Ndiyakuthanda Ukuba Ngumalusi
Kubalisa uAlymbek Bekmanov
Xa ndandineminyaka emithathu ubudala, ndaqalisa ukwalusa iigusha yaye ndandiwuthanda loo msebenzi. Xa ndandineminyaka eli-17 ubudala, ndandisele ndingumalusi ophum’ izandla. Ekuhambeni kwexesha ndafunda ngolunye uhlobo lokuba ngumalusi, ukwalusa izimvu zikaKristu. Makhe ndikuchazele isizathu sokuba ukukhonza njengomalusi wezimvu zikaKristu kundizisele uvuyo olungakumbi.
NDAZALWA ngowe-1972. Intsapho yakowethu enkulu yamaKirghiz yayihlala kwilali yaseChyrpykty, kunxweme lweLake Issyk Kul. Iindawo ezingqonge eli chibi ziyathandwa ngabo batyelela iKyrgyzstan, eyayikade iyiriphabliki yeSoviet Union. Ngoku ndihlala nomfazi wam, uGulmira, eBishkek, isixeko esikhulu saseKyrgyzstan, esimalunga neekhilomitha ezingama-200 ukusuka apho ndakhulela khona.
Umalusi Neegusha
Xa ndandisengumntwana, ngentlakohlaza sasidla ngokukhaphela iigusha sizise ezintabeni. Oku kwakufuna sinyuke iimitha ezingaphezu kwama-3 000, nto leyo eyayisithatha iintsuku eziliqela. Abanye abelusi babekhetha indlela emfutshane baze bafike ngokukhawuleza. Kodwa indlela ababehamba ngayo yayinemiwonyo yaye iigusha ezaziye zibhadule zazisenzakala okanye zife.
Kwezo ndlela iingcuka zazithanda ukoyikisa okanye zihlasele iigusha, zizahlule kumhlambi zize zizibulale. Ngoko ke, utat’ omdala wayekhetha indlela elula nengenangozi, nangona yayinde. Ngamanye amaxesha ndandifuna sikhawuleze kodwa utat’ omdala wayendinqanda. Wayedla ngokuthi, “Alymbek, cingela iigusha hayi isiqu sakho.”
Ezintabeni kwakudla ngokwenziwa ubuhlanti bokwexeshana, ukuze kukhuselwe iigusha ebusuku. Abanye abelusi babekuthanda ukulala, ngoko babengazivuleli iigusha de kuphume ilanga. Babezikhaphela xa sele kushushu.
Emva koko iigusha zazisima kunye iintloko zazo zizijongise phantsi, ziphefumla nzima. Ngenxa yokuba zazingatyi ngokwaneleyo, zaziphelelwa ngamandla zize zibhitye. Kwelinye icala, utat’ omdala yena wayevuka ngentsimbi yesine ekuseni ukuze azikhaphele kumadlelo amahle lakuphuma ilanga. Apho zazifumana ixesha elaneleyo lokutya, zibethwa yimpepho epholileyo yakusasa. Njengokuba abantu babethanda ukutsho, “Xa ujonge iigusha, ubona umalusi wazo.”
Ixesha elifanelekileyo lokuhlola nokunyanga iigusha kuxa ziphumle emva kokuba zibuyile emadlelweni. Enye yezona ngxaki iigusha zethu ezaziba nayo yayiba ngamaqanda eempukane phantsi kwemisila yazo. Oku kwakuyenza ibole ize idumbe. Ukuba le ngxaki yayingabonwa kwangethuba, igusha yayiba sezintlungwini kangangokuba yayibhadula ize ife. Sasizihlola yonke imihla iigusha zethu ukuze sizinyange. Nangona oku kwakufuna ixesha nomgudu, kodwa umvuzo yayikukuba iigusha zazisiba sempilweni.
Xa sibuya emadlelweni sasifika sizibale iigusha. Zazingena ebuhlanti ngesango elimxinwa, zibe ntathu okanye zibe zine ngexesha. Umhlambi wethu wawufikelela kumakhulu, kodwa sasikwazi ukubala iigusha ezingama-800 ngemizuzu nje eli-15 okanye engama-20. Oku kwakufuna sikuqhelisele kodwa sakwazi ukukwenza!
Xa sifumanise ukuba kukho igusha engekhoyo, utat’ omdala wayethatha umpu nenduku aye kuyikhangela, nokuba kuyanetha yaye kuhlwile. Wayedla ngokukhwaza. Ilizwi lakhe lalizothusa izilwanyana zasendle. Xa igusha isiva ilizwi lakhe, wawuye uyibone ukuba iziva ikhuselekile.
Igusha nganye sasiyithiya igama elivisisana neempawu zayo eziyahlula kwezinye. Emhlambini kwakusoloko kukho iigusha ezingalawulekiyo. Zazingafuni ukuthobela umalusi. Ngamanye amaxesha nezinye iigusha zaziye zilandele le ingalawulekiyo. Ngoko umalusi wayeye azame ukuziqeqesha aze azohlwaye ezo zingalawulekiyo. Ngokomzekelo, wayedla ngokuzishiya ebuhlanti xa evulela ezinye. Ekuhambeni kwexesha ezinye zazo zazidla ngokumthobela umalusi. Igusha enenkani yayixhelwa.
Umalusi Owahlukileyo
Ngowe-1989, ndafunda ikarati ndaza ndaba yincutshe yayo. Kunyaka olandelayo ndafakwa kumkhosi weSoviet. Ngoxa ndandisemkhosini eRashiya abahlobo bam bekarati baseka iqela labo lemigulukudu. Ukubuyela kwam ekhaya bathi ukuba ndinokubajoyina ndiya kufumana yonke into endiyifunayo. Kodwa ngelo xesha ndaqalisa ukunxulumana namaNgqina kaYehova.
AmaNgqina aphendula imibuzo eyayindikhathaza ukususela ebuntwaneni, njengothi, Kutheni abantu besifa? Ukuncokola nawo kwandenza ndaqonda ukuba ukufa kwabangelwa sisono somntu wokuqala uAdam. (Roma 5:12) Kwakhona, eBhayibhileni ndafunda ukuba uYehova, uThixo oyinyaniso wathumela uNyana wakhe uYesu ukuze abe yiNtlawulelo, nokuba izono zethu ziyaxolelwa xa sinokholo kuYehova noNyana wakhe. Ngenxa yoko siza kufumana ubomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni, ngokuvisisana nenjongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu.—INdumiso 37:11, 29; 83:18; Yohane 3:16, 36; 17:1-5; ISityhilelo 21:3, 4.
Iimpendulo zeZibhalo endaziboniswa ngamaNgqina zazicacile yaye ziqondakala kangangokuba ndathi, “Yinyaniso le!” Ndandingasafuni ukuhlala nabahlobo bam bangaphambili. Bakhe bandicenga izihlandlo ezininzi ukuba ndibuyele kwiqela labo. Kodwa umnqweno wam wokufunda ndize ndisebenzise oko iBhayibhile ikutshoyo wawunamandla kangangokuba wandenza ndala ukubuyela kubo yaye ekugqibeleni ndaba ngumalusi wokomoya.
Malunga nelo xesha, umama wayedla ngokutyelelwa ngumthandazeli owayedumile kwindawo esasihlala kuyo. Ngenye imini ndafika ekhaya lo mthandazeli evumisa. Wathi ndinesiphiwo esikhethekileyo waza wandikhuthaza ukuba ndiye ecaweni ukuze ndifumane ikhubalo, esithi, laliza kundinceda.” Waphantse wandeyisela ukuba, ukuba nekhubalo kwakuza kundenza ndifumane isiphiwo sokuphilisa.
Ngosuku olulandelayo ndaya kulaa maNgqina awayendifundisa iBhayibhile ndaza ndawachazela ngoko kwakwenzekile. Andibonisa eBhayibhileni ukuba uYehova uzichasile zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya kuba zinxulumene nemimoya engendawo. (Duteronomi 18:9-13) Kwakhe kwadlula iintsuku ezimbalwa ndingalali ndikhathazwa ziidemon. Kungekudala nje emva kokuba amaNgqina endifundise ukuthandaza ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo, ndatsho ndakwazi ukulala. Oko kwandenza ndaqiniseka ukuba ndandimfumene uMalusi wokwenene, uYehova.
Ndafunda ukuba uDavide, umbhali weendumiso naye wayengumalusi ebutsheni bakhe. Wathi uYehova “nguMalusi” yaye ndayithanda kakhulu indlela awayevakalelwa ngayo Ngaye. (INdumiso 23:1-6) Ndandifuna ukuxelisa uYesu, uNyana kaYehova, obizwa ngokuba ‘ngumalusi wezimvu.’ (Hebhere 13:20) Kwindibano eyayiseBishkek ekuqaleni kowe-1993, ndafuzisela uzahlulelo lwam kuYehova ngokubhaptizwa emanzini.
Intlanganiso Ebalulekileyo
Izalamane zam ezininzi nabamelwane baqalisa ukuhlanganisana ukuze bafunde iBhayibhile kunye. Abantu abamalunga nama-70 belali yam babehlanganisana kufutshane neLake Issyk Kul. Isalamane sam esasiyintloko yesigqeba selali saba nomdla kakhulu. Sathi siza kubiza intlanganiso enkulu ukuze thina sichazele abantu ngokholo lwethu olutsha. Kodwa ke abefundisi basekuhlaleni bafaka abantu umoya wezikhova ukuze bachase umsebenzi wethu wokushumayela. Baceba ukusebenzisa le ntlanganiso ukuze basixabanise nabantu.
Ngosuku lwentlanganiso kwafika abantu abamalunga newaka kuquka abeelali ezintathu zaselumelwaneni. Kwakukho namaNgqina ambalwa yaye elinye lawo laqalisa ukucacisa iinkolelo zethu ezisekelwe eBhayibhileni. Kwathi kungekapheli nemizuzu emihlanu, kwaphakama mntu uthile wabuza imibuzo eyayirhuq’ umrhaji. Kwaqalisa izityholo nezisongelo yaye elo hlokondiba lafuna ukufunza kuthi eziqwini.
Kanye ngelo xesha, omnye wabakhuluwa bam owayeqalise ukufunda iBhayibhile, wema ukuze asikhusele. Wayesoyikwa ngabo bonke abantu ngenxa yokuba wayenguphuma silwe. Wema phakathi kwesihlwele namaNgqina yaye semka kungazange kuliwe. Kwiminyaka eyalandelayo, abantu abaninzi ababekho kuloo ntlanganiso baba ngamaNgqina. Namhlanje elalini yethu kukho amaNgqina angaphezu kwama-50 kubahlali balapho abamalunga ne-1 000.
Intombi Yomalusi
Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambi kwendibano yamaNgqina kaYehova eyayiseMoscow, eRashiya ngoAgasti 1993, ndadibana noGulmira iNgqina elisuka kwilali yamaKirghiz. Nentsapho yakowabo yayikhe yaba ngabelusi. Ngowe-1988 ngoxa umsebenzi wamaNgqina wawusavaliwe eSoviet Union, umama kaGulmira waqalisa ukufunda iBhayibhile neNgqina elinguAksamy. Ngeminyaka yee-1970 uAksamy wayeliNgqina likaYehova lokuqala lalapho.
Kungekudala uGulmira wathelela umama wakhe kwisifundo seBhayibhile noAksamy. Bobabini babhaptizwa ngowe-1990. Kungekudala uGulmira waba nguvulindlela othe ngxi.
Ebudeni beminyaka emibini eyalandelayo ndambona izihlandlo ezimbalwa uGulmira, ekubeni ndandihlala kumgama oziikhilomitha ezimalunga ne-160 ukusuka apho wayehlala khona. NgoMatshi wowe-1995 ndagqiba kwelokuba ndikhe ndizame ukuyazi bhetele le ntokazi, ngoko ngenye intsasa ndaya kowabo. Ndothuka ndakuva ukuba ngosuku olulandelayo wayesiya kukhonza kwiofisi yesebe yaseRashiya eyayikumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-5,633 ukusuka apho ndandihlala khona.
Ngelo xesha ndandisele ndinguvulindlela othe ngxi yaye ndandisele ndiqalise nokufunda ulwimi lwesiRashiya kuba zazingekho iincwadi zamaNgqina zolwimi lwesiKirghiz. Kangangeminyaka emithathu mna noGulmira sasibhalelana yaye sagqiba kwelokuba sifunde iindinyana zeBhayibhile ezifanayo ukuze sikhuthazane elukholweni. Ngelo xesha ndandikhonza kwibandla lokuqala lesiKirghiz kwidolophu yaseBalikchi.
Ukukhonza UYehova Kunye NoGulmira
Ngowe-1998, uGulmira weza kwiholide eKyrgyzstan yaye satshata. Ndamenywa ukuba ndiye kukhonza naye kwiofisi yesebe yaseRashiya. Yandinceda kakhulu into yokuba ndandifunde ulwimi lwesiRashiya. Ekuhambeni kwexesha, ndabelwa ukuba ndisebenze neqela labaguquleli ababeguqulela uncwadi lweBhayibhile ngesiKirghiz. Ndathandaza kuYehova ndicela ukuba andinike ubulumko nomonde. Yaye noGulmira endandisebenza naye waba luncedo kakhulu kum.
Ngowama-2004 iqela lethu labaguquleli lathunyelwa eBishkek, apho ndamiselwa ukuba ndikhonze kwikomiti eyalathisa umsebenzi wamaNgqina kaYehova eKyrgyzstan. Ngeloo xesha, kwelo lizwe kwakukho amabandla asixhenxe olwimi lwesiKirghiz nawesiRashiya angaphezu kwama-30. Sithethanje ngaphantsi nje kwesiqingatha samaNgqina angama-4 800 aseKyrgyzstan avela kumabandla angaphezu kwama-20 olwimi lwesiKirghiz namaqela amaninzi olo lwimi.
Mna noGulmira sagqiba kwelokuba sifunde isiNgesi nto leyo eyayiza kusinceda entsimini. Oku kwakhokelela ekubeni ngowama-2008 simenywe kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eliseUnited States. Apho ndaya kwisikolo esikhethekileyo sabantu abakhokelayo kumsebenzi wokushumayela kumazwe abo.
Mna noGulmira sivakalelwa kukuba sikulungele ukunceda abantu baseKyrgyzstan bazi ngoThixo. Amava ethu aye asinceda sabona ukuba uYehova ngumalusi onothando. Ndiye ndakubona ukuzaliseka kwendumiso yeBhayibhile ethi: “UYehova nguMalusi wam. Andiyi kuswela nto. Undilalisa kumadlelo anengca; undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi. Uyawuhlaziya umphefumlo wam. Undikhokelela kumkhondo wobulungisa ngenxa yegama lakhe.”—INdumiso 23:1-3.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iigusha zethu zisemadlelweni
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iigusha zethu sasizibala rhoqo ukuze sibone ukuba akukho ilahlekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ndikunye noGulmira namhlanje