Okwenzeka Ehlabathini
Isixeko saseNew York simisele umthetho okwalelayo ukutshaya kumanxweme, kwiipaki, nakwiindawo ezihamba abantu. Abantu abophula loo mthetho baza kuhlawuliswa ii-R400. Abasemagunyeni banethemba lokuba lo mthetho uza “kunyanzelwa.”—THE WALL STREET JOURNAL, EUNITED STATES.
“EIndiya liye lanyuka ngokumangalisayo inani lokuqhomfwa [kweentsana ezingamantombazana], ngakumbi xa zisalekela izibulo eliyintombazana.” Kwiintsapho eziye zazibula ngentombazana, kumakhwenkwe ali-1 000 azalwayo, inani lamantombazana liye lehla lisuka kuma-906 ngowe-1990 laya kutsho kuma-836 ngowama-2005.—THE LANCET, EBRITANI.
IWorld Health Organization iye yachaza imichiza ekhutshwa zizixhobo ezisebenzisa amaza omoya “njengaleyo yezixhobo zokunxibelelana iwireless, njengenokubangela umhlaza ebantwini.”—INTERNATIONAL AGENCY FOR RESEARCH ON CANCER, EFRANSI.
IZizwe Ezimanyeneyo ziye zabhengeza ukuba zisoyisile isifo seenkomo irinderpest. Esi “sisifo sokuqala sezilwanyana ukusitshulwa neengcambu ngenxa yemigudu yabantu . . . yaye sisifo sesibini ukoyiswa, emva kweso sabantu ismallpox.”—FOOD AND AGRICULTURE ORGANIZATION OF THE UNITED NATIONS, EITALI.
Ngaba Uyilungele IApocalypse?
INew York Times inomxholo othi, “Incwadi Esemthethweni YeApocalypse ENew York.” Ichaza ukuba le mpapasho inceda iijaji namagqwetha zikwazi ukucombulula eyona mibuzo intsonkothileyo inokuphakanyiswa “lolunye uhlaselo lwabanqolobi, ngemichiza yenyukliya okanye eminye nobhubhani ozisa intlekele.” Le ncwadi, ipapashwe yiNew York State court system kunye nebar association yelizwe, ichaza ngokulula indlela osebenza ngayo umthetho okhoyo kwimiba yokwahlulwa, kwabantu abanokosulela abanye, ukufuduswa kwabantu abaninzi kummandla oyingozi, ugqogqo lwabomthetho ngaphandle kwemvume, ukutshatyalaliswa kwezilwanyana ezinesifo, nokumiswa komthetho.
Phakathi Kwemiqamelelo Emidala
UArt Tucker, isazinzulu esiphambili kwikliniki yeSibhedlele iSt. Barts, eLondon uthi, imiqamelo ecocekileyo isenokuba “iqulethe ukungcola.” IThe Times yaseLondon, eyachaza ngophando lwakhe, ithi emva kweminyaka emibini isetyenziswa, ngaphezu kwesinye kwisithathu sobunzima bomqamelo “benziwa ngamasuntswana enkunkuma yezinto eziphilayo nezafayo, ukungcola kwezinambuzane, izikhoko zolusu olubuzileyo neentsholongwane.” Imiqamelo iba lihlathi lezinto ezibangela ialeji, iintsholongwane, nezinambuzane. Siyintoni isicombululo? IThe Times ithi, “Amasuntswana . . . ayoma aze afe xa egcadwe lilanga, into etheth’ ukuba indlela yakudala yokwaneka izinto zokulala iseluncedo.” Isepha ayizibulali ezi zinto, kodwa ukuhlamba imiqamelo kumanzi ashushu ngaphezu kwama-60 degrees ngokukaCelsius kuya kuzibulala, kuze kuzicoce ezininzi.