Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Eyahlukileyo?
Ziziphi izinto ezintathu owahluke ngazo umfanekiso A kumfanekiso B? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi uze ugqibezele lo mfanekiso ngokuwufaka umbala.
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iEksodus 28:9-12, 33, 36, 37.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
4. Nguwuphi umfanekiso ochanileyo phakathi kwalo ungasekunene nalo ungasekhohlo?
․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Igama elithi “ngcwele” lithetha ukuthini? Kutheni kubalulekile ukuba abanquli bakaYehova babe ngcwele? Unokubonisa njani ukuba uzama ukuba ngcwele?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Lungu ngalinye lentsapho maliphande ukuba wawuyintoni umsebenzi wombingeleli omkhulu wakwaSirayeli. Emva koko ncokolani ngoko niye naphanda ngako. Ngokomzekelo, yayiyiyiphi eminye yemisebenzi yombingeleli omkhulu?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iLevitikus 9:7; iDuteronomi 17:9-11.
UYesu Kristu unguye njani uMbingeleli Omkhulu?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda amaHebhere 4:14-16; 7:26-28; 9:11-14.
Gcinani La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 3 URUTE
IMIBUZO
A. Gqibezela la mazwi awathethwa nguRute kuNahomi: “Abantu bakowenu baya kuba . . . ”
B. URute ungumzekelo omhle njani kubantu abanyamekela abantu abalupheleyo nabagulayo?
C. Bhala kwizikhewu. URute watshata ․․․․․ waza waba ngukhokho ka ․․․․․ no ․․․․․.
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Waphila malunga Kubhalwa incwadi
neminyaka yokugqibela
yee-1200 B.C.E. yeBhayibhile
[Imaphu]
Wemka kwaMowabhi waya eBhetelehem
KWAMOWABHI
EBhetelehem
URUTE
IMBALI YAKHE
Umhlolokazi onyanisekileyo ongumMowabhi owaxhasa umazala wakhe uNahomi. Uthando olunyanisekileyo lukaRute ngoNahomi nokuzimisela kwakhe ukukhonza uYehova kwamnika amandla okushiya ikhaya lakhe aze afudukele eBhetelehem. Abanye bathi kuNahomi, ‘Umolokazana wakho . . . ulunge ngakumbi kuwe kunoonyana abasixhenxe.’—Rute 4:14, 15.
IIMPENDULO
A. “ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.”—Rute 1:16.
B. URute wazincama yaye wayekhuthele.—Rute 2:7, 10-12, 17; 3:11.
C. NoBhohazi, Kumkani uDavide, Yesu Kristu.—Mateyu 1:5, 6, 16.
Abantu Namazwe
5. Igama lam ndinguShaé. Ndihlala eBritani, kufutshane nelizwekazi laseYurophu. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eBritani? Ngaba angama-13 300, ngama-133 000 okanye ngama-333 000?
6. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo endihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza kwindawo ohlala kuyo uze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eBritani.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
● Iimpendulo zemibuzo ekwiphepha 30 nelama-31 zikwiphepha 7
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. Amazwi akunkontsho.
2. Amatye eanikis emagxeni.
3. Iintsimbi kumqukumbelo.
4. Lo ungasekhohlo.
5. 133 00.
6. B.