IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • kr isahl. 20 iphe. 209-219
  • Umsebenzi Wokunceda Abanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umsebenzi Wokunceda Abanye
  • UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Umsebenzi Wokunceda Ube ‘Yinkonzo Engcwele’
  • Eyona Njongo Yomsebenzi Wokunceda Abanye
  • Ubulungiseleli Bokunceda Abanye Bubangela Iingenelo Zikanaphakade
  • Ngaba Unokufaka Isandla?
  • Indlela Yokuncedisa Emva Kokuba Kwehle Intlekele
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayanceda Xa Kukho Intlekele?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Ukukhula Kunye Eluthandweni
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukunceda Abazalwana Abahlelwe Yintlekele Ngo-2023—“Sizibonele Ngokwethu Uthando LukaYehova”
    Indlela Esetyenziswa Ngayo Iminikelo Yakho
Khangela Okunye
UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
kr isahl. 20 iphe. 209-219

ISAHLUKO 20

Umsebenzi Wokunceda Abanye Uzukisa UYehova

INJONGO YESI SAHLUKO

Uthando lwamaKristu lubonakala ngamaxesha entlekele

1, 2. (a) Bubuphi ubunzima awayephila phantsi kwabo amaKristu akwaYuda? (b) Luluphi uthando awalufumanayo amaKristu akwaYuda?

KUMALUNGA nonyaka ka-46. Indlala ibhokile kwaYuda. Abalandeli bakaKristu abangamaYuda abanamali yokuhlawula amaxabiso antingileyo egcuntswana leenkozo ezazinkinkishwa ngelo xesha. Balambile yaye indlala ibhalwe ebusweni. Sekunjalo, isandla sikaYehova sele siza kubakhusela ngendlela abangazange bayibona abalandeli bakaKristu. Yintoni eza kwenzeka?

2 Ngenxa yendlela asokola ngayo amaKristu angamaYuda ahlala eYerusalem nakwaYuda, amaKristu akwa-Antiyokhwe yaseSiriya angamaYuda naweeNtlanga, aqokelela imali yokunceda la maKristu asokolayo. Akhetha abazalwana ababini, uBarnabas noSawule, ukuba bayise kubadala baseYerusalem. (Funda IZenzo 11:27-30; 12:25.) Yiba nomfanekiso-ngqondweni wendlela abavakalelwa ngayo abazalwana bakwaYuda lolu thando lwabazalwana bakwa-Antiyokhwe!

3. (a) Abantu bakaThixo abaphila kule mihla bawulandela njani umzekelo owamiselwa ngamaKristu akwa-Antiyokhwe? Nika umzekelo. (Funda nebhokisi ethi “Uncedo Olukhulu Lokuqala Olwanikelwa Kula Maxesha Ethu.”) (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa kwesi sahluko?

3 Le yaba yingxelo yokuqala eyabhalwayo ngamaKristu ahlala kwelinye ilizwe awanceda amanye amaKristu. Namhlanje, senza kanye oko kwenziwa ngabazalwana bethu bakwa-Antiyokhwe. Xa sisiva ukuba amaKristu ahlala kwenye indawo antlithwe yintlekele okanye ayavavanywa, siyawanceda.a Ukuze siyiqonde indlela olo ncedo olufana ngayo neminye imisebenzi yamaKristu esiyenzayo, makhe sihlolisise le mibuzo mithathu: Kutheni siwujonga njengobulungiseleli lo msebenzi? Yintoni injongo yawo? Usinceda njani?

Isizathu Sokuba Umsebenzi Wokunceda Ube ‘Yinkonzo Engcwele’

4. UPawulos wawaxelela ntoni amaKristu aseKorinte ngobulungiseleli bamaKristu?

4 Kwileta yakhe yesibini awayeyibhalela abaseKorinte, uPawulos wathi amaKristu enza ubulungiseleli obuntlu-mbini. Nangona kuloo leta wayethetha namaKristu athanjisiweyo, namhlanje loo mazwi ayasebenza nakumaKristu ‘azezinye izimvu.’ (Yoh. 10:16) Obunye ubulungiseleli bethu ‘bubulungiseleli boxolelaniso,’ oko kukuthi, umsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa. (2 Kor. 5:18-20; 1 Tim. 2:3-6) Ukanti obunye bobo sibenzela amanye amaKristu esikhonza nawo. Apha uPawulos wayebhekisela ngokukhethekileyo ‘kubulungiseleli bokunceda.’ (2 Kor. 8:4) Kwibinzana elithi “ubulungiseleli boxolelaniso” nelithi ‘ubulungiseleli bokunceda,’ igama elithi “ubulungiseleli” liguqulelwe kwigama lesiGrike elithi di·a·ko·niʹa. Kutheni kubalulekile nje oku?

5. Kutheni kubalulekile nje ukuba uPawulos athi umsebenzi wokunceda bubulungiseleli?

5 UPawulos wasebenzisa eli gama linye xa wayethetha ngokushumayela nokunceda abanye, edibanisa ubulungiseleli bokunceda nezinye iintlobo zobulungiseleli obabusenziwa libandla lamaKristu. Kamva wathi: ‘Kukho iintlobo ngeentlobo zobulungiseleli, ukanti inye yona iNkosi; kodwa benziwa ngumoya omnye ofanayo.’ (1 Kor. 12:4-6, 11) UPawulos wayefanisa iintlobo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli obenziwa ngamaKristu ‘nenkonzo engcwele.’b (Rom. 12:1, 6-8) Yiloo nto wacinga ukuba kwakufanelekile ukuba anikele ngenxalenye yexesha lakhe ukuze ‘alungiselele abo bangcwele’!—Rom. 15:25, 26.

6. (a) Njengoko uPawulos watshoyo, kutheni umsebenzi wokunceda uyinxalenye yonqulo lwethu? (b) Chaza indlela umsebenzi wethu wokunceda abanye owenziwa ngayo ehlabathini lonke namhlanje. (Funda ibhokisi ethi “Xa Kusehla Intlekele!”)

6 UPawulos wanceda amaKristu aseKorinte abona isizathu sokuba umsebenzi wokunceda abanye ube yinxalenye yobulungiseleli babo nokunqula uYehova. Phawula le ndlela wayeqiqa ngayo: AmaKristu anceda amanye kuba ‘elulamela iindaba ezilungileyo ezingoKristu.’ (2 Kor. 9:13) Ngoko, anceda amanye kuba efuna ukusebenzisa iimfundiso zikaKristu. UPawulos wathi, imisebenzi ayenzela abazalwana bawo ibonisa ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo obugqwesileyo.’ (2 Kor. 9:14; 1 Pet. 4:10) Ithetha ngokunceda abazalwana bethu abasengxakini, iMboniselo kaDisemba 1, 1975, yathi: “Asimele siyithandabuze nakancinane into yokuba kuYehova uThixo nakuNyana wakhe uYesu Kristu le nkonzo ibaluleke ngokwenene.” Liyinene elokuba, umsebenzi wokunceda abanye yinxalenye ebalulekileyo yenkonzo engcwele.—Roma 12:1, 7; 2 Kor. 8:7; Heb. 13:16.

Eyona Njongo Yomsebenzi Wokunceda Abanye

7, 8. Yintoni injongo yethu yokuqala yobulungiseleli bethu bokunceda abanye? Cacisa.

7 Yintoni injongo yobulungiseleli bethu bokunceda abanye? UPawulos wawuphendula lo mbuzo kwileta yakhe yesibini awayeyibhalela abaseKorinte. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 9:11-15.) Kwezi vesi, uPawulos wabalaselisa iinjongo ezintathu ezibalulekileyo esizenzela “ubulungiseleli bale nkonzo kawonke-wonke,” oko kukuthi, umsebenzi wokunceda. Makhe sithethe ngayo ibe nye ngexesha.

8 Eyokuqala, ubulungiseleli bethu bokunceda abanye buzukisa uYehova. Phawula indlela uPawulos asoloko ebalathisela ngayo abazalwana bakhe kuYehova uThixo kwezi vesi zintlanu zikwesi sibhalo singasentla. Lo mpostile ubakhumbuza ukuba “bambulele uThixo” nokuba babe ‘neembonakaliso ezininzi zombulelo kuThixo.’ (Ivesi 11, 12) Uthi ukunceda amanye amaKristu ‘kuzukisa uThixo,’ yaye kubonisa umbulelo ‘kububele obungasifanelanga bukaThixo obugqwesileyo.’ (Ivesi 13, 14) Uqukumbela ingxubusho yakhe yobulungiseleli bokunceda abanye ngokuthi: “Makubulelwe kuThixo.”—Ivesi 15;1 Pet. 4:11.

9. Umsebenzi wokunceda abanye unokuyitshintsha njani indlela abantu abacinga ngayo? Chaza umzekelo.

9 NjengoPawulos, namhlanje abakhonzi bakaThixo bajonga umsebenzi wokunceda abanye njengozukisa uYehova nohombisa imfundiso yakhe. (1 Kor. 10:31; Tito 2:10) Phofu ke, lo msebenzi usoloko unendima ebalulekileyo ekususeni ingcamango engafanelekanga abanayo abantu ngoYehova namaNgqina akhe. Ngokomzekelo: Kumnyango wendlu yalo, elinye ibhinqa elalihlala kummandla owantlithwa yinkanyamba lalinombhalo othi, “AmaNgqina KaYehova—Angangeni.” Ngenye imini, kwisitrato nje esiphambi kwesalo, labona abazalwana abakumsebenzi wokunceda amanye amaKristu belungisa indlu eyayonakaliswe yiloo nkanyamba. Iintsuku zalandelelana libukele aba basebenzi banobubele, laza ngeny’ imini laya kubabuza ukuba bangoobani. Lisakuva ukuba ngamaNgqina kaYehova, limangalisiwe lathi: “Bendikade ndinicingela ngenye indlela.” Lenza ntoni emva koko? Lawususa loo mbhalo.

10, 11. (a) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba sinceda abanye ukuze sifeze injongo yesibini? (b) Yiyiphi incwadi enceda abazalwana noodade abakumsebenzi wokunceda abanye? (Funda ibhokisi ethi “Esinye Isixhobo Sokunceda Abo Banceda Abanye Ngexesha Lentlekele.”)

10 Eyesibini, ‘sinceda amanye amaKristu kwiintswelo zawo.’ (2 Kor. 9:12a) Sisoloko sifuna ukunceda ngamaxesha ongxamiseko ukuze sibanike isiqabu abazalwana noodadewethu. Ngoba? Ngenxa yokuba amalungu ebandla lamaKristu ‘angumzimba omnye,’ yaye ‘ukuba ilungu elinye liyabandezeleka, onke amanye amalungu abandezeleka kunye nalo.’ (1 Kor. 12:20, 26) Ngenxa yoko, uthando nobubele bubangela ukuba xa kukho ummandla ontlithwe yintlekele, abazalwana noodade abaninzi bashiye yonke into, bathathe izixhobo zabo, baze baye kunceda amanye amaKristu alapho. (Yak. 2:15, 16) Ngokomzekelo, ngo-2011, emva kokuba iJapan intlithwe yitsunami, iofisi yesebe laseMerika yathumela ileta kwiiKomiti Zokwakha Zenqila eziseMerika, ibuza enoba bangafumaneka kusini na “abazalwana abambalwa abafanelekayo” abanokunceda xa kusakhiwa kwakhona iiHolo zoBukumkani eJapan. Benzani abazalwana? Kwiiveki nje ezimbalwa, kwangena izicelo zokuya kunceda ezisuka kumatsha-ntliziyo aphantse abeyi-600—awavumayo ukuzibhatalela kwinqwelo-moya! Iofisi yesebe laseMerika yathi: “Simangaliswe yindlela abazalwana abasabele ngayo.” Xa omnye umzalwana waseJapan wabuza umzalwana osuka kwelinye ilizwe isizathu sokuba eze kunceda, wathi: “Abazalwana bethu baseJapan bayinxalenye ‘yomzimba wethu.’ Siyavakalelwa yintlungu abakuyo.” Ngenxa yothando lokuzincama abanalo, maxa wambi abazalwana abakumsebenzi wokunceda abanye bade babeke ubomi babo esichengeni ukuze bancede abazalwana babo.c—1 Yoh. 3:16.

INgqina likaYehova lilungiselela abazalwana balo izinto zokunceda eSwitzerland ngo-1946

ESwitzerland, ngo-1946

UNCEDO OLUKHULU LOKUQALA OLWANIKELWA KULA MAXESHA ETHU

NGOSEPTEMBA 1945, kwiinyanga nje ezimbalwa emva kokuphela kweMfazwe Yehlabathi II eYurophu, uMzalwan’ uKnorr wenza isaziso sokuba kuza kuqalisa iphulo elikhulu lokuthumela “izinto zokunceda abazalwana abasweleyo kumbindi Yurophu.”

Kwiiveki ezimbalwa emva kokuba enze eso saziso, amaNgqina aseKhanada, eMerika nakwamanye amazwe aqalisa ukuqokelela nokupakisha iimpahla nokutya. Ukususela ngoJanuwari 1946 ukubheka phambili, kwathunyelwa iimpahla kwamanye amaKristu aseBelgium, eBulgaria, eCzechoslovakia, eDenmark, eFinland, eFransi, eGrisi, eHungary, eItali, eJamani, eNetherlands, eNgilani, eNorway, eOstreliya, kwiiPhilippines, ePoland, eRomania naseTshayina.

Olu ncedo aluzange luphelele nje apho. Kwathunyelwa izinto zokunceda kangangeminyaka emibini enesiqingatha! Ngelo xesha abazalwana noodade abamalunga ne-85 000 bathumela ukutya okumalunga neekhilogram eziyi-300 000, iimpahla ezimalunga neekhilogram eziyi-450 000 nezihlangu ezingaphezu kwe-124 000 kubazalwana noodadewabo ababekumazwe adlakazwe yimfazwe. Lo msebenzi wokunceda wagqitywa ngoAgasti 1948. Ngo-1949, iMboniselo yathi: “Ngokuqinisekileyo le ibiyindlela yokubonisa indlela esithandana ngayo. Siyazi ukuba bonke abazalwana bakwenzele ukuzukisa iNkosi oku, besazi ukuba oku kunceda abanye ngezinto eziphathekayo kuya kubenza baqhubeke nonqulo lwabo lokwenyaniso; ngoko kulilungelo elikhulu kubo ukukwazi ukukhonza abazalwana babo ngolu hlobo.” Olu ncedo lwazukisa uYehova, lusizisa nesiqabu kwabanye abazalwana yaye lusomeleza umanyano lwabazalwana abasehlabathini lonke.

11 Nabantu abangengomaNgqina bawuxabisa ngokwenene umsebenzi wethu wokunceda abanye. Ngokomzekelo, ngo-2013 emva kokuba iphondo laseArkansas, eMerika lintlithwe yintlekele, elinye iphephandaba lathi: “Indlela elungelelaniswe kakuhle ngayo intlangano yamaNgqina kaYehova yenza kube lula ngawo ukuthumela amatsha-ntliziyo xa kukho intlekele.” Kunjengokuba umpostile uPawulos watshoyo, ‘sinceda abazalwana bethu kwiintswelo zabo.’

12-14. (a) Kutheni kubalulekile nje ukuba sifeze injongo yesithathu yomsebenzi wethu wokunceda? (b) Ngawaphi amazwi abonisa ukubaluleka kokuqhubeka usenza imisebenzi yobuthixo?

12 Eyesithathu, sinceda abazalwana abaxhwalekileyo bakhonze uThixo ngendlela abebemkhonza ngayo ngaphambi kwentlekele. Kutheni kubalulekile nje oku? UPawulos uthi abo bafumana uncedo baya kuba ‘neembonakaliso ezininzi zombulelo kuThixo.’ (2 Kor. 9:12b) Yiyiphi enye indlela ebhetele abanokumbulela ngayo uYehova abo baxhwalekileyo ngaphandle kokukhawuleza baphinde bamkhonze ngendlela abebesenza ngayo ngaphambili? (Fil. 1:10) Ngo-1945 iMboniselo yathi: “UPawulos wavuma ukuba . . . kuqokelelwe iminikelo ngenxa yokuba yayinceda . . . abazalwana abangamaKristu abasweleyo ukuba bafumane izinto eziphathekayo baze babe namandla okwenza umsebenzi wokungqinela uYehova ngaphandle kweziphazamiso.” Sinenjongo efanayo nathi namhlanje. Xa bephinda beshumayela, abazalwana bethu abomelezi abamelwane babo abaxhwalekileyo nje kuphela, kodwa nabo bayomelela.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.

13 Khawuve oko kwathethwa ngabo bafumana uncedo, baza baphindela kumsebenzi wokushumayela owabomelezayo. Omnye umzalwana wathi: “Intsapho yethu yancedwa kukuya entsimini. Kwasinika isiqabu kwiinkxwaleko esasinazo njengoko sasizama ukuthuthuzela abanye.” Omnye udade wathi: “Ukucinga ngezinto zobuthixo kuphela kwandenza andayisa so ingxaki endandikuyo. Kwandenza ndaziva ndikhuselekile.” Ukanti omnye udade yena uthi: “Ngoxa sasingenawo amandla okulungisa izinto ezininzi, ukuya entsimini kwabangela mna nentsapho yam siyiqonde into elisiphathele yona ikamva. Ukuthetha nabanye ngethemba esinalo lehlabathi elitsha kwasenza saqiniseka ukuba zonke izinto ziza kwenziwa ntsha.”

14 Ukuya ezintlanganisweni ngomnye umsebenzi wobuthixo ekufuneka abazalwana bethu ababandezelekileyo bawenze bengalibazisanga. Funda ngoko kwenzeka kudade Kiyoko, owayesele esondele kwiminyaka eyi-60. Emva kokuba itsunami imphuce yonke into awayenayo ngaphandle kweempahla nezihlangu awayezinxibile, wayengazi ukuba uza kuphila njani. Omnye umdala wamxelela ukuba baza kuqhuba iintlanganiso zeveki nganye emotweni yakhe. UKiyoko uyabalisa: “Lo mdala kunye nenkosikazi yakhe, mna nomnye udade, sahlala emotweni. Saqhuba iintlanganiso ngendlela nje elula, yaye ngendlela engummangaliso zonke iinkumbulo zetsunami zathi shwaka engqondweni yam. Ndaba noxolo lwengqondo. Ezo ntlanganiso zandibonisa amandla ezinawo iintlanganiso zamaKristu.” Ethetha ngeentlanganiso awaya kuzo emva kwentlekele, omnye udade wathi: “Zandinceda ndakwazi ukunyamezela!”—Roma 1:11, 12; 12:12.

Ubulungiseleli Bokunceda Abanye Bubangela Iingenelo Zikanaphakade

15, 16. (a) Ziziphi iingenelo ezaziza kufunyanwa ngamaKristu aseKorinte nakwezinye iindawo xa esenza umsebenzi wokunceda abanye? (b) Thina singenelwa njani ngokwenza lo msebenzi namhlanje?

15 Ethetha ngobulungiseleli bokunceda abanye, uPawulos wathetha nangeengenelo ezaziza kufunyanwa ngabaseKorinte kunye namanye amaKristu ngenxa yokuba esenza lo msebenzi. Wathi: “Bayanikhungela, [amaKristu angamaYuda aseYerusalem awayencediwe] benilangazelela ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo obugqwesileyo kuni.” (2 Kor. 9:14) Ububele bamaKristu aseKorinte babangela ukuba amaKristu angamaYuda athandazele abo bazalwana baseKorinte, kuquka abeeNtlanga, yaye atsho abathanda kakhulu.

16 Ithetha ngoko kwathethwa nguPawulos ngeengenelo ezifunyanwa ngenxa yomsebenzi wokunceda kulo mhla wethu, iMboniselo kaDisemba 1, 1945, yathi: “Xa abantu abazinikele kuThixo abakwezinye iindawo benceda abanye abakhonza nabo, imele ukuba ibamanyanisa ngokwenene loo nto!” Kwenzeka kanye oko kwabo bakumsebenzi wokunceda abanye. Omnye umdala owayenceda kummandla owawunezikhukula uthi: “Umsebenzi wokunceda undenza ndisondele ngakumbi kubazalwana bam.” Omnye udade owayenombulelo ongazenzisiyo ngoncedo awalufumanayo uthi: “Ubuzalwana esinabo yeyona nto isenza sizive ngathi sikwiParadesi esemhlabeni.”—Funda IMizekeliso 17:17.

17. (a) Amazwi akuIsaya 41:13 asebenza njani kumsebenzi wokunceda abanye? (b) Chaza eminye imizekelo yendlela umsebenzi wokunceda omzukisa ngayo uYehova nendlela olomeleza ngayo umanyano lwethu. (Funda nebhokisi ethi “Amatsha-ntliziyo Asehlabathini Azisa Uncedo.”)

17 Xa abasebenzi abanceda abanye befika kwindawo yentlekele, ngendlela ekhethekileyo abazalwana bethu abaxhwalekileyo babona ukunyaniseka kwesithembiso sikaThixo esithi: “Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’” (Isa. 41:13) Emva kokuba esinde kwintlekele, omnye udade wathi: “Ndathi ndakubona umonakalo ewenzileyo ndaziva ndingenathemba, kodwa uYehova waba nam. Andinamazwi okuyichaza indlela abandinceda ngayo abazalwana.” Emva kokuba ummandla wabo untlithwe yintlekele, abadala ababini babhala ileta esuka kwibandla labo ethi: “Iintliziyo zazingamahlwili ngenxa yoko kwenziwa yinyikima, kodwa uYehova wasinceda esebenzisa abazalwana bethu. Sasifundile ngomsebenzi wokunceda abanye, kodwa ngoku, siwubona usenziwa kuthi.”

UPeter Johnson basebenza kwisakhiwo sobuthixo

Wafumana Amathuba Okukhonza UThixo

UMSEBENZI wokunceda abo behlelwe yintlekele unokubakhuthaza njani abaselula? Khawuve oko kwenzeka kuPeter Johnson, owaqala ukunceda abanye xa wayeneminyaka eyi-18. Ukhumbula oku: “Xa ndandibona indlela ababenombulelo ngayo abazalwana nendlela endandivuya ngayo ngenxa yokupha ndachukumiseka ngokwenene. Oko kwawuqinisa umnqweno wokuphilela ukukhonza uYehova kangangoko kunokwenzeka.” Emva koko, uPeter waqalisa ukuba nguvulindlela. Wasebenza eBheteli, waza kamva walilungu leKomiti Yokwakha Yenqila. Uthi: “Ukuqala kwam ukwenza umsebenzi wokunceda abanye ngo-1974, kwandivulela amathuba okukhonza uYehova.” Ngaba uselula? Ngaba unokuwulandela umzekelo kaPeter? Akakho oyaziyo indlela umsebenzi wokunceda abanye onokukuvulela ngayo amathuba okukhonza uYehova!

Ngaba Unokufaka Isandla?

18. Yintoni onokuyenza xa ufuna ukufak’ isandla kumsebenzi wokunceda abanye? (Funda nebhokisi ethi “Wafumana Amathuba Okukhonza UThixo.”)

18 Ngaba uyafuna ukungcamla uvuyo olubangelwa ngumsebenzi wokunceda abanye? Ukuba uyafuna, ungalibali ukuba abantu abaza kunceda kulo msebenzi bakhethwa kubazalwana abakumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani. Ngoko cela ifomu kubadala bebandla lakho. Omnye umdala ekudala esenza lo msebenzi ucebisa oku: “Yiya kwindawo entlithwe yintlekele kuphela xa ucelwe yiKomiti Yokunceda Kwintlekele ukuba uye.” Ngaloo ndlela, umsebenzi wethu wokunceda uya kuqhubeka ngendlela elungeleleneyo.

19. Abasebenzi abanceda abanye bayibonisa njani into yokuba singabafundi bakaKristu bokwenyaniso?

19 Ngokwenene umsebenzi wokunceda abanye yindlela ebalaseleyo esibonisa ngayo ukuba sithobela umyalelo kaKristu wokuba ‘sithandane.’ Sikwabonisa nokuba singabafundi bakaKristu bokwenyaniso. (Yoh. 13:34, 35) Sisikelelwe ngokwenene namhlanje ngokuba nabasebenzi bokuzithandela abaninzi kangaka abazukisa uYehova ngokunceda abo babuxhasa ngokunyanisekileyo uBukumkani bukaThixo!

a Esi sahluko sithetha ngomsebenzi wokunceda abazalwana noodadewethu. Sekunjalo, kwiimeko ezininzi, sikwanceda nabantu abangengomaNgqina.—Gal. 6:10.

b Xa echaza “izicaka zolungiselelo” uPawulos wasebenzisa isininzi segama elithi di·aʹko·nos (ubulungiseleli).”—1 Tim. 3:12.

c Funda inqaku elithi “Ukunceda Intsapho Yethu Yamakholwa EBosnia,” kwiMboniselo kaNovemba 1, 1994, iphepha 23-27.

Buyinto Yokwenene Kangakanani UBukumkani Kuwe?

  • Sazi njani ukuba umsebenzi wokunceda abanye yinxalenye yokunikela inkonzo engcwele kuYehova?

  • Ziziphi iinjongo ezintathu eziphambili zokunceda abanye?

  • Umsebenzi wokunceda abanye unaziphi iingenelo zikanaphakade?

  • Umsebenzi wokunceda uvisisana njani nomyalelo kaYesu okuYohane 13:34?

AMATSHA-NTLIZIYO ASEHLABATHINI AZISA UNCEDO

UMBINDI NOMNTLA AFRIKA

Ngo-1994, eRwanda kwabulawa ngokumanyumnyezi abantu abamalunga ne-800 000 nangaphezulu ngenxa yobuzwe. Emva koko, kwavuka izidubedube nakwamanye amazwe akuMbindi Afrika, nto leyo eyabangela ukuba abantu bazalise iinkampu zeembacu. Ukuze ancede abazalwana noodadewabo abaxhwalekileyo, amaNgqina kaYehova aseBelgium, eFransi, naseSwitzerland ahambisa iimpahla, amayeza, iintente, ukutya nezinye izinto eziziitoni eziyi-300 ngeenqwelo-moya. Abazalwana bethu abasweleyo bazifumana ezo zinto kwiiveki nje ezimbalwa.

KwaseAfrika apho, iqela loogqirha nabongikazi abangamaNgqina alishumi asuka eFransi belinceda abazalwana bethu kwintlungu ebangelwe yimfazwe yamakhaya, indlala nezifo. Kwiminyaka emibini edlulileyo nje kuphela, eli qela liye lanyanga abantu abangaphezu kwe-10 000. Umsebenzi walo uzukisa uYehova nentlangano yakhe. Omnye umongikazi uthi: “Xa sifika kummandla esize kunceda kuwo abazalwana noodadewethu, ngentlonelo abantu baye bathi: ‘NgamaNgqina kaYehova la. Aze kunceda abazalwana bawo.’” Emva kokuba elinye iNgqina elancedwa ngumongikazi lathi: “Enkosi dadewethu. Ndiyabulela Yehova!”

Ngamanye amaxesha uncedo lunokufuneka xa kwenzeke ingozi emasikizi. Ngo-2012, amaNgqina ebandla elincinane laseNigeria ayi-13 afumana ingozi aze afa, aza ayi-54 wona enzakala ngokumasikizi. Ikomiti yokunceda abanye yalungiselela ukuba loo maNgqina anyanyekelwe imini nobusuku. Sibona indlela athontelana ngayo amaNgqina aze kwaba bazalwana noodade, esinye isigulana safowunela umfundisi waso, sathi: “Akho nomny’ umntu endikhonza naye osele eze kundibona. Khawuze aph’ esibhedlele uzokubona indlela athandana ngayo amaNgqina kaYehova!”

Nangona abazalwana bethu belo bandla babesentlungwini yokulahlekelwa ngabazalwana babo, bathuthuzelwa ngamazwi othando avela kwabanye abazalwana. Ngaphezu koko, emva kokubona uthando olubonakaliswa ngabazalwana abakumsebenzi wokunceda abo baxhwalekileyo, abaninzi kwelo bandla bayandisa indlela abasebenza ngayo entsimini. Ngaphambi kokuba abazalwana bafumane ingozi, eli bandla lalinabavakalisi abayi-35. Wathi uphela unyaka, babe sele beyi-60.

EOSTRELIYA

Ngo-2013, iindawo ezithile ezikunxweme lwaseQueensland zathwaxwa zizikhukula ezashiya amaNgqina ayi-70 engenazindlu. UMark, uRhonda nentombi yabo bemka emzini wabo owawugutyungelwe ngamanzi baya kwindawo ababebalekela kuyo abantu. Loo ndawo yayizele imi ngeembambo. URhonda uyabalisa: “Abantu abaninzi babemi ngeenyawo.” Ingxolo eyayibangelwa ziinqwelo-ntaka ezaziphithizela apho, yabangela ukuba imeko ibe mbi nangakumbi kuloo ndawo. Ekhathazekile, wabuza umyeni wakhe, “Siza kuthini?” UMark wathandaza ngokusuk’ entliziyweni ecela uncedo kuYehova. Uqhubeka athi: “Kwimizuzu emalunga neyi-30 emva koko, kwafika imoto eyayikhwele abazalwana abathathu. Bathi: ‘Size kunilanda. Niza kuhlala kumzi womnye umzalwana.’” Uthi: “Andinamazwi okuyichaza indlela esavuya ngayo ngenxa yothando enalo intlangano kaYehova.”

Amatsha-ntliziyo angaphezu kwayi-250 athontelana ukufika kuloo ndawo yentlekele eze kunceda abazalwana bawo. Omnye umzalwana owalupheleyo uthi: “Kwafika iqela lamaNgqina esingalazi nokuba lithe gqi phi. Lasebenza oku kweembovane ligutyula ikhaya lethu. Mna nomkam soze siyilibale indlela abasinceda ngayo aba bazalwana.”

EBRAZIL

Ngo-2008, udaka oluninzi olwehla kwiintaba zaseSanta Catarina nezikhukula zanyanzela abantu abamalunga ne-80 000 ukuba bemke emakhayeni abo. Omnye umhlali uthi: “Kwakungathi sifikelwe yitsunami yodongwe, udaka nemithi.” Abanye abazalwana baya kufihla iintloko kwiHolo yeNdibano. UMárcio, ogcina le Holo uthi: “Bafika neempahla ababezinxibile kuphela, nazo ziludaka nje.” Omnye udade yena uthi: “Indlu yethu yadilika. Kwakubuhlungu ukuyibona idilika ngokuqhwanyaza nje kweliso, kodwa andisoze ndiyilibale indlela abazalwana noodadewethu abasithuthuzela ngayo. Safumana amazwi amaninzi othando! Oku kwandifundisa indlela ekububulumko ngayo ukuxabisa izinto zobuthixo.”

AmaNgqina kaYehova alungiselela kwaye asasaza izinto zokunceda ezinikelweyo ngenxa yentlekele eyenzeke eBrazil

IHolo yeNdibano eSanta Catarina, eBrazil yenziwe yaba yindawo yokunikela uncedo yaye izele yiminikelo yezinto zokunceda, ngo-2009

Udaka olwehla ezintabeni luye lonakalisa izindlu zabantu abahlala ngakwezo ntaba kwisixeko saseRio de Janeiro. Ukuze bakwazi ukunceda kwezo ntlekele zenzeka rhoqo, abazalwana baseka iKomiti Yokunceda Kwintlekele. Xa kubonakala ngathi luza kubakho olu daka, abazalwana abamiselweyo abahlala kuloo mmandla baxelela le komiti. Amatsha-ntliziyo ahamba ngeelori ezibhalwe “Jehovah’s Witnesses—Humanitarian Aid [AmaNgqina KaYehova—Anceda Abantu]” afika ngokukhawuleza. Mzalwana ngamnye oze kusebenza ufika sele eyazi into aza kuyenza. Iivesti abazinxibayo zibenza babonakale ukuba bangamaNgqina kaYehova. Bekunye nabazalwana beeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele, banceda abazalwana noodade abonzakeleyo. Aba bazalwana bafika nokutya, amanzi, amayeza nezinto zokucoca. Ukususa udaka ezindlwini akuyondlwan’ iyanetha. Emva kwenye intlekele, kwindlu nje enye, amatsha-ntliziyo ayi-60 akhupha udaka olwazalisa iilori ezine!

UKULUNGISELELA INTLEKELE

IQumrhu Elilawulayo layalela ukuba amasebe asehlabathini lonke anike abadala bamabandla nabaveleli abahambahambayo imiyalelo yendlela yokulungiselela nokunceda ngamaxesha entlekele. Ngokomzekelo, kwangaphambi kokuba kubekho intlekele, abadala kufuneka baqiniseke ukuba baneenkcukacha ezisexesheni zamalungu ebandla ngalinye.

XA KUSEHLA INTLEKELE!

  1. Umdala uhlola intsapho yabavakalisi

    Abadala basekuhlaleni bafowunela bonke abavakalisi

  2. Abadala basa ingxelo kumnxibelelanisi wequmrhu labadala

  3. Abanxibelelanisi, abaveleli abahambahambayo nabazalwana abanembopheleleko neofisi yesebe

    Umnxibelelanisi wequmrhu labadala uchazela abaveleli abahambahambayo nabanye abazalwana abanxibelelana neofisi yesebe

  4. Uncedo lokutya namanzi

    Ukutya, amanzi, indawo yokuhlala, unyango nezinto zobuthixo ziziswa ngokukhawuleza

  5. Ingxelo ngezinto zokunceda iyahlolwa kwakhona

    Iofisi yesebe ithumela ingxelo ngento eyenzekayo nezinto ezifunekayo kwiKomiti Yonxibelelwano yeQumrhu Elilawulayo

  6. Kusasazwa izinto zokunceda

    IKomiti Yokunikela Uncedo ilungiselela izinto zokunceda abazalwana noodade kangangethuba emva kwentlekele

  7. ieropleyini iyabhabha

    IKomiti Yonxibelelwano ihlola oko kuza kufuneka, ize ithumele amatsha-ntliziyo asuka kwamanye amazwe xa kukho imfuneko

ESINYE ISIXHOBO SOKUNCEDA ABASEBENZI ABANCEDA XA KUKHO INTLEKELE

Iqweqwe lencwadana ethi Jehovah’s Witnesses and Disaster Relief

NGOJUNI 2013, incwadana ethi Jehovah’s Witnesses and Disaster Relief iye yapapashwa. Yayilungiselelwe amagosa karhulumente aseMerika athi ongamela iimeko zongxamiseko. Le ncwadana ichaza indlela esiye sanceda ngayo xa kukho iintlekele ukususela kwiminyaka yoo-1940. Iphinda ibonise imaphu ebonisa amazwe esiye sanceda kuwo. Omnye umdala oye ancedise xa kulungiselelwa izinto zokunceda abantu uthi: “Abazalwana abakhonza kwiiKomiti Zokunikela Uncedo basebenzisa le ncwadana ukuze banxibelelane namagosa aphetheyo kwimimandla esenokuntlithwa yintlekele ngaphambi kokuba intlithe. Xa loo magosa eqhelene neendlela esisebenza ngazo, kuba lula gqitha ukuba sifumane imvume yokungena kwezo ndawo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share