Okwenzeka Ehlabathini
“Iiselfowuni zinokusetyenziswa ukuphepha ukuthetha nabanye—Abantu abali-13 kwabalikhulu abaneeselfowuni bathanda ukwenza ngathi bathetha kuzo ukuze baphephe ukuthetha nabantu abahleli nabo.”—IPEW RESEARCH CENTER, EUNITED STATES.
Kule minyaka mihlanu, uhlolisiso lomkhenkce olwenziwa minyaka le ehlotyeni kulwandle iArctic lubonisa ukuba uya uncipha ngamandla umkhenkce olapho.—IBBC NEWS, EBRITANI.
“Malunga nama-47 ekhulwini omhlaba waseAfrika olungele ukulinywa uyekwe nje awusetyenziswa.”—ITHE WITNESS, EMZANTSI AFRIKA.
“Kwiminyaka eli-10 edlulileyo, amazwe ali-10 (iNetherlands, iBelgium, iKhanada, iSpeyin, uMzantsi Afrika, iNorway, eSweden, iPortugal, i-Iceland, neArgentina) aye avumela ngokusemthethweni imitshato yamafanasini.”—IFAMILY RELATIONS, EUNITED STATES.
“Iinkathazo” Ziba Nemiphumo Engapheliyo
Uvavanyo olwenziwe kuMntla-Ireland lubonisa ukuba ungquzulwano lwamaqela onqulo nawezopolitiko apho lushiye imiphumo ebuhlungu. Olu ngquzulwano, olwaziwa ngokuba ‘ziiNkathazo’ apho, luye lwathabatha phantse iminyaka engama-30, lushiya abantu balapho ababini kwabathathu bechanabeke kwiziganeko ezimanyumnyezi. IBamford Centre for Mental Health and Wellbeing, kwiYunivesithi yaseUlster yafumanisa ukuba umntu om-1 kwabali-10 kuMntla-Ireland akasindi kwipost-traumatic stress disorder—“owona mlinganiselo uphakamileyo” naphina na, ngokutsho kweThe Irish Times. Eli phephandaba longezelela lithi: “Xa eli nani lithelekiswa nelabemi belo, “iiNkathazo” zaba lolona ngquzulwano luqatseleyo ehlabathini, kusifa kulo umntu omnye kubemi abangama-500.”
Imozulu Embi “Yayingaxhaphakanga Kangaka”
Iya ixhaphaka into yokuhlaselwa kweUnited States yimozulu engaqhelekanga. Izinto ezazinqabile—izikhukula ezinamandla, imbalela enkulu, kunye nokuwa kwekhephu—sezithande ‘ukuxhaphaka mvanje.’ Kwisiganeko esasiququzelelwa nguMbutho Wezazinzulu Ezixhalabileyo, uKatharine Hayhoe, ingcali ngemozulu kwiTexas Tech University, wathi kwabo asebenza nabo: “Siqhelene neemeko ezithile kodwa ininzi into eqhubeka namhlanje esingaqhelananga nayo.” UHayhoe nezinye iingcali bakholelwa ukuba izinto ezenziwa ngabantu zizo ezibangela utshintsho kwimozulu, tshintsho olo lungunobangela wale mozulu ingaqhelekanga ehlabathini lonke.