Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Engekhoyo Kulo Mfanekiso?
Funda eyoku-1 yeziKronike 16:1, 2, 4-10. Emva koko jonga umfanekiso. Ziziphi izinto ezingekhoyo? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi. Dibanisa amachaphaza ukuze ugqibezele lo mfanekiso uze ufake umbala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
[Umzobo]
(Yiya kwimpapasho)
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Ngaba uYehova uThixo uyavuyiswa kukusiva sicula xa sikunqulo lwethu? Kutheni usitsho nje?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda eyesi-2 yeziKronike 5:13, 14; eyabase-Efese 5:19.
Ngaba unokuchaza ezinye zeengxelo eBhayibhileni apho umculo wawuyinxalenye yonqulo lokwenyaniso?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda iEksodus 15:1-20; uMarko 14:26; IZenzo 16:25.
Sisiphi isimo sengqondo esiya kukunceda uqhubeke umculela uYehova enoba uneentloni okanye uvakalelwa kukuba abanye bacula bhetele kunawe?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda iNdumiso 33:1-3.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Ilungu ngalinye lentsapho malikhethe ingoma eliyithandayo yokudumisa uYehova. Njengentsapho, ziqheliseleni ezo ngoma nide nizazi.
Gcinani La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 17 UYONA
IMIBUZO
A. UYona wathunywa ukuba aye kushumayela ․․․․․, apho kwakuhlala abantu abali-․․․․․.
B. Nangona ekuqaleni uYona wasishiya isabelo sakhe, yintoni awayenza ngesibindi ukuze asindise ubomi babanye?
C. Gqibezela le ndinyana yeBhayibhile: “uYona waba . . . ”
[Isicangca]
4026 B.C.E. UAdam uyadalwa
Waphila malunga nowama-840 B.C.E
1 C.E.
98 C.E. Kubhalwa incwadi yokugqibela yeBhayibhile
[Imaphu]
Wabaleka esuka eGati-hefere waya eTarshishe
IGati-hefere
ITARSHISHE
INineve
UYONA
IMBALI YAKHE
Umprofeti kaYehova owayephila ngexesha lokulawula kukakumkani uYerobhoham II. (2 Kumkani 14:23-25) UYehova wafundisa uYona ukuba angacingi ngesiqu sakhe kuphela kodwa acinge ngeentswelo zabanye. (Yona 4:6-11) Umzekelo kaYona usifundisa ukuba uYehova unomonde, inceba nobubele kubantu abanesono.
IIMPENDULO
A. eNineve, 120 000.—Yona 1:1, 2; 4:11.
B. Waxelela oomatiloshe ukuba bamphose elwandle ukuze luzole.—Yona 1:3, 9-16.
C. “ . . . sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu.”—Yona 1:17.
Abantu Namazwe
4. Igama lam ndinguMelissa, ndineminyaka esi-9, yaye uEdilo, uneminyaka esi-7. Sihlala eCuba. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eCuba? Ngaba angama-51 000, ama-91 000, okanye ali-131 000?
5. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo esihlala kuyo? Yenza isangqa kwindawo ohlala kuyo uze ubone ukuba ukufutshane kangakanani na eCuba.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com ninokuziprintela ezinye iikopi zomxholo othi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho”
● Iimpendulo zemibuzo ekumxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zifumaneka kwiphepha 14
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. Intente egubungele umkhombe.
2. Uhadi.
3. Ixilongo.
4. 91 000.
5. C.