“Le Ncwadi Imangalisa Ngokwenene”
● Ngaba ungathanda ukufunda ngobomi bukaYesu Kristu ngoxa wayelapha emhlabeni, kuquka iimfundiso zakhe ezitshintsh’ ubomi nemizekeliso engalibalekiyo? Ukuba kunjalo, funda incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.
Emva kokuba omnye omntu efunde lencwadi wathi: “Ibhalwe ngendlela elula, kodwa ibuchaza kakuhle ngokweenkcukacha ubomi beNkosi yethu ngoxa yayisemhlabeni, ibe ayikho enye incwadi efana nayo.”
Le ncwadi izibalisa ngokulandelelana kwazo iziganeko, ngendlela ezaziwa ngayo. Ibhalwe ngokusuka kwiincwadi ezine eziphefumlelweyo ezibhalwe ngababhali beencwadi zeVangeli ababephila ngexesha elinye noYesu, uMateyu, uMarko, uLuka noYohane. UMateyu noYohane babengabapostile ababehamba kunye noYesu. UMarko wayengumhlobo kaPetros, omnye wabapostile bakaYesu. Yena ugqirha uLuka wayehamba kunye nompostile uPawulos owayengumKristu.
Unokuzifumanela ikopi yale ncwadi, ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele incwadi eboniswe apha.
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.