IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • be isifu. 38 iphe. 215-iphe. 219 isiqe.¶ 3
  • Intshayelelo Evusa Umdla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intshayelelo Evusa Umdla
  • Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Amanqaku Afanayo
  • Intshayelelo Mayibangele Umdla
    Zimisele Ukufunda Nokufundisa
  • Iyafundisa Kubaphulaphuli Bakho
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • IZibhalo Zitshayelelwe Kakuhle
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
be isifu. 38 iphe. 215-iphe. 219 isiqe.¶ 3

ISIFUNDO 38

Intshayelelo Evusa Umdla

Yintoni ekufuneka uyenze?

Kwizivakalisi zakho zokuqala, thetha into enxibelelene nombandela wakho eya kuthimba ingqalelo yabaphulaphuli bakho neya kuba negalelo ngokungqalileyo ekuphumezeni injongo yakho.

Kutheni kubalulekile nje?

Yintshayelelo yakho esenokugqiba enoba abanye abantu baya kuphulaphula kusini na nokuba baya kunikela ingqalelo kangakanani na.

INTSHAYELELO ibalulekile kuyo nayiphi na intetho. Ukuba uyawuvuselela umdla wabaphulaphuli bakho, baya kutyekela ngakumbi ekuyiphulaphuleni ngenyameko loo nto ilandelayo. Kubulungiseleli basentsimini, ukuba intshayelelo yakho ayivuseleli mdla, usenokungakwazi ukuqhubeka nentshumayelo yakho. Xa unikela intetho kwiHolo yoBukumkani, abaphulaphuli abayi kukushiya umi apho eqongeni baze bemke, kodwa ke abanye abantu basenokuqalisa ukucinga ngezinye izinto ukuba akuyithimbanga ingqalelo yabo.

Xa ulungiselela intshayelelo yakho, cinga ngezi zinto umele uziphumeze: (1) ukufumana ingqalelo yabaphulaphuli bakho, (2) ukuwuchaza ngendlela ecacileyo umxholo wakho, kunye (3) nokubonisa isizathu sokuba loo mxholo ubalulekile kubaphulaphuli bakho. Kwezinye iimeko, ezi njongo zintathu zinokuphunyezwa phantse ngexesha elinye. Noko ke, maxa wambi usenokuphumeza ibe nye ngexesha, ibe usenokuqala nangayiphi kuzo.

Indlela Yokufumana Ingqalelo Yabaphulaphuli Bakho. Isibakala sokuba abantu behlanganisene ukuze baphulaphule intetho asithethi kuthi bakulungele ukunikela ingqalelo ngokupheleleyo kuyo. Ngoba? Ubomi babo buzaliswe zizinto ezininzi ezifuna ingqalelo yabo. Basenokuba bacinga ngengxaki abanayo ekhaya okanye baxhalatyiswe yenye into. Ucelomngeni ojamelene nalo njengesithethi kukuthimba ingqalelo yabaphulaphuli bakho uze uqhubeke uyibambile. Ziliqela iindlela zokwenza oko.

Enye yezona ntetho zidumileyo ezakha zanikelwa yiNtshumayelo yaseNtabeni. Yaqaliswa njani? Ngokutsho kwengxelo kaLuka, uYesu wathi: “Ninoyolo nina mahlwempu, . . . ninoyolo nina nilambayo ngoku, . . . ninoyolo nina nililayo ngoku, . . . ninoyolo xa sukuba abantu benithiyile.” (Luka 6:20-22) Yintoni eyabangela ukuba loo mazwi avuse umdla? Ngamafutshane, uYesu wabonisa ukuba uyaziqonda iingxaki ezinzulu ababejamelana nazo abaphulaphuli bakhe. Emva koko, kunokuba azixubushe ngokupheleleyo ezo ngxaki, wabonisa ukuba abantu ababenezo ngxaki babenokuba noyolo, ibe wakubonisa oko ngendlela eyenza abaphulaphuli bakhe ukuba bafune ukuva okungakumbi.

Imibuzo inokusetyenziswa ngempumelelo ukuze kuvuswe umdla, kodwa ifanele ibe yefanelekileyo. Ukuba imibuzo yakho ibonisa ukuba uza kuthetha ngezinto abasele bezazi abaphulaphuli, umdla wabo unokuthi shwaka. Musa ukubuza imibuzo eyenza abaphulaphuli babe neentloni okanye ebenza babonakale bebabi. Kunoko, zabalazela ukubuza imibuzo yakho ngendlela eya kubenza bacinge. Nqumama kancinane emva kombuzo ngamnye ukuze unike abaphulaphuli ithuba lokuphendula ezingqondweni zabo. Xa bevakalelwa kukuba bancokola nawe ezingqondweni zabo, uyifumene ke ingqalelo yabo.

Ukusebenzisa amava okoqobo kuyenye indlela ephumelelayo yokuthimba ingqalelo. Kodwa ukubalisa nje ibali kusenokungayiphumezi injongo yakho ukuba loo mava enza omnye wabaphulaphuli bakho abe neentloni. Ukuba ibali lakho alilibaleki kodwa imfundiso eliyidluliselayo ilibalekile, akukalufikeleli usukelo lwakho. Xa amava esetyenziswa kwintshayelelo, afanele akhe isiseko senkalo ebalulekileyo kwintetho yakho. Ngoko kusenokufuneka iinkcukacha ezithile ukuze uwahlalutyisise kakuhle, kulumkele ukwenza amava abe made ngokungeyomfuneko.

Ezinye izithethi ziqalisa intetho yazo ngeendaba zakutshanje, ngengcaphulo yephephandaba lasekuhlaleni okanye ngamazwi aye athethwa yindwalutho evunyiweyo yasekuhlaleni. Nazo ezi zinokuphumelela ukuba zingena ngokwenene kumxholo yaye zibafanele abaphulaphuli.

Ukuba intetho yakho iyinxalenye yongcelele lweentetho okanye yinxalenye yeNtlanganiso Yenkonzo, ngoko kudla ngokuba kuhle ukuyenza mfutshane ize ingqale intshayelelo yakho. Ukuba unikela intetho yesidlangalala, musa ukudlula kwixesha elisikelwe intshayelelo. Ngumongo wentetho oya kudlulisela inkcazelo ebaluleke gqitha kubaphulaphuli bakho.

Maxa wambi unokuzifumana uthetha phambi kwabaphulaphuli abathandabuzayo okanye abanentiyo. Unokuyifumana njani ingqalelo yabo? UStefano, umKristu wenkulungwane yokuqala ochazwe ‘njengozaliswe ngumoya nobulumko,’ warholwa ngenkani waza wasiwa phambi kweSanhedrin yamaYuda. Akufika apho wabuthethelela ngobuciko ubuKristu. Waqalisa njani? Wathetha ngentlonelo yaye ebhekisa kwinto eyayisamkelwa ngawo omabini amacala. “Madoda, bazalwana noobawo, yivani. UThixo wozuko wabonakala kukhokho wethu uAbraham.” (IZe. 6:3; 7:2) KwiAreyopago yaseAthene, umpostile uPawulos waguqula intshayelelo yakhe ukuze ilungele abaphulaphuli ababahluke gqitha, esithi: “Madoda aseAthene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nibonakala ngathi nizinikele ngakumbi ekoyikeni izithixo kunokuba abanye benjalo.” (IZe. 17:22) Ngenxa yeentshayelelo eziphumelelayo, omabini la maqela abaphulaphuli akulungela ukuphulaphula ngakumbi.

Ingqalelo yabantu uyayifuna naxa ukwinkonzo yasentsimini. Ukuba akutshongo kusengaphambili ukuba uza kutyelela, umninimzi usenokuxakeka zezinye izinto. Kwezinye iinxalenye zehlabathi, iindwendwe ezingamenywanga kulindeleke ukuba zithethe loo nto ziyizeleyo msinya. Ukanti kweminye imimandla, kuye kufuneke ulandele inkqubo ethile ngaphambi kokuba uchaze loo nto uyizeleyo.—Luka 10:5.

Enoba sikwiyiphi na imeko, ukuba nobuhlobo bokwenene kunokunceda ekudaleni imo eya kukhokelela kwincoko. Kudla ngokuba yingenelo ukuqalisa ngento enxibelelene ngokungqalileyo noko kusengqondweni yaloo mntu. Unokuyazi njani into ofanele uthethe ngayo? Xa ubusondela kuye lo mntu, ngaba ebesenza umsebenzi othile? Mhlawumbi uyalima, ulungisa ibala lomzi wakhe, ukhanda inqwelo-mafutha, uyapheka, uhlamba impahla okanye unyamekela abantwana. Ngaba kukho into ebeyikhangele—iphephandaba okanye into eyenzeka esitratweni? Ngaba zikho iimpawu zokuba uthanda ukuloba, imidlalo, umculo, ukukhenketha, iikhompyutha okanye enye into? Abantu badla ngokucinga ngoko basandul’ ukukuva kunomathotholo okanye abakubone kumabonwakude. Umbuzo okanye amagqabaza amafutshane nje ngaloo mibandela anokukhokelela kwincoko enobuhlobo.

Isihlandlo uYesu awayethetha ngaso nebhinqa elingumSamariya equleni elikufutshane neSikare singumzekelo obalaseleyo wendlela yokuqalisa incoko unenjongo yokunikela ubungqina.—Yoh. 4:5-26.

Kufuneka uyilungiselele kakuhle intshayelelo yakho, ngokukodwa ukuba ibandla lakho liyisebenza rhoqo intsimi yalo. Kungenjalo, usenokungakwazi ukunikela ubungqina.

Wenze Ucace Umxholo Wakho. Kwibandla lamaKristu, ngokuqhelekileyo usihlalo okanye isithethi esingaphambi kwakho kucwangciso siya kuwuchaza umxholo wentetho yakho size sikubize. Noko ke, kunokuba yingenelo ukuba uphinde ubakhumbuze umxholo wakho abaphulaphuli njengoko usenza intshayelelo. Unokufunda igama ngegama lomxholo wakho, kodwa ke akunyanzelekanga ukuba wenjenjalo. Enoba wenza njani na, umxholo ufanele uye uzicacela njengoko intetho iqhubeka. Ngandlel’ ithile intshayelelo yakho ifanele ijolise ingqalelo kumxholo wakho.

Xa wayethumela abafundi bakhe ukuba baye kushumayela, uYesu wasenza sacaca isigidimi awayefuna ukuba basidlulisele. “Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mat. 10:7) Ngokuphathelele umhla wethu, uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa.” (Mat. 24:14) Siyabongozwa ukuba ‘sishumayele ilizwi,’ ngamany’ amazwi, sinamathele kwiBhayibhile xa sinikela ubungqina. (2 Tim. 4:2) Noko ke, ngaphambi kokuba uvule iBhayibhile okanye utsalele ingqalelo kuBukumkani, kudla ngokufuneka ukuba uchaze into ethile exhalabisayo. Unokugqabaza ngolwaphulo-mthetho, ukuphela kwemisebenzi, ukungabikho kokusesikweni, imfazwe, indlela yokunceda abaselula, ukugula okanye ukufa. Kodwa ke musa ukuthetha ixesha elide ngezinto ezidakumbisayo; isigidimi sakho sifanele sakhe. Zabalazela ukwalathisela incoko kwiLizwi likaThixo nakwithemba loBukumkani.

Bonisa Isizathu Sokuba Loo Mxholo Ubalulekile Kubaphulaphuli Bakho. Ukuba uza kube unikela intetho ebandleni, unokuqiniseka ukuba ubukhulu becala abaphulaphuli bakho baya kube benomdla koko ukuxubushayo. Kodwa ngaba baya kuphulaphula ngendlela umntu aphulaphula ngayo xa efunda into emchaphazela ngokungqalileyo? Ngaba baya kuphulaphula kuba bebona ukuba le nto bayivayo iyayifanela imeko yabo ebomini yaye kuba wena uvuselela umnqweno wabo wokwenza okuthile ngaloo nto? Oko kuya kwenzeka kuphela ukuba ucingisisa ngenyameko ngabaphulaphuli bakho—iimeko zabo, izinto ezibaxhalabisayo, nezimo zengqondo abanazo—xa ulungiselela intetho yakho. Ukuba uye wenjenjalo, kwintshayelelo yakho fakela into ebonisa ukuba ukwenzile oko.

Enoba unikela intetho eqongeni okanye unikela ubungqina kumntu omnye, enye yeendlela eziphumelelayo zokwenza umxholo uvuse umdla kukubandakanya abaphulaphuli bakho. Bonisa indlela iingxaki zabo, iimfuno zabo okanye imibuzo esezingqondweni zabo enxibelelene ngayo nombandela owuxubushayo. Ukuba uyenza icace into yokuba akuyi kuwukha phezulu nje umbandela kodwa uza kungena kwingcombolo yombandela, baya kukuphulaphula nangakumbi. Ukuze wenze oko, umele ulungiselele kakuhle.

Indlela Owubeka Ngayo. Into oyithethayo kwintshayelelo yakho ibaluleke kakhulu, kodwa nendlela oyithetha ngayo inokuvuselela umdla. Ngenxa yoko, xa ulungiselela akumele ubandakanye oko uza kukuthetha kuphela kodwa umele ulungiselele nendlela yokukuthetha.

Ukukhetha amagama kubalulekile ukuze uphumeze injongo yakho, ngoko unokukufumanisa kuluncedo ukuzilungiselela ngenyameko izivakalisi ezibini okanye ezithathu zokuqala. Izivakalisi ezifutshane nezilula zidla ngokuba zezona zilungileyo. Xa uza kunikela intetho ebandleni, usenokuzibhala kumanqaku akho, okanye unokuzinkqaya ukuze amazwi otshayelela ngawo abe namandla afunekayo. Ukwenza intshayelelo ephumelelayo ungangxamanga kunokukunceda ukwazi ukufumana ukuzithemba okufunekayo ukuze unikele intetho yakho.

Ixesha Ofanele Uyilungiselele Ngalo. Izimvo zabantu ziyahluka xa kufikwa kulo mba. Ezinye izithethi ezinamava zivakalelwa kukuba xa ulungiselela intetho ufanele uqale ngentshayelelo. Ezinye ezikufundeleyo ukuthetha esidlangalaleni zivakalelwa kukuba intshayelelo ifanele ilungiselelwe emva kokuba kugqitywe umongo wentetho.

Ngokuqinisekileyo kufuneka uwazi umxholo wakho kunye neengongoma eziziintloko oceba ukuzakha ngaphambi kokuba ulungise iinkcukacha zentshayelelo efanelekileyo. Kodwa kuthekani ukuba intetho yakho uyilungiselela ngokusuka kulwandlalo olupapashiweyo? Emva kokufunda ulwandlalo, ukuba sele unayo engqondweni intshayelelo ofuna ukuyisebenzisa, ngokuqinisekileyo akukho nto iphosakeleyo ngokuyibhala phantsi. Ukhumbule kwakhona ukuba, ukuze intshayelelo yakho iphumelele, umele ucinge ngabaphulaphuli nangombandela okulwandlalo.

INDLELA YOKUKWENZA OKU

  • Cinga ngabaphulaphuli bakho—iimeko zabo, izinto ezibaxhalabisayo, izimo zengqondo zabo, oko sele bekwazi ngaloo mbandela.

  • Cinga ngento ephathelele umbandela wakho eya kubangel’ umdla neya kuba yingenelo ngokukhethekileyo kubo.

UQHELISELO: (1) Ngaphambi kokuba uye kubulungiseleli bendlu ngendlu, lungiselela intshayelelo engenayo kwisigidimi sakho nakwisiganeko esisandul’ ukwenzeka kwintsimi yenu. (2) Hlolisisa iziqendu zokuqala zamanqaku amahlanu okanye amathandathu eMboniselo noVukani! Zibuze ukuba yintoni eyenza intshayelelo nganye iphumelele.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share