Umjonga Njani UYesu?
Ngaba umjonga njengosana, indoda efayo okanye uKumkani omiselweyo?
IBhayibhile ibonisa ukuba uYesu unguKumkani onamandla. Kodwa kuthetha ntoni oku kuwe?
Abaninzi bayakholelwa ukuba uYesu wabafela. Kodwa yenzeka njani into yokuba ukufa kwendoda enye phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo kuthethe ubomi kwabanye namhlanje?
Uyamenywa ukuba uze kuzivela iimpendulo zeZibhalo kule mibuzo. Le nkcazelo iza kudluliselwa xa amaNgqina kaYehova ehlanganisene ukuze akhumbule ukufa kukaYesu. Kulo nyaka iSikhumbuzo siza kuba ngoLwesine, Aprili 5, emva kokutshona kwelanga.
Ukuze ufumane indawo nexesha esiza kuqhutyelwa kuyo esi Sikhumbuzo nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni.