IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/11 iphe. 14
  • Indlela YaseRashiya Yokupeyinta Izinto Ezenziwe Ngomthi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela YaseRashiya Yokupeyinta Izinto Ezenziwe Ngomthi
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukutyelela Kwakhona ERashiya
    Vukani!—1995
Vukani!—2011
g 9/11 iphe. 14

Indlela YaseRashiya Yokupeyinta Izinto Ezenziwe Ngomthi

● Inkoliso yabantu abatyelela elaseRashiya iyakuthanda ukuthenga izinto ezenziwe ngezandla, njengoonodoli ekuthiwa ziimatryoshka. Mandulo, inkoliso yezi zinto yayisenziwa ngokhuni ziincutshe zabachweli beelali zalapho. Eyona nto yalapho yenziwe ngokhuni nekudala ikho ibizwa ngokuba yikhokhloma.

Kangangeenkulungwane, amaRashiya ayesitya ngezitya, amacephe neekomityi ezintle ezenziwe ngokhuni. Kwezi zitya kwakudla ngokuzotywa izityalo nezilwanyana. Bonke abantu belali babedla ngokusebenza ngaxhatha linye ukuze benze izinto ezenziwe ngokhuni.

Babedla ngokuzenza ebusika ezi zinto, kwimozulu yalapho eqhaqhazelisa amazinyo, xa bengaxakekiswanga kukulima. Kwiminyaka enokuba ngamakhulu amabini nangaphezulu eyadlulayo, eli yayilishishini elaphul’ izikeyi kwezinye iilali needolophu zalapho. Ngokomzekelo, ngaxa lithile bonke abantu baseSemënov bayeka ukulima baza benza malunga nezigidi ezibini zezitya, iipleyiti, iikomityi namacephe okhuni kunyaka nje omnye.

Abantu beelali ezikufutshane nedolophu yaseNizhniy Novgorod beza necebo lokwenza izitya ezalekwe ngegolide. Kwenziwa neepeyinti ezikwaziyo ukumelana nobushushu yaye izitya zazitshiswa eontini ukuze zomelele. Ukuzitshisa ngomlilo kwakusenza ibala lazo elibusilivere lijike libe bugolide. Le nto isenziwa nanamhla oku kwimizi-mveliso yekhokhloma eNizhniy Novgorod.

Imizobo ekwiikhokhloma iquka iintyatyambo nezityalo ezikumahlathi namathafa aseRashiya kunye neentaka neentlanzi. Kudla ngokuzotywa ingca kunye amagqabi axutywe neziqhamo ezifana namaqunube ahlukahlukeneyo. Kudla ngokusetyenziswa umbala obomvu, omnyama, obugolide noluhlaza. Namhlanje, abantu abaninzi ehlabathini lonke bahombisa iitafile zabo zokutyela ngeekhokhloma ezinemibala yamaphandle aseRashiya.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share