Izimvo Zabafundi
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndingenza Njani Ukuze Ndikuthande Ukufunda IBhayibhile? (Aprili 2009) Ndingumfazi nomama oneminyaka engama-24 ubudala, ibe ibisoloko ingumgudu ukufunda iBhayibhile. Ndacingisisa nzulu ngamacebiso akweli nqaku, kwaye ndiyisebenzisa kakuhle ibhokisi esikwayo eyayikulo. Ngoku ndihlala ndikhangele phambili ekufundeni iBhayibhile. Ndiyayibona indlela iincwadi zeBhayibhile ezivumelana ngayo yaye zimanyene okwelaphu elihle elinomfanekiso. Zange khe ndikuvuyele kangaka ukufunda iBhayibhile. Enkosi kakhulu!
K. T., United States
Incwadi Onokuyithemba—Icandelo 6 (Aprili 2011) Inqaku elithi “IRoma Kwimbali YeBhayibhile” lathi: “Kwenzeka ntoni kwiYerusalem? Umkhosi wamaRoma wabuya, ukhokelwa nguVespasian nonyana wakhe uTitus—kodwa ngoku bebuya namajoni angama-60 000.” La mazwi abonisa ukuba uVespasian noTitus ngabo ababekhokela umkhosi xa kwakuhlaselwa iYerusalem. Noko ke, imbali ithi uVespasian wayeseRoma ngelo xesha.
J. O., Ostreliya
“UVukani!” uyaphendula: Ngokutsho kwencwadi kaPaul L. Maier ethi, “Josephus—The Essential Writings,” “uTitus wafika ngokukhawuleza evela eAlexandria, ekhokela umkhosi weShumi Elinesihlanu, waza kuncedisa uyise eTolemayi, apho uVespasian wayelinde khona nomkhosi weSihlanu noweShumi.” Ukongezelela koko, ‘iEncyclopedia of the Roman Empire,’ ebhalwe nguMatthew Bunson, isichazela oku ngoVespasian: “Xa wayekunye nonyana wakhe uTitus, wabatshabalalisa abaVukeli bamaYuda waza walungiselela ukuyingqinga itempile yaseYerusalem ngowama-68 xa kwafika ilizwi lokuba uNero ufile esikhundleni sakhe kungene uGalba. . . . Ngasekupheleni kowama-70, wafika eRoma.” Ngoko kuyabonakala ukuba ekuqaleni uVespasian noTitus babekunye xa kwakuhlaselwa iYerusalem. Kodwa, ethubeni uVespasian wabuyela eRoma eshiya loo mfazwe kuTitus.
Ngaba Uzibekela Usukelo Onokulufikelela? (Februwari 2011) Xa lichaza imizekelo yosukelo ongenakulufikelela eli nqaku lakhankanya “ukufuna ukuba ngumntu owaziwayo, ukuba sisityebi, ukuba neqabane lomtshato elifezekileyo, okanye ukuba ngumqabaqaba.” Siyintoni isizathu sokuba kuqukwe “ukuba neqabane lomtshato elifezekileyo”? Kutheni lisithi usukelo lokufumana iqabane lomtshato “alunakufikeleleka”?
S. K., United States
“UVukani!” uyaphendula: Eli nqaku alizange lithi umtshato lusukelo olungenakufikeleleka. Into elathetha ngayo kukukhangela ‘iqabane lomtshato elifezekileyo.’ Kumongo weli nqaku, iqabane “elifezekileyo” libhekisela kwiqabane eliqgibeleleyo, elingenasiphako. Usukelo lokufuna iqabane elinjalo, alunakufikeleleka ngenxa yezi zizathu zibini: Esokuqala, akakho umntu onjalo. (Roma 3:23) Esesibini, umntu ofuna iqabane elinjalo unikela ingqalelo kwizinto ajonge ukuzifumana emtshatweni kunezo amele aphise ngazo. Kule nkalo, nabanye abatshatileyo baba nosukelo olungenakufikeleleka lokufuna ukutshintsha amaqabane abo “agqibelele.” Ngokwahlukileyo koko, umtshato owomeleleyo wenziwa ngabantu ababini abaqondayo ukuba bobabini abafezekanga kodwa bakulungele ‘ukuqhubeka benyamezelana yaye bexolelana ngesisa.’—Kolose 3:13.