IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/11 iphe. 21-23
  • Into Eyandinceda Ndayeka Ukuba Yindlobongela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Into Eyandinceda Ndayeka Ukuba Yindlobongela
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufuna Ulonwabo
  • Ukuthwethwa Ngamathunzi Obumnyama
  • Akulula Ukwahlukana Nemikhwa Emibi
  • “Ndandihlala Esitratweni”
    IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
  • ‘Ekubeni Sinobu Bulungiseleli, Asinikezeli’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • UYehova Undomelezile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ndandisisikhohlakali, ndikuthanda nokulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 4/11 iphe. 21-23

Into Eyandinceda Ndayeka Ukuba Yindlobongela

Kubalisa uJose Antonio Nebrera

YINTONI ebangela ukuba umntu abe yindlobongela? Ndafunda ubundlobongela ndisengumntwana kuba ndandihlala neendlobongela. Utata wayelilungu loonogada baseSpeyin ababedume ngokohlwaya abantu ngokungenalusini. Utatomkhulu wayedla ngokumtywatyusha utata ngoxa wayesakhula, ngoko ke notata wayendiphatha ngaloo ndlela. Wayedla ngokundibetha ngebhanti. Okubi nangakumbi kukuba wayedla ngokuthi ndisisibhanxa, ngoxa wayezibetha ngoyaba iimpazamo zikadadewethu. Umama wayemoyika utata, ngenxa yoko akazange aphose nelimdaka ukuze andithethelele okanye andinike uthando endandilufuna.

Xa ndikunye nabanye abantwana esikolweni ndandiye ndiyifihle intlungu endikuyo ndizenza ngathi ndonwabile. Kwabanye abantu ndandibonakala njengomntwana owonwabileyo nonethemba ngekamva. Kodwa yayibubuxoki yonke loo nto. Ndandilufihla uloyiko nomsindo endandinawo. Kodwa ke ekupheleni kosuku ndadibuyela ezingqondweni njengoko ndithe chu ndisiya ekhaya, ndicinga ngezithuko nemivumbo endiza kuyifumana.

Xa ndandineminyaka eli-13 ubudala ndemka ekhaya ndaya kufunda kwisikolo secawa apho ndafika ndahlala ehostele. Kangangexesha elithile ndandifuna ukuba ngumfundisi. Kodwa nasesikolweni ubomi bam abuzange butshintshe kangako. Kwakufuneka sivuke ngentsimbi yesihlanu ekuseni sihlambe ngamanzi abandayo. Imini yonke yayingekho into esasiyenza ngaphandle kokufunda, ukuthandaza nokuya ecaweni ibe sasinexesha elincinane lokuphumla.

Nangona sasifunda ngamabali “eengcwele” kwesi sikolo, iBhayibhile yona yayingafundwa. Ekuphela kweBhayibhile eyayikhona yayivalelwe etyesini yaye kwakufuneka ucele imvume ngaphambi kokuba uyifunde.

Kunyaka wam wesithathu kwesi sikolo, sasidla ngokuzibetha njengoko sasikhuthazwa yicawa ukuba senjenjalo. Ndandidla ngokuzingxala ngokutya ukuze ndigule khon’ ukuze ndibaleke ezo ntlungu zokuzibetha. Kodwa ke elo cebo alizange lisebenze. Emva kweminyaka emalunga nemithathu, ndandingasakwazi ukumelana naloo mpatho. Ndemka kweso sikolo ndaza ndabuyela ekhaya. Ndandineminyaka eli-16 ubudala.

Ukufuna Ulonwabo

Ukufika kwam ekhaya ndaqalisa ukudlala amanqindi nomdlalo wewrestling. Ukuphumelela kwam kule midlalo kwandenza ndaziva ndingumntu obalulekileyo kodwa ke loo nto yandenza ndaxelisa utata ngokusebenzisa izigalo xa ndifuna izinto.

Noko ke, xa ndandineminyaka eli-19 ubudala kwenzeka into eyatshintsha ubomi bam. Ndadibana noEncarnita yaye kwiinyanga ezisithoba kamva satshata. Wayecinga ukuba ndingumntu onobubele, imbeko nenkathalo. Wayengayazi intlungu endandikuyo. Le ntlungu yabonakala xa kwafuneka ndiye emkhosini emva nje kokuba umntwana wethu wokuqala ezelwe.

Ukuze ndiphephe ukucheba iinwele ngendlela yasemkhosini yaye ndifumane ulonwabo, ndabhalisa kumkhosi waseSpeyin odla ngokuthunyelwa kumazwe angaphandle. Ndandicinga ukuba ndiza kufumana inkululeko kwintlango yaseMorocco ndize ndilwe kumadabi ayingozi. Ngaphezu koko, oku kwakubonakala kuyindlela yokubaleka intsapho yam. Noko ke, izinto zandihambela kakubi.

Kungekudala ndaxabana nenye ingxilimbela yejoni eyayithanda ukuxhaphaza amajoni afikayo. Ndandingayithandi into embi, ibe ndandingakonqeni ukuyilwela into endicinga ukuba ilungile. Xa kwakubalwa amajoni ngenye intsasa, ndenza isiqhulo elingazange lisiqonde kakuhle eli joni. Lathi xa liphakamisa ingalo liza kundibetha ndayibamba ndaza lona ndaliphosa phantsi. Ndayicinezela ingalo yalo kuba ndandisoyika ukuba liza kundidubula.

Ngenxa yoko ndohlwaywa iinyanga ezintathu zokungasebenzi namanye amajoni. Ndavalelwa kwigumbi elincinane namanye amajoni angama-30. Ebudeni balo lonke elo xesha ndandingakwazi nokutshintsha neempahla ezi. Iqela lethu laligadwe lelinye ijoni elalithanda ukusixhaphaza. Kodwa ngeny’ imini xa ndalixelela ukuba ndiza kulicim’ igama ukuba likhe landichukumisa, lasehlisa isigwebo sam semivumbo engama-30 saba yemithathu kuphela. Ndandiye ndafunda ukuba nochuku njengabaphathi bam.

Ukuthwethwa Ngamathunzi Obumnyama

Ngoxa ndandisemkhosini kumazwe aphesheya ndavuma ukuya kolunye uthumo oluyingozi. Nangesi sihlandlo ndandingazi ukuba ndiza kuphelela phi. Ndaqeqeshelwa ukusebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo kuquka iziqhushumbisi. Ngenxa yoko ndathunyelwa eLangley, yaseVirginia, eUnited States apho ndafika ndaqeqeshwa liqela leentlola zalapho ekuthiwa yiCIA.

Kungekudala, ndaba lilungu leqela leentlola. Ebudeni beminyaka yee-1960, ndabandakanyeka kwizinto eziliqela. Kumbindi nakumzantsi Merika ndancedisa ekulweni nxamnye nabathubelezisi beziyobisi nezixhobo. Sasiyalelwe ukuba sibabulale aba bantu xa sidibana nabo. Okubuhlungu kukuba nam ndaba nenxaxheba ekubulaleni aba bantu. Sasingashiyi namnye umntu ephila ngaphandle kwabo babenokuncinwa ukuze kufunyanwe inkcazelo ebalulekileyo.

Kamva ndathunywa ukuba ndisebenze njengentlola ebek’ esweni iinkokeli zomkhosi zaseSpeyin ukuze ndibone enoba kwakukho ezazingayixhasi ngokupheleyo kusini na iNjengele uFranco eyayinguzwilakhe. Kwakhona sasiphinda sibeke esweni abachasi borhulumente kaFranco ababehlala eFransi. Sasifuna ukubaxhwila bonke abachasi sibase eSpeyin ukuze babulawe.

Uthumo lwam lokugqibela lwaluquka ukuqokelela amajoni ukuze siye kubhukuqa urhulumente welinye ilizwe elincinane laseAfrika. Sayalelwa ukuba sihlasele inkampu yomkhosi ngequbuliso size emva koko siye kuvingca ikhaya likamongameli. Njengokuba kwakucetyiwe, salihlasela eli lizwe ezinzulwini zobusuku yaye lo msebenzi sawugqiba ngeeyure nje ezine. Amanye amajoni amathathu endandisebenza nawo asweleka kuloo mlo, kunye namajoni amaninzi elo lizwe. Ndafak’ isandla nam kuloo ndyikityha yokufa.

Yayindikhathaza le nto. Ndandingalali kuba ndandiphupha ndibulala iintshaba. Kuloo maphupha ndandidla ngokulubona uloyiko ebusweni babantu endandiza kubabulala.

Ndagqiba kwelokuba ndingaze ndiphinde ndiye kuthumo olunjalo. Ngenxa yoko ndawushiya umkhosi. Noko ke, emva kweenyanga ezintathu abaphathi bam bandibiza befuna ukundithuma kwakhona. Ndabhacela eSwitzerland yaye emva kweenyanga ezimbalwa, umfazi wam uEncarnita owayengawazi umsebenzi wam naye weza kuhlala nam eBasel.

Akulula Ukwahlukana Nemikhwa Emibi

Ebudeni beminyaka emithathu ndisemkhosini uEncarnita waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova aseSpeyin. Wandixelela ukuba wayeyifumene inyaniso ngoThixo yaye indlela awayenomdla ngayo yandosulela. Saqhagamshelana namaNgqina aseSwitzerland ukuze sifunde iBhayibhile.

Kwandichulumancisa ukufunda ngenjongo kaThixo. Nangona ndandifuna ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, ukwenza utshintsho ebomini bam kwakunzima, ingakumbi ukohlukana nomsindo. Noko ke ndandiluthanda ukholo lwam olutsha. Emva kweenyanga ezimbalwa ndifunda iBhayibhile, ndafuna ukushumayela kwindlu ngendlu namaNgqina kaYehova.

UYehova wandinceda ndakwazi ukuzeyisa yaye ethubeni mna noEncarnita sabhaptizwa. Xa ndandineminyaka engama-29 ubudala ndamiselwa njengomveleli ebandleni.

Ngowe-1975 sabuyela eSpeyin. Kodwa ke baphinda bandibiza emkhosini befuna ndiye kolunye uthumo. Ukuze ndiphephe iingxaki ndabalekela eSwitzerland. Intsapho yethu yahlala apho de sabuyela eSpeyin ngowe-1996.

Ngoku ndinonyana otshatileyo, intombi nabazukulwana ababini yaye bonke bakhonza uYehova. Ukongezelela, ndiye ndanceda abantu abali-16 ukuba bafunde ngoYehova kuquka nomnye umfana owayebandakanyeke kuqhankqalazo olunodushe kumantla eSpeyin. Oku kuye kwandonwabisa ngenene.

Ndithandaze ngokuphindaphindiweyo kuThixo ukuze andincede ndilahle ikakade lam nokuphupha kakubi. Kwimigudu yam yokufuna ukwenza okulungileyo ndiye ndathobela icebiso elikwiNdumiso 37:5 elithi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.” UYehova uye wasigcina esi sithembiso sakhe. Uye wandinceda ndohlukana nobundlobongela. Oku kuye kwaba yintsikelelo engathethekiyo kum nakwintsapho yam.

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ukufika kwam kwisikolo secawa xa ndandineminyaka eli-13 ubudala

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ndishiya iofisi yomkhosi ngowe-1968

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ndikunye nomfazi wam uEncarnita namhlanje

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share