IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/12 iphe. 10
  • 6 Funa Uncedo KuThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 6 Funa Uncedo KuThixo
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungathandaza Njani Ukuze Uviwe NguThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
  • Iintsapho Ezinomzali Ongenaqabane Lomtshato Zinokuphumelela!
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Sondela KuThixo Ngokuthandaza
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 11/12 iphe. 10

6 Funa Uncedo KuThixo

Ngaba ufuna uncedo lukaThixo ekukhuliseni abantwana bakho?

“Xa umnyeni wam wasishiyayo nabantwana, ndacela uThixo ukuba asincede. Wayiphendula imithandazo yam. Zange khe siziswele izinto eziyimfuneko. Uye wasinceda waza wasikhokela.”—UMAKI, EJAPAN.

KWELI hlabathi lithe phithi zizinto eziphathekayo, abantu abaninzi abacingi kwanto ngoThixo. Sekunjalo, uMdali wethu unomdla kuthi yaye ufuna siphumelele. Indlela avakalelwa ngayo ngathi ichazwa kakuhle kuIsaya 41:10: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. . . . Ndiza kukunceda ngokwenene.”

Kwinqaku elandulela eli, siye saxubusha ngendlela uThixo asinceda ngayo ngemilinganiselo yokuziphatha esiyifumana eBhayibhileni. (2 Timoti 3:16) IBhayibhile asiyoncwadi nje yokusikhokela. Isityhilela nobuntu obumangalisayo bukaThixo nendlela asithanda ngayo. Ngenxa yoko, xa abazali abaninzi abangamaKristu—abanamaqabane nabangenawo—baye babona ukuba, xa sisenza izinto esizifundiswa yiBhayibhile, sitsho sizibonele ngokwethu ukulunga kukaThixo.

URobert, waseOstriya uthi: “UYehova uThixo ngoyena tata nomama usemagqabini kubo bonke esakha sanabo. Uyayazi eyona nto ifunekayo kubantwana bethu, eyazi nendlela yokubakhusela. Ngoko, sihlala sithandaza kuye nentombi yam.”

UAyusa, waseJapan uthi: “Kundivuyisa gqitha ukubona ukuba unyana wam uthembele kuYehova xa esithi, ‘uYehova unathi, yonke into iza kulunga.’”

UCristina, waseItali uthi: “Xa kubonakala ukuba ingxaki ingaphezu kwamandla am, ndithandaza kuYehova ndize ndiyiyekele kuye. Ndiye ndizive ndiseluxolweni ndisazi ukuba loo ngxaki iza kulunga.”

ULaurentine, waseFransi uthi: “Nditsho ngeqhayiya ukuba ndingumzali ongenaqabane oye wasikelelwa gqitha nguYehova. Uyabahlangula ngokwenene abo baxhwalekileyo nabo bangenatata okanye umama.”

UKeiko, waseJapan uthi: “UThixo akakhethi buso. Unyamekela zonke iintsapho, enoba zinabazali bobabini okanye omnye.”—IZenzo 10:34.

Ebonisa indlela uThixo asithanda nasixhalabele ngayo, uYesu Kristu wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya . . . , kuba ndinomoya wobulali, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mateyu 11:28-30) Masiqiniseke ukuba, uYesu noYise wasezulwini, uYehova uThixo, bafuna sizive sinqabisekile njengoko besinyamekela ngothando. KwiNdumiso 34:8, sifunda oku: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” Ewe, uThixo ufuna uzibonele ukuba icebiso lakhe liyaphumelela, kwaye ufuna sifumane okona kulungileyo. Ngaba uya kusamkela isimemo sakhe?

Ndachukunyiswa Ngumzekelo KaMama

Enoba uxakeke kangakanani okanye udinwe kangakanani na, wayeyeka yonke into ayenzayo aze athandaze kunye nam ngaphambi kokuba ndilale. Imithandazo yakhe yandinceda ndaqonda ukuba ndinako ukuba ngumhlobo kaYehova uThixo.—UAmanda, EUNITED STATES.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share