IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 4 iphe. 12-13
  • Ukutyelela EKyrgyzstan

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela EKyrgyzstan
  • Vukani!—2016
Vukani!—2016
g16 No. 4 iphe. 12-13
Izindlu abahlala kuzo kwiNtlambo iTash Rabat eKyrgyzstan

Izindlu abahlala kuzo kwiNtlambo iTash Rabat

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EKyrgyzstan

Imaphu yaseKyrgyzstan

IKYRGYZSTAN ingqongwe ziintaba ezinekhephu kuMbindi Asia, yaye ijikelezwe yiKazakhstan, iUzbekistan, iTajikistan neTshayina. Phantse lonke eli lizwe ligcwaliswe ziintaba. Eyona ntaba iphakamileyo kwiiNtaba zeTian Shan iseKyrgyzstan. Akukho mahlathi maninzi kangako kwelo. Ngoko ibangel’ umdla into yokuba ehlabathini lonke, eyona mithi mininzi yendongomane elibizwa ngokuba yiwalnut ifumaneka kuloo mahlathi.

INgqina likaYehova lifunda iBhayibhile kunye nebhinqa laseKyrgyzstan

AmaNgqina kaYehova afundisa amawaka abantu baseKyrgyzstan iBhayibhile

Abantu beli baziwa ngokuthand’ iindwendwe nangembeko. Bathetha ngembeko nabantu abadala kunabo, babancamela izitulo zabo kwizithuthi zikawonke-wonke, ibe babanika ezona zihlalo zibalulekileyo etafileni.

Ngokuqhelekileyo, abantu baba nabantwana abathathu nangaphezulu. Oyena nyana umncinci akemki ekhaya naxa sele etshatile ukuze anyamekele abazali.

Abantwana abangamantombazana bafundiswa besebancinci imisebenzi yasekhaya ukuze bakwazi ukuba ngabafazi ngeny’ imini. Bathi bengekabi neminyaka eyi-20 babe sebeyenza kakuhle. Xa ke intombi itshata, iye inikwe isipho. Sidla ngokuba zizinto ezininzi ezinjengezinto zebhedi, iimpahla nekhaphethi eyenziwe ngezandla. Umyeni ubhatala ilobola, ngemali nangemfuyo.

Xa kukho itheko okanye umngcwabo, kuye kuxhelwe igusha okanye ihashe. Le nyama iye yahlulahlulwe aze mntu ngamnye anikwe emfaneleyo. Ekubeni abantu balapha benembeko, abantu bayinikwa ngokweminyaka nezikhundla zabo. Emva koko, banikwa ukutya okudumileyo apho, ibeshbarmak, ibe bakutya ngezandla.

Umfana udlala isixhobo somculo ikomuz

Ikomuz sisixhobo somculo esaziwayo apho

IZINTO EZIBANGELA UMDLA

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iyafumaneka ngesiKirghiz ibe ikho naku-www.pr2711.com/xh

  • Abemi: 5 776 000

  • Ikomkhulu: IBishkek

  • Ulwimi: IsiKirghiz nesiRashiya

  • Imveliso: Icotton, iwulu, igolide, imekyuri neuranium

  • Unqulo: Uninzi ngamaSilamsi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share