-
Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
-
-
ISIFUNDO 1
Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?
EDenmar
ETaiwan
EVenezuela
EIndiya
Mangaphi amaNgqina kaYehova owaziyo? Mhlawumbi abanye bethu ngabamelwane bakho yaye abanye usebenza okanye ufunda nabo. Kusenokwenzeka nokuba sikhe saxubusha iBhayibhile kunye nawe. Singoobani kanye kanye, yaye kutheni sishumayeza bonke abantu?
Singabantu abaqhelekileyo. Sikhule ngeendlela ezahlukahlukeneyo yaye neemeko zethu zasekuhlaleni azifani. Abanye bethu yayingabantu abahamba icawa, ngoxa abanye babengakholelwa kuThixo. Sekunjalo, ngaphambi kokuba sibe ngamaNgqina, siye sazipha ixesha lokuzihlolisisa kakuhle iimfundiso zeBhayibhile. (IZenzo 17:11) Siye sakukholelwa oko sikufundileyo, saza sazikhethela ukunqula uYehova uThixo.
Siyangenelwa ekufundisiseni iBhayibhile. Njengabo bonk’ abantu, sijongene neengxaki nobuthathaka bethu. Ngokuzama ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, ubomi bethu buye baphucuka. (INdumiso 128:1, 2) Esi sesinye sezizathu ezibangela ukuba sixelele abanye ngezinto ezilungileyo esizifunde eBhayibhileni.
Siphila ngemilinganiselo yobuthixo. Le migaqo yeBhayibhile isinceda sonwabe, sihlonele abanye size sihlakulele iimpawu ezinjengokunyaniseka nobubele. Inegalelo ekwakheni abantu abaphilileyo nabasebenza nzima, kwaye ikhuthaza umanyano lwentsapho nokuziphatha okucocekileyo. Ekubeni siqinisekile ukuba “uThixo akakhethi buso,” njengabazalwana abasehlabathini lonke simanyene, nakuba siziintlanga ezahlukahlukeneyo. Nangona singabantu abaqhelekileyo, alikho iqela elifana neli lethu.—IZenzo 4:13; 10:34, 35.
Yintoni afana ngayo amaNgqina kaYehova nabanye abantu?
Yiyiphi imilinganiselo amaNgqina aye ayifunda eBhayibhileni?
-
-
Kutheni Sibizwa Ngokuba SingamaNgqina KaYehova?Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
-
-
ISIFUNDO 2
Kutheni Sibizwa Ngokuba SingamaNgqina KaYehova?
UNowa
UAbraham noSara
UMoses
UYesu Kristu
Abantu abaninzi bacinga ukuba amaNgqina kaYehova yicawa entsha. Noko ke, kwiminyaka engaphezu kwengama-2 700 eyadlulayo, abakhonzi bokuphela koThixo oyinyaniso babebizwa ngokuba ‘ngamangqina’ akhe. (Isaya 43:10-12) Besisoloko sisaziwa njengaBafundi beBhayibhile de kwangowe-1931. Kwakutheni ukuze sisebenzise igama elithi amaNgqina kaYehova?
Limchaza kakuhle uThixo wethu. Ngokutsho kwemibhalo-ngqangi yamandulo, igama likaThixo, elinguYehova, livela izihlandlo ezingamawaka-waka eBhayibhileni. Kwiinguqulelo ezininzi eli gama liye lathatyathelw’ indawo zizibizo ezifana nezithi Nkosi okanye Thixo. UThixo oyinyaniso wazazisa kuMoses ngegama lakhe lobuqu, elinguYehova, esithi: “Lilo elo igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.” (Eksodus 3:15) Ngaloo ndlela wayebonakalisa ukuba wahlukile kubo bonke oothixo bobuxoki. Siyazidla ngokuba ngabathwali beli gama lingcwele likaThixo.
Lichaza umsebenzi esiwenzayo. Abantu abaninzi bakudala, ukususela kwindoda elilungisa uAbheli, bavakalisa ekuhleni ngokholo lwabo kuYehova. Ukutyhubela iinkulungwane, uNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uDavide kunye nabanye, bathelela ‘ilifu elikhulu lamangqina.’ (Hebhere 11:4–12:1) Kanye njengomntu othethelela umntu omsulwa enkundleni yamatyala, nathi sizimisele ukuxelela abanye inyaniso ngoThixo.
Sixelisa uYesu. Xa ithetha ngaye iBhayibhile ithi ‘ulingqina elithembekileyo neliyinyaniso.’ (ISityhilelo 3:14) UYesu walitsho ngokwakhe elokuba ‘walibonakalisa igama likaThixo’ waza ‘wayingqinela inyaniso’ ngoThixo. (Yohane 17:26; 18:37) Abalandeli bokwenene bakaKristu bamele balithwale igama likaYehova baze balazise kwabanye. Yiloo nto kanye amaNgqina kaYehova azimisele ukuyenza.
Kwakutheni ukuze aBafundi beBhayibhile basebenzise igama elithi amaNgqina kaYehova?
UYehova unexesha elingakanani enamangqina emhlabeni?
Ngubani elona Ngqina libalaseleyo likaYehova?
-
-
Yaziwa Njani Inyaniso YeBhayibhile?Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
-
-
ISIFUNDO 3
Yaziwa Njani Inyaniso YeBhayibhile?
ABafundi beBhayibhile, ngeye-1870
IMboniselo yokuqala, ngowe-1879
IMboniselo namhlanje
IBhayibhile yaprofeta yathi emva kokufa kukaKristu, phakathi kwamaKristu okuqala kwakuya kuvela abafundisi bobuxoki, kwaye babeya kuyingxenga imfundiso eyinyaniso yeBhayibhile. (IZenzo 20:29, 30) Ekuhambeni kwexesha kwenzeka kanye loo nto. Baxuba iimfundiso zikaYesu nezobuhedeni, aqalisa ukuvela amaKristu obuxoki. (2 Timoti 4:3, 4) Sinokuqiniseka njani ukuba namhlanje sikuqonda ngokwenene oko kufundiswa yiBhayibhile?
Kwafika ixesha lokuba uYehova ayityhile inyaniso. Waprofeta wathi, ‘ngexesha lesiphelo ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.’ (Daniyeli 12:4) Ngowe-1870, iqaqobana labantu ababefuna inyaniso laqonda ukuba iicawa ezininzi zifundisa izinto ezingekhoyo eZibhalweni. Ngoko ke, laqalisa ukufuna ukwazi ezona mfundiso zeBhayibhile, waza uYehova walinceda lazazi kakuhle izibhalo.
Amadoda anyanisekileyo ayifundisisa ngenyameko iBhayibhile. Abo Bafundi beBhayibhile banyanisekileyo baqalisa indlela yokufundisisa esiyisebenzisayo nanamhlanje. Baxubusha imfundiso yeBhayibhile nganye. Xa kukho umbandela weBhayibhile abangawuqondiyo, babekhangela ezinye iindinyana eziwucacisayo. Xa befikelela kwisigqibo esivisisana nazo zonke iZibhalo, babesibhala phantsi. Ngenxa yokuvumela ingcaciso yeBhayibhile, bafumana inyaniso ngegama likaThixo noBukumkani, injongo yakhe ngoluntu nomhlaba, imeko yabafi kunye nethemba lovuko. Uphando abalwenzayo lwabakhulula kwiimfundiso nezenzo ezininzi zobuxoki.—Yohane 8:31, 32.
Ngowe-1879 aBafundi beBhayibhile baqonda ukuba lifikile ixesha lokwazisa bonke abantu inyaniso. Ngaloo nyaka baqalisa ukuprinta iphephancwadi elisahanjiswayo nanamhlanje, IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Sithethanje sixelela abantu abakumazwe angama-240 abathetha iilwimi ezingaphezu kwama-750 ngenyaniso yeBhayibhile. Ulwazi lokwenyaniso luye lwasasazeka ngakumbi kunangaphambili!
Yintoni eyenzeka kwinyaniso yeBhayibhile emva kokufa kukaKristu?
Yintoni eye yasinceda sayifumana inyaniso yeLizwi likaThixo?
-
-
Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
-
-
ISIFUNDO 4
Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?
Congo (Kinshasa)
ERwanda
Isiqwenga senguqulelo kaSymmachus esinegama likaThixo kwiNdumiso 69:31, ngenkulungwane yesithathu okanye eyesine yexesha eliqhelekileyo
Kangangeminyaka, amaNgqina kaYehova ebesebenzisa, eprinta yaye ehambisa iinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile. Kodwa sabona ukuba kufuneka sivelise inguqulelo entsha eza kunceda abantu bafumane ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,’ nto leyo uThixo afuna wonke umntu ayifumane. (1 Timoti 2:3, 4) Ngaloo ndlela, ngowe-1950 saqalisa ukuvelisa iinxalenye ezithile zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, iBhayibhile esebenzisa ulwimi oluthethwayo namhlanje. Iye yaguqulelwa ngokuchanileyo kwiilwimi ezingaphezu kwe-130.
Kwakufuneka iBhayibhile ekulula ukuyiqonda. Ulwimi luyatshintsha yaye iinguqulelo ezininzi zinamagama angaziwayo nawayesetyenziswa kudala ekunzima ukuwaqonda. Kwakhona, kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi yamandulo esondeleyo kuleyo yeelwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile, nto leyo eye yabangela ukuba kube lula ukuqonda isiHebhere, isiAramiki nesiGrike eyabhalwa ngaso iBhayibhile.
Kwakufuneka inguqulelo enamathela elizwini likaThixo. Kunokuba batshintshe imibhalo ephefumlelwe nguThixo, abaguquleli bamele banamathele kuleyo yolwimi eyabhalwa ngalo. Sekunjalo, kwiinguqulelo ezininzi, igama likaThixo, uYehova, alisetyenziswa kwiZibhalo Ezingcwele.
Kwakufuneka iBhayibhile ezukisa uMbhali wayo. (2 Samuweli 23:2) Njengoko kubonisiwe kumzekelo ongezantsi, kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, igama elithi Yehova liye labuyiselwa kwiindawo elivela kuzo izihlandlo ezingama-7 000 kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile. (INdumiso 83:18) Ngenxa yophando olwenziwe iminyaka emininzi, le Bhayibhile ifundeka kamnandi njengoko ibonisa indlela acinga ngayo uThixo. Enoba uneNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwakho okanye akunayo, siyakukhuthaza ukuba ufundisise iLizwi likaYehova yonke imihla.—Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2, 3.
Kwakutheni ukuze sigqibe kwelokuba kufuneka inguqulelo entsha yeBhayibhile?
Yintoni ekufuneka ayenze yonke imihla umntu ofuna ukufunda oko kuthandwa nguThixo?
-