IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/12 iphe. 20-22
  • Kutheni Umele Uye Kwiintlanganiso ZamaKristu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Umele Uye Kwiintlanganiso ZamaKristu?
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Indlela Asikhokela Ngayo UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kutheni Simele Sihlanganisane Ukuze Sinqule?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 4/12 iphe. 20-22

Abantu Abaselula Bayabuza

Kutheni Umele Uye Kwiintlanganiso ZamaKristu?

NGABA UYONWABA XA UYE KWIINTLANGANISO ZEBANDLA?

EWE → MAKUQHUBEKE KUNJALO

HAYI → YINTONI ONOKUYENZA?

IBHAYIBHILE iyalela amaKristu ukuba ahlanganisane kunye ukuze anqule. (Hebhere 10:25) Kodwa, kuthekani ukuba akukunandiphi ukuba lapho? Kuthekani ukuba xa ulapho uzifumana sele ucinga ngezinto ubunokuzenza ukuba ubukwenye indawo? Zama ukwenza uhlengahlengiso ngokuzama amanye kumacebiso akula maphepha alandelayo.

1. YIBAKHO RHOQO

Isibhalo esiyintloko: “Abanye abantu baye bawuyeka umkhwa wokuya kwiintlanganiso ukuze banqule, kodwa thina asimele sikwenze oko.”—Hebhere 10:25, Contemporary English Version.

Umntu ubakho rhoqo njani kwinto aziyo ukuba akayithandi? Impendulo izicacele, kungenxa yokuba okukhona efunda ngayo kokukhona esiya eyithanda! Khawuyicinge ngolu hlobo le nto: Ubunokuba nabo njani ubuchule kumdlalo othile—khona ubuya kuwunandipha njani ukuba ubuzilolonga manqaphanqapha? Kunjalo ke nangeentlanganiso zamaKristu. Okukhona ubakho kuzo, kokukhona ulwalamano lwakho noYehova lukhula. Oko, kuya kukwenza ufune ukubakho rhoqo kuzo!—Mateyu 5:3.

Amacebiso: Emva kwentlanganiso nganye, xelela nokuba sisithethi esinye ngezinto oye wazithanda kwintetho yaso. Bhala kwincwadi yakho into oye wayizuza ngokubakho kwakho kwiintlanganiso. Ekubeni inkoliso yezinto ezixutyushwa kwiintlanganiso iphathelele ubulungiseleli bamaKristu, zama ukuthetha nabanye ngokholo lwakho. Loo nto iya kukunceda ucacelwe ngakumbi zizinto ezixutyushwa kwiintlanganiso.

“Kwasebutsheni ndaqeqeshwa ukuze ndazi ukuba ndimele ndiye nakanjani kwiintlanganiso. Ndisengumntwana, zange khe ithi qatha eyokuphoswa ziintlanganiso. Le mbono ndiye ndahlala ndinayo de kube ngoku.”—UKelsey

Eyona ngongoma: Abantu abaya rhoqo kwiintlanganiso—bazinandipha ngakumbi yaye bazuza gqitha kuzo!

2. NIKEL’ INGQALELO

Isibhalo esiyintloko: “Nikelani ingqalelo kwindlela eniphulaphula ngayo.”—Luka 8:18.

Abaphandi babonisa ukuba oyena mntu uphulaphula ngokwenene kwinto ethethwayo, ekupheleni kosuku uba sele elibele malunga nama-60 ekhulwini kuloo nto ayivileyo. Ukuba ibiyimali yakho le inyamalala lula ngolo hlobo, ngaba ubuya kuyiyeka nje ungayikhuseli?

Amacebiso: Hlala nabazali bakho kufutshane neqonga, apho zingayi kuba ninzi izinto eziphazamisayo. Bhala amanqaku. Ngoxa abantu bengafundi ngendlela efanayo, ukubhala amanqaku kuya kukunceda unikel’ ingqalelo koko kuthethwayo—aya kuphinda akuncede kamva xa usenza impinda.

“Kwakuba nzima ukunikel’ ingqalelo ezintlanganisweni, kodwa ndaphucula. Ndiye ndizame ukuzikhumbuza isizathu sokuba lapho. Andiyi nje kuba ndikhule kusiyiwa, njengokuya ecaweni. Ndiya apho ukuze ndinqule nokuze ndifunde—ndizuze nto ithile eza kundinceda kubomi bam.”—UKathleen.

Eyona ngongoma: Ukuya kwiintlanganiso uze unganikeli ngqalelo kufana nokuya esidlweni ubuye ungatyanga.

3. YIBA NENXAXHEBA

Isibhalo esiyintloko: “Abantu bafunda kwabanye, njengokuba intsimbi ilola intsimbi.”—IMizekeliso 27:17, Good News Translation.

Njengomntu oselula, unendima ebalulekileyo kwiintlanganiso zebandla. Ungaze ucinge ukuba ubukho nenxaxheba oba nayo akubalulekanga, enoba unikel’ amagqabaza kwinxalenye yemibuzo neempendulo okanye ngokunxulumana nabazalwana bakho.

Amacebiso: Yiba nosukelo lokugqabaza nokuba kukanye xa kukho imibuzo neempendulo. Zicelele ukuncedisa ekucoceni okanye ekwenzeni nawuphi na umsebenzi ofuna ukwenziwa ngaphambi, ebudeni okanye emva kweentlanganiso. Ncokola nabantu ongafane uthethe nabo.

“Xa ndandikwiminyaka yelishumi elivisayo, ndandincedisa kwisandisi-lizwi ndize ndilungise neqonga. Loo mbopheleleko yandenza ndaziva ndixabisekile, ndatsho ndaziva ndinyanzelekile ukungaphoswa nokufika ngexesha. Oko kwandinceda ndazixabisa ngakumbi izinto zikaThixo.”—UMiles

Eyona ngongoma: Musa ukufika nje uhlale—yiba nento oyenzayo kwiintlanganiso! Ukuba nenxaxheba kusoloko kuluncedo kunokuhlala nje ubukele.

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhsayithi ethi www.watchtower.org/ype

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]

UYAMENYWA!

Ngaba ungathanda

● Ukufunda inyaniso ngoThixo?

● Ube ngumntu olunge ngakumbi?

● Ufumane abahlobo abafanelekileyo?

Iintlanganiso zamaNgqina kaYehova zingakunceda kwezo nkalo—nakwezinye! Kabini ngeveki, amaNgqina kaYehova ahlanganisana kwiHolo yoBukumkani ukuze anqule. Akukho nkongozelo, bonke abantu bamkelekile.

Ungaphoswa! IHolo yoBukumkani ayifani nayo nayiphi na icawa owakha waya kuyo. Kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, eyona nto igxininiswayo kukufunda iBhayibhile, yaye uya kufunda indlela iLizwi likaThixo elinokukunceda ngayo uphile ubomi obunenjongo!—Duteronomi 31:12; Isaya 48:17.

USai—Ukuqala kwam ukuya kwiHolo yoBukumkani, ndamangaliswa kukungabikho kwemifanekiso eqingqiweyo, kungekho mntu unxibe njengomfundisi kwaza akwabikho mntu undifuna inkongozelo. Wonk’ umntu wandamkela, yaye ndaziva ndisekhaya. Izinto ezazixutyushwa apho kwakulula ukuziqonda, yaye zivakala. Le yinyaniso endandisoloko ndiyifuna!

UDeyanira—Ndandineminyaka eli-14 ubudala ukuqala kwam ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ngokukhawuleza, ndamkelwa ngumntu wonke. Kwabonakala ukuba bayavuyiswa kukundibona apho, yaye babenomdla onyanisekileyo kum. Ngenxa yokwamkelwa ngalo ndlela, kwaba lula ukuphinda ndiye!

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 22]

Zama ukuqonda ukuba kuza kuxutyuswa ngantoni kwintlanganiso yebandla elandelayo. Khetha inxalenye yolo cwangciso onomdla kuyo uze . . .

SIKA APHA, UZENZELE IIKOPI

Uzalise ezi ndawo zilandelayo ngaphambi kokuya kwiintlanganiso.

Umxholo wentetho:

․․․․․

⇩

Into endinomdla wokuyazi ngalo mbandela:

․․․․․

Uzalise ezi ndawo zilandelayo emva kwentetho leyo.

Oko ndikufundileyo:

․․․․․

⇩

Izinto endizithandileyo endinokusichazela ngazo isithethi:

․․․․․

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share