IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yintoni Onokuyilindela Kwiintlanganiso Zethu?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 5

      Yintoni Onokuyilindela Kwiintlanganiso Zethu?

      AmaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani eArgentina

      EArgentina

      Intlanganiso yamaNgqina kaYehova eSierra Leone

      ESierra Leone

      Intlanganiso yamaNgqina kaYehova eBelgium

      EBelgium

      Intlanganiso yamaNgqina kaYehova eMalaysia

      EMalaysia

      Abantu abaninzi baye bayeka ukuhamba icawa ngenxa yokuba abazifumani iimpendulo kweyona mibuzo ibalulekileyo abanayo okanye intuthuzelo. Ngoko ke, kutheni ufanele uye kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova? Yintoni oza kuyifumana apho?

      Uvuyo lokuba kunye nabantu abanothando. Ngenkulungwane yokuqala, kwasekwa amabandla apho amaKristu ayeza kunqula uThixo, afunde iZibhalo aze akhuthazane. (Hebhere 10:24, 25) Apho ayeziva ekhululekile kunye nabahlobo bokwenene—abazalwana bawo abangamaKristu. (2 Tesalonika 1:3; 3 Yohane 14) Silandela loo mzekelo wawo yaye nathi siyavuya.

      Ingenelo yokufunda indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Njengokuba kwakunjalo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, amadoda, abafazi kunye nabantwana bahlanganisana ndawonye. Abafundisi abafanelekayo basebenzisa iBhayibhile ukuze basincede siqonde indlela esinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yayo ebomini bethu. (Duteronomi 31:12; Nehemiya 8:8) Wonk’ umntu unokuba negalelo kwiingxubusho ezenziwa nabaphulaphuli nasekuculeni, ebonisa ithemba esinalo njengamaKristu.—Hebhere 10:23.

      Ukholo lwakho kuThixo luza komelezwa. Umpostile uPawulos waxelela elinye ibandla oku: “Kuba ndilangazelela ukunibona, . . . ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam.” (Roma 1:11, 12) Xa sikunye namanye amaKristu kwiintlanganiso ukholo lwethu luyomelela size sizimisele ngakumbi ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile.

      Kutheni ungakhe uziphe ixesha uye kuzibonela oku kwiintlanganiso zethu? Uya kwamkelwa ngobubele. Kungenwa simahla—akukho nkongozelo.

      • Nguwuphi umzekelo esiwuxelisayo kwiintlanganiso zebandla?

      • Singenelwa njani ngokuya kwiintlanganiso zamaKristu?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Ukuba ufuna ukubona iHolo yoBukumkani okufutshane kuyo ngaphambi kokuba uye kwiintlanganiso zethu, cela elinye iNgqina likaYehova likubonise.

  • Kunaziphi Iingenelo Ukunxulumana Namanye AmaKristu?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 6

      Kunaziphi Iingenelo Ukunxulumana Namanye AmaKristu?

      AmaNgqina kaYehova ayanxulumana

      EMadagascar

      Elinye iNgqina likaYehova linceda umzalwana walo

      ENorway

      Abadala abangamaKristu batyelele udade

      ELebanon

      AmaNgqina kaYehova anxulumana kunye

      EItali

      Enoba kuza kufuneka sihambe kumahlathi ashinyeneyo okanye kwimozulu embi, sisoloko sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Kutheni amaNgqina kaYehova esenza umgudu ongako wokuhlanganisana namanye amaKristu ngaphezu nje kweenzima zobomi nokudinwa?

      Kuyasinceda. Ethetha ngabo sihlanganisana nabo ebandleni, umpostile uPawulos wabhala wathi, “Masinyamekelane.” (Hebhere 10:24) Eli binzana lithetha “ukucinga nzulu ngomntu,” oko kukuthi, ukwazana. Ngoko amazwi alo mpostile asikhuthaza ukuba sibaxhalabele abanye. Xa sizazi kakuhle ezinye iintsapho zamaKristu, sifunda ukuba abanye kuzo baye boyisa imiqobo efana neyethu yaye banokusinceda nathi senjenjalo.

      Kwakha ubuhlobo obungapheliyo. Kwiintlanganiso zethu sihlanganisana kungekhona njengabantu nje abazanayo, kodwa njengeqela labahlobo abasondeleleneyo. Ngezinye izihlandlo, sizonwabisa kunye. Lunceda entwenini unxulumano olunjalo? Sihloniphana ngakumbi yaye oko kusenza sithandane ngakumbi. Ngoko xa abazalwana noodade wethu beneengxaki, siyakwazi ukubanceda kuba sele bengabahlobo bethu bokwenene. (IMizekeliso 17:17) Xa sinxulumana nabo bonke abantu bebandla, sibonisa ukuba ‘siyanyamekelana.’—1 Korinte 12:25, 26.

      Sikukhuthaza ukuba uzikhethele abahlobo abenza ukuthanda kukaThixo. Abahlobo abanjalo bafumaneka kumaNgqina kaYehova. Ungavumeli nantoni na ikuyekise ukunxulumana nathi.

      • Kutheni kuyingenelo ukunxulumana ezintlanganisweni?

      • Uya kuza nini kwiintlanganiso zethu ukuze uqhelane namanye amaNgqina?

  • Zinjani Iintlanganiso Zethu?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 7

      Zinjani Iintlanganiso Zethu?

      Intlanganiso yamaNgqina kaYehova eNew Zealand

      ENew Zealand

      Intlanganiso yamaNgqina kaYehova eJapan

      EJapan

      Umfana oliNgqina ufunda iBhayibhile eUganda

      EUganda

      AmaNgqina amabini enza umboniso weBhayibhile eLithuania

      ELithuania

      Kwiintlanganiso zamaKristu enkulungwane yokuqala kwakuculwa, kuthandazwa, kufundwa kuze kuxutyushwe iZibhalo,—akwenziwa zithethe. (1 Korinte 14:26) Unokulindela into enjalo nakwiintlanganiso zethu.

      Zifundisa izinto eziseBhayibhileni nezisebenzisekayo. Mpela-veki nganye, ibandla liphulaphula intetho yesidlangalala yemizuzu engama-30 ebonisa indlela esimele sizisebenzise ngayo iZibhalo ebomini bethu nakumaxesha esiphila kuwo. Sonke sikhuthazwa ukuba sityhile iiBhayibhile zethu. Emva koko, kubakho iSifundo se-“Mboniselo” apho kufundwa inqaku elikuhlelo lokufundisa kangangeyure baze abantu abasebandleni bagqabaze. Le ngxubusho iyasinceda sikwazi ukusebenzisa ulwalathiso lweBhayibhile ebomini bethu. Kufundwa inqaku elifanayo kumabandla angaphezu kwali-100 000 asehlabathini lonke.

      Zisinceda siphucule ubuchule bethu bokufundisa. Siphinda siye kwiintlanganiso eziba ngorhatya phakathi evekini ukuze siphulaphule ucwangciso oluneenxalenye ezintathu olunomxholo othi Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, okwincwadi ethi Incwadi Yeentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Inxalenye yokuqala ethi Ubutyebi Obuphuma ELizwini LikaThixo, isinceda siqhelane neenxalenye zeBhayibhile ezifundwe libandla ngaphambi kweentlanganiso. Emva koko yinxalenye ethi Yikhuthalele Intsimi, apho kubakho imiboniso yendlela yokuncokola ngeBhayibhile nabanye abantu. Usihlalo uphawula aze athethe ngezinto ezinokusinceda siphucule indlela esifunda nesithetha ngayo. (1 Timoti 4:13) Inxalenye yokugqibela ethi Indlela Yokuphila YamaKristu, isibonisa indlela esinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bethu bemihla ngemihla. Kubakho nengxubusho yemibuzo neempendulo esenza siyiqonde ngakumbi iBhayibhile.

      Xa usezintlanganisweni zethu, ngokuqinisekileyo uya kuyithanda indlela efundiswa ngayo iBhayibhile.—Isaya 54:13.

      • Yintoni onokuyilindela kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova?

      • Ungathanda ukuya kweziphi iintlanganiso zethu eziqhutywa veki nganye?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Hlolisisa umbandela oza kuxutyushwa kwiintlanganiso ezizayo. Zigcine izinto ozifunda eBhayibhileni ukuze uzisebenzise ebomini bakho.

  • Kutheni Sinxiba Kakuhle Xa Sisiya Ezintlanganisweni?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 8

      Kutheni Sinxiba Kakuhle Xa Sisiya Ezintlanganisweni?

      Utata nonyana banxibele ukuya kwiintlanganiso zebandla

      EIceland

      Umama nentombi yakhe balungiselela ukuya kwiintlanganiso zebandla

      EMexico

      AmaNgqina kaYehova anxibe kakuhle eGuinea-Bissau

      EGuinea-Bissau

      Intsapho kwiiPhilippines iya kwiintlanganiso

      KwiiPhilippines

      Ngaba ukhe wayibona indlela amaNgqina kaYehova anxiba kakuhle ngayo xa esiya kwiintlanganiso zawo kule ncwadana inemifanekiso? Kutheni siyilumkela kangaka indlela esinxiba nesizilungisa ngayo?

      Sihlonela uThixo wethu. Liyinyaniso lona elokuba uThixo akajongi imbonakalo yangaphandle. (1 Samuweli 16:7) Sekunjalo, xa sihlanganisene ukuze simnqule, sifuna ukubonakalisa intlonelo kuye nakwabo sinqula nabo. Ukuba besiza kuma phambi kwejaji kwinkundla yamatyala, besiya kunxiba size sizilungise ngendlela ebonisa ukuba siyamhlonela. Ngokufanayo, indlela esibonakala ngayo ezintlanganisweni ibonisa indlela esimhlonela ngayo “uMgwebi womhlaba wonke,” uYehova uThixo, nendawo esimnqulela kuyo.—Genesis 18:25.

      Sibonisa imilinganiselo esiphila ngayo. IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba anxibe “ngokuthozama nangengqondo ephilileyo” njengabo ‘bahlonela uThixo.’ (1 Timoti 2:9, 10) Ukunxiba “ngokuthozama” kuthetha ukukuphepha ukunxiba impahla enokusitsalel’ amehlo, evez’ umzimba nevuselela inkanuko. Kwakhona, ukuba ‘nengqondo ephilileyo’ kusinceda sikwazi ukukhetha impahla engekho xazalala. Le migaqo ayisibandezi inkululeko yokuzikhethela. Inkangeleko yethu entle ‘inokuyihombisa imfundiso yoMsindisi wethu’ ize ‘imzukise uThixo.’ (Tito 2:10; 1 Petros 2:12) Xa sinxiba kakuhle kwiintlanganiso, sibangela ukuba abanye bakujonge njengento enzulu ukunqula uYehova.

      Ungoyiki ukuya kwiHolo yoBukumkani ngenxa yokuba usithi akunazo iimpahla. Akufuneki ude ube neempahla ezibizayo okanye ezimbejembeje ukuze ufaneleke, ucoceke okanye ubukeke.

      • Ibaluleke kangakanani indlela esinxiba ngayo xa sinqula uThixo?

      • Yiyiphi imigaqo esikhokelayo kumba wokunxiba nokuzilungisa?

  • Yiyiphi Eyona Ndlela Esinokuzilungiselela Ngayo Iintlanganiso?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 9

      Yiyiphi Eyona Ndlela Esinokuzilungiselela Ngayo Iintlanganiso?

      INgqina likaYehova lilungiselela iintlanganiso zebandlag

      EKhambodiya

      INgqina likaYehova lilungiselela iintlanganiso zebandla
      INgqina likaYehova liyagqabaza kwiintlanganiso zebandla

      EUkraine

      Ukuba ufundelwa liNgqina likaYehova, kusenokwenzeka ukuba ulungiselela kusengaphambili. Ukuze ungenelwe ezintlanganisweni, kufuneka wenjenjalo. Xa oku sikwenza rhoqo, imiphumo iba mihle.

      Kukugqiba ngexesha nendawo oza kufundisisa kuyo. Liliphi elona xesha unokufundisisa kakuhle ngalo? Ngaba kusekuseni okanye ebusuku emva kokuba abantwana belele? Enoba akungomntu ukwaziyo ukufunda ixesha elide, gqiba ngexesha onokufunda ngalo uze uzame ukuba kungabikho nto ikuphazamisayo. Funa indawo ezolileyo, uze ususe zonke izinto ezinokukuphazamisa ngokucima unomathotholo, umabonwakude neselfowuni. Ukuthandaza ngaphambi kokuba ufundisise kuya kukunceda uthobe amaxhala obomi ukuze ukwazi ukunikel’ ingqalelo kwiLizwi likaThixo.—Filipi 4:6, 7.

      Kukukrwelela iimpendulo ukuze ukwazi ukuphendula. Qala ngokuwuqonda wonke umbandela owufundayo. Cinga ngomxholo wenqaku okanye isahluko, zibuze ngendlela imixholwana edibana ngayo nomxholo, uze uhlolisise imifanekiso kunye nemibuzo yempinda ebalaselisa iingongoma eziziintloko. Emva koko funda isiqendu ngasinye uze ukhangele impendulo yombuzo weso siqendu. Tyhila imibhalo ecatshuliweyo, uyifunde, uze ucinge ngendlela ewuxhasa ngayo umxholo. (IZenzo 17:11) Xa uyifumana impendulo, krwela amagama okanye amabinzana ambalwa akweso siqendu aza kukukhumbuza impendulo. Xa usezintlanganisweni ungaphakamisa isandla uze ugqabaze ngamazwi akho.

      Ngokuhlolisisa imixholo eyahlukeneyo ekuxutyushwa ngayo veki nganye ezintlanganisweni, uya kongeza izinto ezintsha “kwingqwebo yobuncwane” bolwazi lwakho lweBhayibhile.—Mateyu 13:51, 52.

      • Yintoni onokusoloko uyenza ukuze ulungiselele iintlanganiso?

      • Unokuzilungiselela njani ukuze uphendule ezintlanganisweni?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Ulandela lo mgaqo uchazwe ngasentla, lungiselela iSifundo SeMboniselo okanye iSifundo SeBhayibhile Sebandla. Cela umntu okufundelayo akuncede ulungiselele ukugqabaza kwiintlanganiso ezilandelayo.

  • Yintoni UNqulo Lwentsapho?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 10

      Yintoni UNqulo Lwentsapho?

      Intsapho yonwabele unqulo lwentsapho

      EMzantsi Korea

      Isibini esitshatileyo sifunda iBhayibhile kunye

      EBrazil

      INgqina likaYehova lifunda iBhayibhile

      EOstreliya

      Intsapho ithetha ngomxholo othile weBhayibhile

      EGuinea

      Ukususela kumaxesha akudala, uYehova ebefuna ntsapho nganye ichithe ixesha kunye ukuze ibe nolwalamano olusondeleyo naye nokuze isondelelane. (Duteronomi 6:6, 7) Yiloo nto ebangela ukuba amaNgqina kaYehova abe nexesha alibekela ecaleni veki nganye ukuze abe nonqulo lwentsapho—exubusha ngokukhululekileyo izinto zokomoya eziyichaphazela ngokukhethekileyo intsapho yabo. Enoba uhlala wedwa, unokuzibekela ixesha oza kulichitha noThixo ngokwenza ufundisiso.

      Lixesha lokusondela ngakumbi kuYehova. “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Simazi kakuhle uYehova xa sifunda ngobuntu bakhe nangemisebenzi yakhe ekwiLizwi lakhe iBhayibhile. Indlela elula yokuqalisa unqulo lwentsapho kukuba nibe nexesha enilichitha kunye nifunda iBhayibhile ngokuvakalayo, mhlawumbi nilandele ucwangciso lofundo lweBhayibhile lweveki-ngeveki olukwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Lungu ngalinye lisenokufunda inxalenye ethile yeBhayibhile, lize libalise oko belikufunda.

      Lixesha lokusondelelana njengentsapho. Amadoda nabafazi, abazali nabantwana, basondelelana ngakumbi xa befunda iBhayibhile kunye njengentsapho. Esi ifanele ibe sisihlandlo esimnandi nesizolileyo, esibangela ukuba lungu ngalinye lentsapho likhangele phambili kuso veki nganye. Kuxhomekeka kubudala babantwana, abazali basenokukhetha imixholo eza kunceda intsapho, mhlawumbi kwiMboniselo nakuVukani! Nisenokuthetha ngengxaki abantwana abaye bayifumana esikolweni nendlela yokuyicombulula. Kutheni ningabukeli inxalenye ekwi-JW Broadcasting (tv.jw.org/xh) nize niyixubushe kunye? Nisenokuqhelisela iingoma eziza kuculwa kwiintlanganiso, nize emva koko ninandiphe izimuncumuncu.

      Eli xesha nilichitha kunye veki nganye ninqula uYehova njengentsapho, liya kuninceda nikunandiphe ukufundisisa iLizwi likaThixo yaye uya kuyisikelela imigudu eniyenzayo.—INdumiso 1:1-3.

      • Kutheni sibekela bucala ixesha lokunqula njengentsapho?

      • Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze yonke intsapho isinandiphe esi sihlandlo?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Cela amacebiso endlela yokuqhuba unqulo lwentsapho kwabanye abasebandleni. Kwakhona, khangela iincwadi ezikhoyo eHolweni yoBukumkani onokuzisebenzisa ekufundiseni abantwana bakho ngoYehova.

  • Kutheni Sisiya KwiiNdibano Ezinkulu?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 11

      Kutheni Sisiya KwiiNdibano Ezinkulu?

      Indibano yengingqi yamaNgqina kaYehova eMexico

      EMexico

      Incwadi ekhululwa kwindibano yengingqi eJamani

      EJamani

      AmaNgqina kaYehova kwindibano yengingqi eBotswana

      EBotswana

      Kubhaptizwa umfana eNicaragua

      ENicaragua

      Idrama yamandulo kwindibano yengingqi eItali

      EItali

      Kutheni bonwabe kangaka nje aba bantu? Baya kwindibano. Njengabakhonzi bakaThixo bamandulo ababeyalelwa ukuba bahlanganisane kathathu ngonyaka, sikhangela phambili ekubeni kunye njengeqela elikhulu. (Duteronomi 16:16) Nyaka ngamnye, sineendibano ezintathu: Iindibano zesiphaluka ezimbini zosuku olunye nendibano yengingqi yeentsuku ezintathu. Singenelwa njani kwezi ndibano?

      Zomeleza ubuzalwana bethu. Kanye njengokuba amaSirayeli ayenandipha ukudumisa uYehova “phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo,” nathi siyakunandipha ukunqula uYehova kwezi zihlandlo zikhethekileyo. (INdumiso 26:12; 111:1) Ezi ndibano zibangela ukuba sidibane namaNgqina akwamanye amabandla okanye akwamanye amazwe. Enye into ebangela uvuyo ngesi sihlandlo lixesha lesidlo sasemini apho sinandipha isidlo kunye kwindawo yendibano. (IZenzo 2:42) Kwezi ndibano sizibonela ngawethu uthando ‘nomanyano lwabazalwana’ abasehlabathini lonke.—1 Petros 2:17.

      Ziyasinceda senze inkqubela kwizinto zokomoya. Kwakhona amaSirayeli ayengenelwa ‘ngokuwaqonda amazwi’ eZibhalo awayewaxelelwa. (Nehemiya 8:8, 12) Nathi siyayixabisa imfundiso yeBhayibhile esiyifumana kwezi ndibano. Intetho nganye isekelwe eSibhalweni. Sifunda ukwenza ukuthanda kukaThixo ebomini bethu kwiintetho ezibangel’ umdla, kungcelele lweentetho nakwimiboniso yezinto ezenzekileyo. Siyakhuthazeka xa sisiva amava abantu abahlangabezana ngokuphumelelayo neengxaki zokuba ngumKristu kula maxesha obunzima. Imidlalo yesinxibo samandulo eyenziwa kwiindibano zengingqi ibangela ukuba imfundiso yeBhayibhile iphile size sikwazi ukuyisebenzisa ebomini bethu. Kwindibano nganye kubhaptizwa abo bafuna ukufuzisela uzahlulelo lwabo kuThixo.

      • Kutheni iindibano zisisihlandlo esibangel’ uvuyo?

      • Unokungenelwa njani xa uye kwindibano?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Ukuba ufuna ukubazi ngakumbi abazalwana bethu, siyakucela ungaphoswa yindibano elandelayo. Umntu okuqhubela isifundo seBhayibhile uya kukubonisa ucwangciso lwendibano edlulileyo ukuze ubone iintetho ezinikelwayo. Kwikhalenda yakho phawula usuku nendawo eza kuba kuyo indibano elandelayo uze uye ukuba unako.

  • Ulungelelaniswa Njani Umsebenzi Wethu Wokushumayela?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 12

      Ulungelelaniswa Njani Umsebenzi Wethu Wokushumayela?

      AmaNgqina kaYehova ashumayela kwindlu ngendlu

      ESpeyin

      INgqina likaYehova elishumayela epakini

      EBelarus

      INgqina likaYehova elishumayela ngefowuni

      EHong Kong

      AmaNgqina kaYehova ashumayela esidlangalaleni

      EPeru

      Kanye ngaphambi kokuba afe, uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Kodwa lo msebenzi wokushumayela ehlabathini lonke wawuza kufezwa njani? Ngokulandela umzekelo owamiselwa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni.—Luka 8:1.

      Sizama ukuya emakhayeni abantu. UYesu waqeqesha abafundi bakhe ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu. (Mateyu 10:11-13; IZenzo 5:42; 20:20) Abo bashumayeli bevangeli benkulungwane yokuqala babelwa imimandla ekhethekileyo ababemele bashumayele kuyo. (Mateyu 10:5, 6; 2 Korinte 10:13) Nanamhlanje, umsebenzi wethu wokushumayela ulungelelaniswe kakuhle, yaye bandla ngalinye linentsimi yalo elimele liyigubungele. Oku kubangela ukuba sifeze umyalelo kaYesu ‘wokushumayela ebantwini nokuba sinikele ubungqina obucokisekileyo.’—IZenzo 10:42.

      Sizabalazela ukufikelela ebantwini naphi na apho bafumaneka khona. UYesu waphinda wamisela umzekelo wokushumayela kwiindawo zikawonke-wonke, njengaselunxwemeni okanye ngasequleni. (Marko 4:1; Yohane 4:5-15) Nathi sincokola nabantu ngeBhayibhile naphi na apho bakhoyo—ezitratweni, kwiindawo zamashishini, kwiipaki okanye ngefowuni. Xa sinethuba sishumayela kubamelwane, abantu esiphangela nabo, esifunda nabo, nakwizalamane zethu. Yonke le migudu iye yabangela ukuba izigidi zabantu abasehlabathini lonke bazive “iindaba ezilungileyo zosindiso.”—INdumiso 96:2.

      Ngaba akukho mntu ucinga ngaye onokuthanda ukumxelela ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, nokuba ezi ndaba zithetha ntoni ngekamva lakhe? Ungazigcini esifubeni ezi ndaba zimnandi. Xelela abanye ngazo!

      • Ziziphi “iindaba ezilungileyo” ezimele zishunyayelwe?

      • Yiyiphi indlela amaNgqina kaYehova awuxelisa ngayo umzekelo kaYesu wokushumayela?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Cela lowo ukuqhubela isifundo akubonise indlela onokumxelela ngayo umntu omaziyo ngezinto ozifunde eBhayibhileni.

  • Yintoni Uvulindlela?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 13

      Yintoni Uvulindlela?

      Umshumayeli wexesha elizeleyo ushumayela esidlangalaleni

      EKhanada

      Abashumayeli bexesha elizeleyo bayashumayela

      Kwindlu ngendlu

      Oovulindlela baqhuba isifundo seBhayibhile

      Isifundo seBhayibhile

      Uvulindlela ofunda iBhayibhile

      Ufundisiso lobuqu

      Ibinzana elithi “vulindlela” lidla ngokubhekisela kwabo baqala intsimi entsha baze bavulele abanye indlela. UYesu wayefana novulindlela, kuba wayethunywe emhlabeni ukuza kuxelela abantu ngeendaba ezinik’ ubomi, ebavulela indlela yosindiso. (Mateyu 20:28) Namhlanje, abalandeli bakhe bayamxelisa kuba bachitha ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka ‘besenza abafundi.’ (Mateyu 28:19, 20) Abanye baye bakwinkonzo yobuvulindlela.

      Uvulindlela ngumshumayeli wevangeli wexesha elizeleyo. Onke amaNgqina kaYehova ngabavakalisi beendaba ezilungileyo. Noko ke, abanye baye baba ngoovulindlela abathe ngxi, bechitha iiyure ezingama-70 nyanga nganye kumsebenzi wokushumayela. Ukuze bakwazi ukwenza oku, abaninzi baye bayeka ukuphangela ixesha elizeleyo baze benza umsebenzi wesingxungxo. Abanye baye bacelwa ukuba babe ngoovulindlela abakhethekileyo kwimimandla apho kufuneka abavakalisi boBukumkani khona, bechitha iiyure ezili-130 nangaphezulu nyanga nganye beshumayela. Oovulindlela baphila ubomi obulula, beqinisekile ukuba uYehova uya kubanika izinto eziyimfuneko. (Mateyu 6:31-33; 1 Timoti 6:6-8) Abo bangenakukwazi ukushumayela ixesha elizeleyo, banokuba ngoovulindlela abangabancedani ukuba bayakwazi ukwandisa ixesha abalichitha entsimini libe ziiyure ezingama-30 okanye ezingama-50 ngenyanga.

      Umntu uba nguvulindlela kuba ethanda uThixo nabantu. NjengoYesu, namhlanje sibona indlela abantu abakulangazelela ngayo ukwazi uThixo neenjongo zakhe. (Marko 6:34) Kodwa ulwazi esinalo lunokubanceda nangoku, lubanike ithemba elingenakujika lekamva. Ukuthanda ummelwane kubangela ukuba uvulindlela asebenzise ixesha namandla akhe enceda abanye bazi iindaba ezilungileyo. (Mateyu 22:39; 1 Tesalonika 2:8) Ngenxa yoko, ukholo lwakhe luyomelela, usondela ngakumbi kuThixo kwaye uvuya kakhulu.—IZenzo 20:35.

      • Unokumchaza njani uvulindlela?

      • Yintoni ebangela ukuba abanye babe ngoovulindlela bexesha elizeleyo?

  • Sisiphi Isikolo Esenzelwe Oovulindlela?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 14

      Sesiphi Isikolo Esenzelwe Oovulindlela?

      Abashumayeli bexesha elizeleyo bashumayela esidlangalaleni

      EUnited States

      Abafundi abakwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi
      Abafundi balungiselela umsebenzi wabathunywa bevangeli

      ISikolo saseGiliyadi, EPatterson, ENew York

      Isibini esitshatileyo esingabathunywa bevangeli sishumayela ePanama

      EPanama

      Ukufunda ngoThixo ibisoloko iyeyona nto aziwa ngayo amaNgqina KaYehova. Kulungiselelwe izikolo ezikhethekileyo zabo bazinikele ekushumayeleni ngoBukumkani ukuze bakwazi ‘ukubufeza ngokupheleleyo ubulungiseleli babo.’—2 Timoti 4:5.

      ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Ekupheleni konyaka wokuqala umntu enguvulindlela othe ngxi, umenywa kwisikolo seentsuku ezintandathu esisenokuqhutyelwa kwiHolo YoBukumkani ekufutshane. Senzelwe ukunceda oovulindlela basondele kuYehova, bakwazi ukusebenzisa zonke iindlela zokushumayela baze bahlale bethembekile enkonzweni.

      ISikolo Sabavangeli BoBukumkani. Esi sikolo seenyanga ezimbini senzelwe ukuqeqesha oovulindlela abanamava nabakulungeleyo ukushiya amakhaya abo bayokunceda kwiindawo ezidinga abavakalisi abangakumbi. Baxelisa uYesu Kristu, oyena mVangeli mkhulu owayeshumayela emhlabeni nowathi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 6:8; Yohane 7:29) Ukushiya ikhaya besiya kukhonza kude kuquka ukutshintsha baze baphile ngendlela engafaniyo naleyo bebephila ngayo. Banokufika kusenziwa izinto ngendlela eyahlukileyo, imozulu yalapho bengayiqhelanga kwanokutya. Kusenokufuneka bade bafunde nolunye ulwimi. Esi sikolo sinabazalwana noodade abangatshatanga nabo batshatileyo, abaneminyaka eqala kweyi-23 ukuya kweyi-65. Sibanceda bakhulise iimpawu zobuthixo abaza kuzidinga kwizabelo zabo baze babe nobuchule obuza kubanceda basetyenziswe ngakumbi nguYehova nayintlangano yakhe.

      ISikolo SaseGiliyadi. NgesiHebhere, igama elithi “Giliyadi” lithetha “AmaNgqina Amaninzi.” Ukususela ekuqaleni kwesikolo saseGiliyadi ngo-1943, kuye kwathunyelwa abafundi abaphumelele kuso abangaphezu kwe-8 000 ukuba baye kushumayela “ukusa eziphelweni zomhlaba.” (IZenzo 13:47) Aba bavangeli bafika ePeru kungekho nelinye ibandla. Ngoku angaphezu kwe-1 000 amabandla alapho. EJapan, bafika kukho amaNgqina angaphantsi kweshumi. Ngoku angaphezu kwe-200 000. Enye yezinto ezenziwa kwiklasi yaseGiliyadi ethatha iinyanga ezintlanu kukulifundisisa iLizwi likaThixo. Oovulindlela abakhethekileyo okanye abathunywa bevangeli, abakwiofisi yesebe, okanye abaveleli beziphaluka baye bamenywe kwesi sikolo ukuze bafumane uqeqesho olungakumbi lokuqinisa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.

      • Senzelwe ntoni ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela?

      • ISikolo Sabavangeli BoBukumkani senzelwe oobani?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share