IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/14 iphe. 14-15
  • Ukutyelela EItali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela EItali
  • Vukani!—2014
Vukani!—2014
g 1/14 iphe. 14-15
Unxweme lwaseItali

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EItali

Imaphu yaseItali

I-ITALI lilizwe elinezinto ezahlukeneyo—ukusuka kumalwandle amade ukuya kwimimandla yentaba ezinamaxethuka; ihlobo eligqats’ ubhobhoyi emzantsi ukusa kubusika obuqhaqhazelis’ amazinyo emntla. Eli lizwe lineentaba-mlilo ezininzi, kodwa zimbalwa—njengeStromboli neNtaba iEtna—ezisaqhushumbayo.

I-Itali lelinye lawona mazwe anabantu abaninzi eYurophu. Lizaliswe ngabantu abaninzi abohlukeneyo njengama-Arabhu, abantu abasuka eByzantium, amaGrike, abantu baseNormandy namaFenike.

Abakhenkethi bakhwela iphenyane igondola

Abakhenkethi bakhwela iphenyane igondola kwimisinga yaseVenice

Eli lizwe linobuncwane obuninzi bezinto zakudala, izakhiwo nemizobo. Amabhodlo amandulo amaGrike namaRoma okanye izakhiwo ezimbejembeje zakudala ezaziwayo, zisathandwa nangoku kwiidolophu nezixeko ezininzi zaseItali. Imizobo, imifanekiso eyenziwe ngamatye emabhile kunye nemithombo eyenziwe kakuhle, yimisebenzi yeencutshe ezinjengoBernini, uMichelangelo noRaphael.

Ukutya kuyinto ebalulekileyo kubomi babantu balapha yaye kumatheko amaninzi kubakho okona kutya kuthandwayo. Amaxesha amaninzi ipasta kuqalwa ngayo, ize ilandelwe yinyama okanye intlanzi nemifuno. Ioli yomnquma isetyenziswa kakhulu, ekubeni ixhaphakile apha. Ipizza nerisotto kukutya okwaziwayo kwaseItali.

A dish of pasta

Ipasta iyinxalenye yokutya okuthandwayo kwaseItali

Abantu baseItali baziwa ngokuba nobubele nokubuk’ iindwendwe. Abantu beli lizwe bayakuthanda ukuncokola nabanye, ngenxa yoko kuqhelekile ukubona abantu bencokola kwiindawo zeembutho okanye behamba endleleni.

Abemi abaninzi beli lizwe bathi bangamaRoma Katolika, kodwa bambalwa abaya rhoqo ecaweni. Abantu abasakwenzi oko bakuxelelwa yicawa yaye abasayithobeli imithetho ekudala ikho ngokuqhomfa noqhawulo-mtshato.

AmaNgqina kaYehova ayanda eItali. Aziwa ngokushumayela nokufundisa abantu ngeBhayibhile, nangokuphila ngemilinganiselo yayo. Kukho amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-3 000 elizweni lonke, yaye amaninzi kuwo ashumayela nakubantu abathetha iilwimi ezingesiso isiTaliyane. Kukho imfuneko yokufundisa iBhayibhile ngeelwimi zasemzini kuba kule minyaka ilishumi idlulileyo, liye laphindeka kathathu inani labantu bamanye amazwe eItali.

The Dolomites mountain range

IDolomites enamaxethuka, ekummandla wentaba okwimpuma-ntshona yaseItali

NGABA UBUSAZI?

Nangona iSixeko saseVatican siseRoma, besisoloko sililizwe elizimeleyo ukususela ngo-1929 yaye ngenxa yoko, abantu baseItali basigqala njengomhlaba wasemzini.

IZINTO EZIBANGELA UMDLA

  • Abemi: 61 000 000

  • Idolophu elikomkhulu: IRoma

  • Imozulu: Emzantsi kuba shushu kakhulu ehlotyeni kuze kuphole ebusika; emntla kukho iintaba ezenza kubande ebusika

  • Umhlaba: Ubukhulu becala kukho iintaba, nonxweme oluphantse lube ziikhilomitha eziyi-7 500

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share