IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/13 iphe. 3
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • EMerika
  • E-Antarctica
  • ENetherlands
  • EJamani
  • Umanyano Oluntsonkothileyo Lobomi
    Vukani!—2001
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2013
  • Iziqulatho
    Vukani!—2000
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 4/13 iphe. 3

OKWENZEKA EHLABATHINI

EMerika

Kwiveki kaOktobha 29, 2012 laye lehla inani lokubulawa kwabantu, elobundlobongela nokukhuthuzwa kwabantu kwisixeko saseNew York, xa lithelekiswa neveki efanayo ngowama-2011. Ngoba? Kungenxa yenkanyamba eyahlasela unxweme olukwiMpuma yeMerika yaza yabangela ukuqhawuka kweentambo zombane. Isithethi samapolisa aseNew York uPaul Browne wathi: “Ulwaphulo-mthetho ludla ngokuhla emva kwentlekele yemvelo okanye ingozi efana nohlaselo lwabagrogrisi lukaSeptemba 11, 2001.” Noko ke, ulwaphulo-mthetho olunjengokuqhekeza nokuhluthwa kwempahla ezivenkileni lwaye lwathath’ unyawo, nto leyo engazange imothuse uBrowne. Wathi: “Zininzi iindawo ekungekho mbane kuzo.”

E-Antarctica

Izazinzulu zinexhala lokuba izityalo zaseAntarctica zisengozini yokufa ngenxa yokwanda kwezasemzini. Kuqikelelwa ukuba amawakawaka abantu abandwendwela kwelo nyaka ngamnye bafika nembewu yezityalo zamazwe abo. Oku bakwenza bengaqondanga kuba enye yale mbewu bafika nayo incamathele kwizihlangu okanye ikwiibhegi zabo. KuSingasiqithi okwiNtshona yeAntarctic sele kukho izityalo ezininzi zasemzini.

ENetherlands

Inkosikazi eneminyaka engama-83 iye yaba ngumntu wokuqala ukwenzelwa umhlathi wenkcenkce owenziwe kwiprinta yohlobo lwe3-D. Esi sigulana esasinesifo somhlathi, ngoku siyakwazi ukutya, ukuphefumla nokuthetha njengabanye abantu. Oogqirha benza lo mhlathi ngenkcenkce baza benza utyando lokuwufakela kule nkosikazi.

EJamani

Kwixesha nje elingangonyaka emva kokuba abantu bengavunyelwa ukuba batshaye kwezinye iindawo zikawonkewonke eJamani, phakathi kweqela elithile, inani labantu abalaliswa esibhedlele ngenxa yokuba nesifuba liye lehla nge-13.3 pesenti; isifo sentliziyo sona siye sehla nge-8.6 pesenti.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share