonane nogqirha ngaphambi kokuba uqalise ukuwenza. Kwakhona ufanele uye kuye xa uziva ubuthathaka okanye uqaqanjelwa sisifuba ngoxa usenza umthambo. Phofu kwiimeko ezinjalo kububulumko ukufowunela inqwelo yezigulana. Musa ukuzithatha lula iimpawu ezinjalo kuba zisenokuba yingozi. Kwakhona kucebiseka ukuba uye kugqirha wamehlo kanye ngonyaka.
Kuphephe ukutya ukutya okuphekeka lula kodwa okungenazondlo. Kubalulekile ukuba abantu abakhulileyo batye ukutya okunovithamin D necalcium eninzi, zinto ezo ezikunceda ube namathambo omeleleyo. Ngoko zama ukutya ukutya okuneenkozo, izinto ezenziwe ngobisi ezingenamafutha maninzi, iziqhamo nemifuno. Qala uthethe nogqirha ngaphambi kokuba utshintshe indlela otya ngayo. Usenokukunika amacebiso okutya ofanele ungakutyi ngenxa yeengxaki ezithile zempilo.
Ukongezelela, sela amanzi amaninzi. Ukungabi namanzi emzimbeni okuxhaphakileyo kubantu abadala, ingakumbi kwabo bahlala bodwa okanye abo bahlala kumakhaya agcina abantu abalupheleyo kunokubangela ukuba bawe, baphazamiseke engqondweni, baqhinwe, babe neengxaki zolusu, basulelwe zizifo de bafe nokufa.
Yenza Ikhaya Lakho Likhuseleke
Abantu abaninzi badla ngokuwa xa besezindlwini zabo. Sekunjalo, ngokusebenzisa izilumkiso ezimbalwa unokunciphisa iingozi. Cinga ngendlu yakho ngoxa ufunda apha ngezantsi.
Igumbi Lokuhlambela:
● Ufanele ukwazi ukuhamba kulo naxa kumanzi phantsi.
● Indawo yokuhlambela ifanele ibe nemethi engatyibilikiyo yaye ufanele ukwazi ukufikelela lula kwiitepu. Kwakhona kusenokukunceda ukuba umbhobho ophuma amanzi ube mde ngokwaneleyo ukuba ungakwazi ukuhlamba ngawo ngoxa uhleli phantsi.
● Kuya kuba kuhle ukuba ube neentsimbi zokubambelela ukwenzela xa uphuma okanye ungena ebhafini okanye xa usebenzisa indlu yangasese. Ezi ntsimbi zifanele zomelele zize zibethelelwe eludongeni. Kwakhona qiniseka ukuba ithobhi liphakame ngokwaneleyo yaye alizi kukusokolisa xa uphakama.
● Musa ukuzicima izibane ebusuku okanye ke unokusebenzisa itotshi.
Izinyuko:
● Kufanele kungabikho zinto zithe saa kwizinyuko, zibe kwimeko entle zize zibe nezibane.
● Izinyuko zifanele zibe neendawo zokubambelela emacaleni, ezo ndawo zingatyibiliki zize zibe nezibane ekuqaleni nasekupheleni kwazo.
● Ukunyuka nokuhla ngezinyuko kunokunceda abantu abalupheleyo ukuba bomeleze imilenze yabo. Noko ke, ukuba unengxaki yokuhamba, ufanele ukuphephe ukusebenzisa izinyuko xa uwedwa.
Igumbi Lokulala:
● Makubekho indawo eyaneleyo yokuhamba phakathi kweebhedi nezinye izinto.
● Yiba nesitulo ohlala kuso xa unxiba.
● Yiba nesibane okanye itotshi ekufutshane nebhedi.
Ikhitshi:
● Musa ukubeka izinto ezininzi phezu kwetafile ukuze ukwazi ukubeka ukutya nezinye izinto.
● Ekhitshini kufanele kungatyibilikisi.
● Izinto ezisekhabhathini azifanele zibe phezulu okanye zibe sezantsi kakhulu kodwa zifanele zifikeleleke lula ngaphandle kokuncedwa ngomnye umntu. Kuphephe ukusebenzisa ileli yaye ungaze ukhwele phezu kwesitulo.
Ezinye Iindawo:
● Makubekho izibane endleleni eya kwindlu yokuhlambela nakwezinye iindawo onokuya kuzo ebusuku.
● Kunokukunceda ukusimelela ngentonga ebusuku xa usaphethwe bubuthongo.
● Izitulo zakho zifanele zingabi namavili, zibe nendawo yokubeka iingalo zize zibe zide ngokwaneleyo ukuze kube lula ukuhlala nokuphakama.
● Ukuze uphephe ukukhubeka, umele uzilungise okanye uzitshintshe iimethi ezindala neetiles ezophukileyo. Zonke iintambo zombane mazithi nca eludongeni zingabi sendaweni ekuhanjwa kuyo.
● Iimethi ezincinane onokukhubeka kuzo zifanele zisuswe phezu kwezinye iimethi. Zimele zithi nca xa zibekwe phezu kweetiles okanye amaplanga.
● Kuphephe ukunxiba izihlangu ezikhulu, ezidala okanye ezityibilikisayo. Kwakhona musa ukunxiba izihlangu eziphakamileyo.
● Amanye amayeza asenokubangela abantu ukuba babe nesiyezi. Ukuba loo nto iyenzeka nakuwe, chazela ugqirha. Usenokuwatshintsha loo mayeza.
Ukuba ubona into efuna ukulungiswa ongenakukwazi ukuyilungisa ngokwakho, cela uncedo komnye umntu okanye kubantu abalungisa izindlu. Musa ukuzibekela amangomso izinto.
Oko Kunokwenziwa Ngabanye
Ukuba unabazali abalupheleyo, umakhulu okanye utatomkhulu, okanye abahlobo abalupheleyo, yintoni onokuyenza ukuze ubancede baphephe ukuba sengozini yokuwa? Okokuqala, unokuhlola oko sele kukhankanywe ngasentla kunye nabo, uze ubancede ulungise iindawo ezisenokuba yingozi. Kuxhomekeka kwiimeko, usenokubaphekela ukutya okumnandi kanye okanye kabini ngeveki. Kwakhona abantu abalupheleyo kufuneka benze umthambo rhoqo. Ngaba unokuhamba nabo nolule imilenze kunye mhlawumbi xa usiya kwenza ezinye izinto? Abantu abaninzi abalupheleyo bangakuvuyela ukukhe baphume babethwe ngumoya behamba nomntu abamthembileyo. Kwamanye amazwe, urhulumente uye anikele uncedo ngokwakha amakhaya abantu abalupheleyo, ngokuthumela abantu bokubanceda benze umthambo nangokubafundisa iindlela zokuzikhusela. Ugqirha wakho ufanele akuthumele kwezi ndawo.
UMdali wethu, naye ekuthiwa ‘nguNyangelemihla’ ufuna ukuba nathi sibahlonele abantu abalupheleyo, ingakumbi abazali bethu. (Daniyeli 7:9) Uthi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eksodus 20:12) Kwakhona uthi: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu, umoyike uThixo wakho.” (Levitikus 19:32) Ukuhlonela abantu abalupheleyo kubonisa ukuba soyika uThixo. Kwelinye icala, xa abantu abalupheleyo bebulela ngokunyanisekileyo ngoncedo abalunikwayo bayathandwa baze bahlonelwe ngabanye. Asifanele sikujonge njengoxanduva ukunceda abantu abalupheleyo kodwa sifanele sikuvuyele.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! kaJuni, 8, 2005 unenkcazelo engakumbi ngendlela ekunceda ngayo ukwenza umthambo rhoqo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]
UKUSEBENZISA IZINTO ZE-ELEKTRONIKI XA KUKHO IMEKO YONGXAMISEKO
Kwamanye amazwe abantu abalupheleyo banokufumana isixhobo se-elektroniki abanokusisebenzisa xa kukho imeko yongxamiseko, ukuze basicofe ukubiza umntu onokubanceda mhlawumbi xa beye bawa baze bangakwazi ukuphakama. Esi sixhobo sinokujingiswa entanyeni okanye sibotshelelwe esihlahleni. Ukuba esi sixhobo sikho kwindawo ohlala kuyo mhlawumbi ungasisebenzisa ingakumbi ukuba uhlala wedwa.