IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ndingathetha Njani Nabazali Bam?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
    • Isahluko 1

      Ndingathetha Njani Nabazali Bam?

      “Ndiye ndazama izihlandlo eziliqela ukuchazela abazali bam indlela endivakalelwa ngayo kodwa andide ndikwazi—abandiniki thuba. Ndazama ngamandla ukuqweb’ isibindi sokuthetha nabo yaye andizange ndikwazi nje kwaphela!”—URosa.

      NGOXA wawusemncinane, kusenokwenzeka ukuba abantu bokuqala owawusiya kubo xa ufuna icebiso ngabazali bakho. Wawubaxelela yonk’ into. Ngokukhululekileyo wawubaxelela yonk’ into engaphakathi kuwe yaye uwathemba amacebiso abo.

      Kodwa ngoku usenokuvakalelwa kukuba abazali bakho abasadibani nawe ngengqondo. Enye intombazana egama linguEdie yathi: “Ngenye imini xa sasisitya isidlo sangokuhlwa, zasuka zazehlela iinyembezi, ndaza ndakhupha yonke imbilini yam. Baphulaphula bona abazali bam kodwa babengayiqondi indlela endivakalelwa ngayo.” Kwenzeka ntoni? “Ndaya egumbini lam ndaza ndagixa!”

      Kwelinye icala, unokukhetha ukungabaxeleli nto abazali bakho. Inkwenkwe egama linguChristopher ithi: “Zininzi izinto endibaxelela zona abazali bam. Kodwa andithandi ukuba bazi yonk’ into endiyicingayo.”

      Ngaba kuphosakele ukungazithethi ezinye izinto? Akunjalo—logama nje ungaqhathi mntu. (IMizekeliso 3:32) Sekunjalo, enoba abazali bakho abayiqondi indlela ovakalelwa ngayo okanye unezinto obafihlela zona, inye into omele uqiniseke ngayo: Umele uthethe nabo—nabo bamele bakuphulaphule.

      Qhubeka Uthetha Nabo!

      Ngandlel’ ithile ukuncokola nabazali bakho kufana nokuqhuba imoto. Ukuba ufika indlela ivaliwe akuncami, kodwa ukhangela enye. Cinga ngale mizekelo mibini.

      UMQOBO 1 Uyakufuna kona ukuthetha, kodwa kubonakala ngathi abazali bakho abakuphulaphuli. Enye intombazana egama linguLeah ithi: “Kunzima gqitha ukuthetha notata. Ndithi ndithetha naye athi, ‘uxolo, ubusithini kanene?’”

      UMBUZO: Kuthekani ukuba nyhani uLeah unengxaki afuna ukuthetha naye ngayo? Zintathu izinto anokuzenza.

      Ukhetho A

      Unokumkhwaza uyise. ULeah ukhwaza athi: “Jonga ibalulekile le nto! Phulaphula!”

      Ukhetho B

      Usenokuyeka ukuthetha noyise. ULeah usenokuyeka ukuthetha ngeengxaki zakhe.

      Ukhetho C

      Unokulinda kude kufike ixesha elifanelekileyo lokuphinda athethe naye. Kamva uLeah uthetha noyise ubuso ngobuso, okanye ambhalele ileta echaza ingxaki yakhe.

      Wena ucinga ukuba yiyiphi into amele ayikhethe uLeah kwezi zintathu? ․․․․․

      Makhe sihlolisise ukhetho ngalunye size sibone ukuba luya kuphumela entwenini.

      Uyise kaLeah uxinekile engqondweni—yaye akayiboni into ekhathaza intombi yakhe. Ukuba uLeah wenza Ukhetho A, uyise usenokungasiqondi isizathu sokukhala kwakhe. Mhlawumbi olu khetho belungayi kumenza anikele ingqalelo kwizinto azithethayo yaye oko bekuya kubonisa ukuba akamhloneli uyise. (Efese 6:2) Eneneni ke olu khetho alunakumnceda.

      Nangona kusenokuba lula ukwenza Ukhetho B, akunakuba bubulumko. Kutheni kunjalo nje? Kaloku “amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula.” (IMizekeliso 15:22) Ukuze azicombulule iingxaki zakhe, uLeah kufuneka ethethile noyise—yaye ukuba uza kumnceda, kuza kufuneka ekwazile oko kwenzeka ebomini bentombi yakhe. Ukuthula akuncedi nto.

      Kodwa ke, ngokwenza Ukhetho C, uLeah akavumeli nawuphi na umqobo ukuba umthintele. Kunoko, ukhetha ukuthetha nabo ngelinye ixesha. Yaye ukuba ukhetha ukubhalela uyise ileta, angakhawuleza abe bhetele. Kwakhona, ukubhala ileta kuza kumnceda abhale kanye loo nto ebefuna ukumxelela yona. Xa eyifunda le leta, utata kaLeah uya kukuva oko intombi yakhe ibifuna ukumxelela kona, aze ayiqonde kakuhle into eyikhathazayo. Ukhetho C luza kunceda uLeah noyise.

      Ziziphi ezinye izinto anokuzenza uLeah? Bhala into obunokuyenza kule migca ilandelayo. Uze ubhale nemiphumo.

      ․․․․․

      UMQOBO 2 Abazali bakho bayafuna ukuthetha nawe kodwa wena akunamdla. Intombazana egama linguSarah ithi: “Iyandikruqula into yokuthi ndidiniwe ndivela esikolweni ndibe ndibuzwa yonk’ into le. Ndifuna ukuzilibala izinto ezenzeke esikolweni kodwa ndithi ndifika nje, babe bebuza: ‘Belunjani usuku lwakho? Khange ube nazingxaki?’” Ayithandabuzeki into yokuba abazali bakaSarah babuza beneenjongo ezintle. Sekunjalo, uthi: “Kunzima ukuthetha ngesikolo xa ndidiniwe kwaye ndixinezelekile.”

      UMBUZO: Unokwenza ntoni uSarah kule meko? Njengokuba bekunjalo kumzekelo wokuqala, zintathu izinto anokuzenza.

      Ukhetho A

      Ukungavumi ukuthetha. USarah uthi: “Khanindiyekeni. Andifuni kuthetha ngoku!”

      Ukhetho B

      Unokuthetha ngokukhululekileyo. Nakuba exinezelekile, uSarah usenokuyiphendula ekrikriza imibuzo yabazali bakhe.

      Ukhetho C

      Usenokubeka elinye ixesha lokuthetha “ngesikolo” aze aqhubeke encokola ngenye into. USarah ucela ukuthetha nabo ngesikolo ngelinye ixesha, xa sele ipholile ingqondo yakhe. Ngoko, enomdla onyanisekileyo unokuthi kubo: “Khanikhe nindibalisele ngolwenu usuku. Luhambe njani?”

      Wena ucinga ukuba uSarah umele akhethe yiphi kwezi zinto zintathu? ․․․․․

      Masikhe siphinde sihlole ukhetho ngalunye size sibone ukuba beluya kuba nawuphi umphumo.

      USarah ukhathazekile yaye akafuni ukuthetha. Ukuba wenza Ukhetho A uza kuhlala ekhathazekile, kodwa uza kuba nesazela sokuba eye wakrwada kubazali bakhe.—IMizekeliso 29:11.

      Kwangaxeshanye, iya kubakhathaza abazali bakaSarah into yokuba abe krwada ngolo hlobo. Basenokukrokrela ukuba kukho into abafihlela yona. Basenokuzama ukumenza athethe, kodwa oko kuya kumkhathaza nangakumbi. Ekugqibeleni ukulandela olu khetho akuncedi nganto.

      Lizicacele elokuba ukwenza Ukhetho B, kubhetele kunokwenza ukhetho A. Ngapha koko, uSarah nabazali bakhe baza kuqhubeka bencokola. Kodwa ngenxa yokuba beza kube bencokola nje, uSarah nabazali bakhe bebengayi kuncokola ngokukhululekileyo.

      Kodwa ke, ukwenza Ukhetho C, bekuya kumnceda uSarah ngenxa yokuba, okwangoku abazali bakhe bebengazi kuthetha nto “ngesikolo.” Abazali bakhe bebeya kukuvuyela ukuzama kwakhe ukuncokola nabo. Olu lolona khetho lunokuphumelela ngenxa yokuba omabini amacala eye asebenzisa umgaqo ofumaneka kweyabaseFilipi 2:4 othi: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”

      Zama Ukuthetha Ngendlela Ecacileyo

      Khumbula ukuba izinto ozithethayo zisenokungafani nento abazali bakho abacinga ukuba uyayithetha. Ngokomzekelo, basenokukubuza isizathu sokuba ungatyhilekanga. Uphendula ngelithi, “Andifuni kuthetha.” Kodwa eyona nto bayivayo abazali bakho yile: “Andinakuzityand’ igila kuni kuba andinithembanga. Andinakuthetha nani ngale nto, kunoko ndiza kuyixelela abahlobo bam.” Zama ukuzalisa le migca ilandelayo. Masithi unengxaki ethile yaye umzali wakho ufuna ukukunceda.

      Ukuba uthi: “Ningakhathazeki. Ndiza kuyilungisa.”

      Abazali bakho banokuva ngathi uthi: ․․․․․

      Eyona ndlela ibhetele ubunokubaphendula ngayo yile: ․․․․․

      Nantsi eyona nto umele uyikhumbule. Wakhethe kakuhle amagama owasebenzisayo. Wathethe ngendlela ehloniphekileyo. (Kolose 4:6) Abazali bakho bajonge njengabahlobo, kungekhona iintshaba. Inyaniso yeyokuba, uyabafuna abahlobo xa usengxakini.

      KWISAHLUKO ESILANDELAYO

      Kuthekani ukuba akunangxaki yokuthetha nabazali bakho—kodwa xa nithetha, nisoloko nixambulisana

      IZIBHALO EZIBALASELISA

      “Ndithetha ngokuphum’ entliziyweni nangokunyanisekileyo.”—Yobhi 33:3, The Holy Bible in the Language of Today, nguWilliam Beck.

      ICEBISO

      Ukuba kunzima ukuhlala phantsi uze uthethe nabazali bakho ngengxaki onayo, thetha ngayo ngoxa nihamba ngeenyawo, nisemotweni okanye nisezivenkileni.

      NGABA UBUSAZI . . . ?

      Kanye njengokuba kukho izinto ekunzima ukuthetha nabazali bakho ngazo, nabo basenokungakhululeki yaye bazive bengafanelekanga ukuthetha nawe ngazo.

      OKO NDICEBA UKUKWENZA!

      Xa ndiphinda ndingafuni ukuthetha nabazali bam ndiza ․․․․․

      Ukuba umzali wam uyandinyanzela ukuba ndithethe ngento endimadolw’ anzima ukuthetha ngayo, ndiza kuthi ․․․․․

      Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

      UCINGA NTONI?

      ● Kubaluleke kangakanani ukukhetha ixesha elifanelekileyo lokuthetha?—IMizekeliso 25:11.

      ● Kutheni kunokuba luncedo ukuthetha nabazali bakho?—Yobhi 12:12.

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 10]

      “Akusoloko kulula ukuthetha nabazali bakho, kodwa xa uye wakhululeka wathetha nabo, kutsho kuthi xibilili, uphole nasengqondweni.”—UDevenye

      [Umfanekiso okwiphepha 8]

      Kanye njengokuba ungenakuvumela nawuphi na umqobo osendleleni yakho ukuthintele, unokuyifumana indlela yokuncokola nabazali bakho!

  • Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
    • Isahluko 2

      Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?

      Ekuqaleni kwesi sahluko, uRachel ubangela ingxabano ngeendlela ezintathu. Ngaba uyazibona ezi ndlela? Bhala iimpendulo zakho apha ngezantsi, uze ukhangele ezo zikwibhokisi ethi “Iimpendulo” ekwiphepha 20.

      ․․․․․

      Kusebusuku ngoLwesithathu. URachel oneminyaka eli-17 ubudala sele egqibile ukwenza imisetyenzana yasekhaya yaye ufuna ukuphumla! Uvula umabonwakude, aze aziphose kwesona situlo asithandayo.

      Kusenjalo, kungena unina engatyhilekanga kwaphela. “Rachel! Kutheni uchitha ixesha ubukele umabonwakude kodwa ubumele ukuba uncedisa udadewenu ngomsebenzi wesikolo? Soze ukhe wenze le nto uyixelelwayo wena!”

      “Uyawathetha kwakhona,” uRachel umbombozela ekhwaza.

      Unina uyasondela. “Uthi kutheni?”

      Ekruqukile uRachel uthi: “Khange ndithethe nto mna.”

      Ngoku sele evutha ngumsindo unina uthi: “Ungakh’ ulinge uthethe nam ngolo hlobo!”

      “Wena, uthetha njani nam?” uRachel uphendula ngelitshoyo.

      Ixesha lokuphumla liphelile . . . kuqala enye impikiswano.

      NGABA uqhelene noko kwenzeka apha ngasentla? Ngaba usoloko uphikisana nabazali bakho? Ukuba kunjalo, khawuziphe ithuba lokuyihlolisisa le meko. Ziintoni ezona zinto zidla ngokunixabanisa? Faka olu phawu ✔ kwibhokisi ethetha ngemeko yakho okanye uzibhalele enye into engachazwanga apha kwibhokisi ethi “Enye into.”

      □ Isimilo

      □ Imisebenzi yasekhaya

      □ Isinxibo

      □ Ixesha lokubuya

      □ Ukuzonwabisa

      □ Abahlobo

      □ Abantu besini esahlukileyo

      □ Enye into ․․․․․

      Enoba nixambulisana ngantoni na, wena nabazali bakho nisala nikhathazekile. Kambe ke, usenokuzithulela uze wenze ngathi uyavumelana nayo yonke into abayithethayo. Kodwa ngaba uThixo ufuna ukuba wenjenjalo? Akunjalo. Eneneni iBhayibhile ithi umele ‘ubeke uyihlo nonyoko.’ (Efese 6:2, 3) Kodwa ikwakhuthaza ukuba uhlakulele ‘amandla okucinga’ uze usebenzise ‘amandla akho engqiqo.’ (IMizekeliso 1:1-4; Roma 12:1) Xa usenjenjalo, uya kucinga ngendlela engafaniyo kwaphela neyabazali bakho. Kodwa ke, kwiintsapho ezisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, abazali banokuncokola kakuhle nabantwana babo—enoba abavumelani ngezinto ezithile.—Kolose 3:13.

      Unokuyichaza njani indlela ovakalelwa ngayo ningakhange nixambulisane? Kulula ukuthi: “Loo nto ke ixhomekeke kubazali bam. Ngapha koko ngabo abasoloko besemva kwam!” Kodwa khawukhe ucinge: Ngaba unokukwazi ukubatshintsha abanye abantu, kuquka abazali bakho? Eneneni oyena mntu unokumtshintsha nguwe. Yaye iindaba ezimnandi zezi, ukuba wenza unako-nako wokugcina umoya omhle phakathi kwakho nabazali bakho, bona basenokuhlala bezolile baze bakuphulaphule xa unento ofuna ukuyithetha.

      Ngoko ke, makhe sibone oko wena unokukwenza ukuze uphelise ukuxambulisana. Sebenzisa la macebiso alandelayo yaye unokubothusa abazali bakho—nawe—ngendlela othetha ngayo.

      ● Cinga phambi kokuba uphendule. Musa ukuthetha nantoni na efike kuqala xa ucinga ukuba uyangxoliswa. Ngokomzekelo, mhlawumbi umama wakho uthi: “Kutheni ungazihlambanga izitya? Soz’ ukhe wenze le nto uyixelelwayo wena!” Impendulo engacingisiswanga inokuba yile, “Kutheni usoloko undichukela?” Kodwa sebenzisa amandla akho okucinga. Zama ukusicingela isizathu sokuba umama wakho athethe la mazwi. Ngokuqhelekileyo amabinzana afana nathi “usoloko” nelithi “soze” akamele athatyathwe ngokoqobo. Kunoko, abonisa indlela avakalelwa ngayo umntu. Inokuba yiyiphi loo ndlela?

      Mhlawumbi umama wakho ukhathazekile yaye uvakalelwa kukuba umsebenzi awenzayo ekhaya ungaphezu kwamandla akhe. Kusenokwenzeka ukuba eyona nto ayifunayo yinkxaso. Ukuba kunjalo, ukuthi, “Kutheni usoloko undichukela?” akuyi kukunceda nganto—kunoko kunokuvusa ingxabano! Kunoko thetha ngembeko nomama wakho. Ngokomzekelo, unokuthi: “Ndicel’ uxolo Mama ngokukukhathaza. Ndiza kuzihlamba ngoku izitya.” Sekunjalo, lumkela ukuwathetha ngempoxo la mazwi. Xa ubonisa ukuba uyavelana naye, uya kwehla aze akuxelele eyona nto imkhathazayo.a

      Ngezantsi, bhala into enokuthethwa ngutata okanye ngumama wakho enokukucaphukisa, ukuba uyayivumela.

      ․․․․․

      Ngoku cinga ngempendulo ebonisa ukuba uyavelana naye nokuba uyasiqonda isizathu sokuba athethe ngolo hlobo.

      ․․․․․

      ● Thetha ngentlonelo. UMichelle uye wafunda ukubaluleka kwendlela athetha ngayo nonina. Uthi: “Enoba yintoni ingxaki, eyona nto angayithandiyo uMama yindlela endithetha ngayo.” Ukuba nawe udla ngokwenza loo nto, funda ukuthetha kakuhle, uze ungenzi nantoni na ebonisa ukuba ukruqukile. (IMizekeliso 30:17) Ukuba uyeva ukuba uchwechwelwa ngumsindo yenza umthandazo omfutshane ngaphakathi. (Nehemiya 2:4) Eneneni, eyona njongo asikokucela kuThixo ukuba abazali bakho ‘bayeke ukukukruqula’ kodwa ufuna ukuba ukwazi ukuzibamba ukuze ungaphemb’ umlilo.—Yakobi 1:26.

      Kwisikhewu esingezantsi bhala amazwi okanye izimbo zomzimba ofanele uziphephe.

      Izinto ozithethayo:

      ․․․․․

      Izimbo zomzimba nembonakalo yobuso:

      ․․․․․

      ● Phulaphula. IBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.” (IMizekeliso 10:19) Ngoko qiniseka ukuba abazali bakho ubanika ithuba elaneleyo lokuthetha uze ubaphulaphule kakuhle xa bethetha. Musa ukubaphazamisa kuba ufuna ukuzithethelela. Phulaphula nje wena. Kuya kuthi ke emva kokuba begqibile ukuthetha, ufumane ithuba elaneleyo lokubuza okanye uchaze eyakho imbono. Kwelinye icala, ukuba unenkani uze unyanzelise eyakho imbono, unokuzenza mbi izinto. Enoba unezinto ezininzi kangakanani na onokuzithetha, mhlawumbi ngoku ‘lixesha lokuthi cwaka.’—INtshumayeli 3:7.

      ● Kulungele ukucela uxolo. Kusoloko kukuhle ukuthi “Ndicela uxolo” ngayo nantoni na oyenzileyo ebangele ukuba ningavisisani. (Roma 14:19) Usenokucela uxolo nangenxa yokuba kukho ukungavisisani. Ukuba kunzima ukwenza oku nijongene, zama ukubhala ileta. Emva koko ‘hamba enye imayile’ ngokutshintsha nantoni na obuyenzile ebangele ukuba ningavisisani. (Mateyu 5:41) Ngokomzekelo, ukuba niye naxambulisana ngenxa yokuba ungayenzanga imisetyenzana yasekhaya, kutheni ungasuke uyenze? Nokuba akuthandi ukuwenza loo msebenzi, ngaba bekungayi kuba bhetele ukuwenza kunokuba ubone oko kuza kwenzeka xa ungawenzanga? (Mateyu 21:28-31) Cinga ngoko uya kukuzuza ngendima oyenzileyo yokuphelisa ukungavisisani kwakho nabazali bakho.

      Iintsapho eziphumelelayo zikhe zixabane kodwa ziyayazi indlela yokucombulula oko ngomoya ozolileyo. Qhelisela amacebiso aboniswe kweli nqaku yaye uya kufumanisa ukuba unokuncokola ngayo nantoni na nabazali bakho—ngaphandle kokuxambulisana!

      KWISAHLUKO ESILANDELAYO

      Ngaba uvakalelwa kukuba abazali bakho bamele bakunike inkululeko engakumbi? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza?

      [Umbhalo osemazantsi]

      a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 21.

      IZIBHALO EZIBALASELISA

      “Abantu abalungileyo bayacinga ngaphambi kokuba baphendule.”—IMizekeliso 15:28, Today’s English Version.

      ICEBISO

      Xa abazali bethetha nawe, wucime umculo, uyibeke ecaleni incwadi okanye iphephancwadi oliphetheyo uze ubajonge.

      NGABA UBUSAZI . . . ?

      Ukusebenzela ukucombulula okanye ukuyiphepha ingxabano kubangela ukuba izinto zibe lula. Eneneni, iBhayibhile ithi umntu “onobubele bothando uqhubana ngokunomvuzo nomphefumlo wakhe.”—IMizekeliso 11:17.

      OKO NDICEBA UKUKWENZA!

      Elona cebiso kufuneka ndisebenzele kulo kwesi sahluko leli ․․․․․

      Ndizimisele ukuqala ukulisebenzisa (bhala umhla) ․․․․․

      Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

      UCINGA NTONI?

      ● Kutheni iintanga zakho ziqhayisa ngokwazi ukubaphikisa abanye abantu?

      ● Kutheni uYehova uThixo esithi umntu osoloko ephikisa abanye sisidenge?—IMizekeliso 20:3.

      ● Uya kuzuza ntoni xa uzinciphisa izinto enixabana ngazo nabazali bakho?

      [Amagama acatshulweyo akwiphepha 18]

      “Maxa wambi umama uyandanga aze acele uxolo, yaye ndiyakuthanda oko. Emva koko siyayilibala yonke loo nto ibiyenzekile. Nam ndizama ukwenza okufanayo. Kuyanceda ukuzilibala ukuba ndingubani ndize ndicele uxolo ngokunyanisekileyo, nangona oko kungelula.”—ULauren

      [Ibhokisi ekwiphepha 20]

      Iimpendulo

      1. Ukuphoxisa (“Uyawathetha kwakhona”) kumcaphukise nangakumbi uMama.

      2. Imbonakalo yobuso bukaRachel ebonisa ukukruquka iyayiphembelela ingxabano.

      3. Ukuphendula kakubi (“Wena, uthetha njani nam?”) kwenza izinto zibe mbi ngakumbi.

      [Umfanekiso okwiphepha 19]

      Ukuxambulisana nomzali kufana nokuxhentsa ndaweni nye—uphelelwa ngamandla ube ungayi ndawo

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share